Ukoyiswa kukaYabhin nabanye ookumkani
1Kwathi, akukuva oko uYabhin ukumkani waseHatsore, wathuma kuYobhabhi ukumkani waseMadon, nakukumkani waseShimron, nakukumkani waseAkeshafi, 2nakookumkani abangasentla ezintabeni, naseArabha ngasezantsi kweKineroti, nasezihlanjeni, nasezindulini zaseDore engasentshonalanga, 3kumaKanan empumalanga nasetshonalanga, nakuma-Amori, nakumaHeti, nakumaPerizi, nakumaYebhusi ezintabeni, nakumaHivi aphantsi kweHermon ezweni leMizpa. 4Baphuma ke bona benemikhosi yabo yonke, abantu abaninzi njengentlabathi eselunxwemeni lolwandle ukuba baninzi, namahashe, neenqwelo zokulwa, into eninzi kunene. 5Bavumelana ke abo kumkani bonke; beza bamisa ndawonye emanzini aseMerom, ukuba balwe namaSirayeli.
6Wathi uYehova kuYoshuwa, Musa ukoyika ngenxa yabo; ngokuba ngomso eli xa ndiya kubanikela bonke bephela, behlatyiwe, emandleni amaSirayeli, uwanqumle imisipha amahashe abo, uzitshise ngomlilo iinqwelo zabo zokulwa.
7Waya ke uYoshuwa, enabantu bonke bokulwa, wabafikela ngebhaqo emanzini aseMerom, babawela. 8UYehova wabanikela esandleni samaSirayeli, ababulala, abasukela kwesa eTsidon enkulu, kwesa eMiserefoti-mayim, kwesa ethafeni laseMizpa empumalanga; ababulala kwada akwasala namnye kubo usindileyo. 9Wenza ke uYoshuwa kubo njengoko wathethayo uYehova kuye; amahashe abo wawanqumla imisipha, iinqwelo zabo zokulwa wazitshisa ngomlilo.
10Wabuya uYoshuwa ngelo xesha, wayithimba iHatsore, wambulala ukumkani wayo ngekrele, kuba iHatsore ngenxa engaphambili ibe iyintloko yezo zikumkani zonke. 11Ababulala bonke abantu abakuyo ngohlangothi lwekrele, ayitshabalalisa; akwasala namnye uphefumlayo; ayitshisa iHatsore ngomlilo.
12Yonke imizi yabo kumkani, nabo kumkani bayo bonke, wabathimba uYoshuwa; wababulala ngohlangothi lwekrele, wabatshabalalisa, njengoko uMoses umkhonzi kaYehova wawisayo umthetho. 13Kodwa yonke imizi emi emimangweni yayo amaSirayeli akayitshisanga; yaba yiHatsore yodwa awayitshisayo uYoshuwa. 14Onke amaxhoba aloo mizi neenkomo bazithimbela oonyana bakaSirayeli; kodwa bababulala bonke abantu ngohlangothi lwekrele, bada babatshabalalisa, abasalisa namnye uphefumlayo. 15Njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses umkhonzi wakhe, wenjenjalo uMoses ukumwisela umthetho uYoshuwa. Wenjenjalo ke uYoshuwa; akasusa nalinye ilizwi kuko konke uYehova awamwisela uMoses umthetho ngako.
16Walithabatha ke uYoshuwa lonke elo zwe leentaba, nelasezantsi lonke, nelizwe laseGoshen lonke, nelezihlambo, neleArabha, neentaba zakwaSirayeli, nezihlambo zazo; 17elithabathela ezintabeni ezimkhuthuka, ezinyuka ziye kwaSehire, lesa eBhahali-gadi, ethafeni laseLebhanon, phantsi kwentaba yeHermon. Bonke ookumkani bawo wabathimba, wabaxabela, wababulala.
18Yaba mininzi ke imihla esenza imfazwe uYoshuwa nabo kumkani bonke. 19Akubangakho mzi wazinikelayo ngoxolo koonyana bakaSirayeli, ingengamaHivi abemi baseGibheyon; yonke bayithabatha ngokulwa. 20Ngokuba kwavela kuYehova ukuziqinisa iintliziyo zabo, ukuba bawahlangabeze amaSirayeli ngemfazwe, ukuze abatshabalalise, ukuze kungabikho kubabalwa kwabo, ukuze ke abatshabalalise, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
21Wafika uYoshuwa ngelo xesha, wawanqumla ama-Anaki ezintabeni, eHebron, eDebhiri, eAnabhi, ezintabeni zonke zakwaYuda, ezintabeni zonke zakwaSirayeli; uYoshuwa wawatshabalalisa kunye nemizi yawo. 22Akwasala ma-Anaki ezweni loonyana bakaSirayeli, kuphela kwasala eGaza, naseGati, naseAshode.
23Walithabatha ke uYoshuwa lonke ilizwe, njengako konke awakuthethayo uYehova kuMoses; walinika uYoshuwa lalilifa lamaSirayeli, ngokweentlantlu zawo, ngokwezizwe zawo. Lazola ke ilizwe, akwabakho mfazwe.