Isiko lemini yocamagushelo
1Wathetha uYehova kuMoses emveni kokufa koonyana ababini baka-Aron, ekusondeleni kwabo phambi koYehova, baza bafa. 2Wathi uYehova kuMoses, Thetha kuAron umkhuluwa wakho, angangeni ngamaxesha onke engcweleni ngaphaya komkhusane, phambi kwesihlalo sokucamagusha esiphezu kwetyeya, ukuze angafi; kuba ndiya kubonakala efini phezu kwesihlalo sokucamagusha.
3Wongena uAron engcweleni enezi zinto: enenkunzi entsha, elithole lenkomo, ibe lidini lesono; nenkunzi yemvu, ibe lidini elinyukayo. 4Uya kwambatha ingubo engcwele yangaphantsi yelinen emhlophe, ibekho nebhulukhwe yelinen emhlophe emzimbeni wakhe, abhinqiswe ngombhinqo welinen emhlophe, ajikele unkontsho lwelinen emhlophe: ziingubo ezingcwele ezo. Wowuhlamba umzimba wakhe emanzini, azinxibe ke. 5Wothabatha ebandleni loonyana bakaSirayeli iinkunzi zeebhokhwe ezixhonti zibe mbini, zibe lidini lesono, nenkunzi yemvu enye ibe lidini elinyukayo.
6Woyisondeza uAron inkunzi entsha yenkomo yedini lesono elilelakhe, azicamagushele okwakhe nokwendlu yakhe.
7Wozithabatha iinkunzi zeebhokhwe zombini, azimise phambi koYehova, emnyango wentente yokuhlangana; 8enze amaqashiso uAron phezu kweenkunzi zeebhokhwe zombini: elinye iqashiso libe lelika Yehova, elinye iqashiso libe lelika-Azazele.• 9Maze ayisondeze uAron inkunzi yebhokhwe eliphume nayo iqashiso likaYehova, ayenze idini lesono; 10ke yona inkunzi yebhokhwe eliphume nayo iqashiso lika-Azazele, makayimise iphilile phambi koYehova, ayicamagushele, ayithumele kuAzazele entlango.
11Makayisondeze uAron inkunzi entsha yenkomo yedini lesono elilelakhe, azicamagushele okwakhe nokwendlu yakhe, ayixhele inkunzi entsha yenkomo yedini lesono elilelakhe. 12Makathabathe ugcedevu luzele ngamahlahle omlilo esibingelelweni, esisebusweni bukaYehova, azalise izandla zakhe ngesiqhumiso esimnandi esicolekileyo, asingenise ngaphaya komkhusane; 13asibeke isiqhumiso phezu komlilo phambi koYehova, ukuze ilifu lesiqhumiso lisisibekele isihlalo sokucamagusha esiphezu kwesingqino, ukuze angafi. 14Wocaphula egazini lenkunzi entsha yenkomo, alifefe ngomnwe wakhe esihlalweni sokucamagusha ngasempumalanga, nangaphambili kwesihlalo sokucamagusha, afefe ngenxalenye yegazi izihlandlo ezisixhenxe ngomnwe wakhe.
15Woyixhela inkunzi yebhokhwe yedini lesono eyeyabantu, alise igazi layo ngaphaya komkhusane, alenze igazi layo njengoko walenzayo igazi lenkunzi entsha yenkomo, alifefe esihlalweni sokucamagusha nangaphambili kwesihlalo sokucamagusha; 16ayicamagushele ingcwele ngenxa yobunqambi boonyana bakaSirayeli, nangenxa yezikreqo zabo ngokubhekisele ezonweni zabo zonke; enjenjalo kwintente yokuhlangana ehleliyo nabo phakathi kobunqambi babo.
17Makungabikho mntu ententeni yokuhlangana, ekungeneni kwakhe ukuya kucamagusha engcweleni, kude kube sekuphumeni kwakhe.
Makazicamagushele okwakhe, nokwendlu yakhe, nokwesikhungu sonke samaSirayeli. 18Wophuma aye esibingelelweni esiphambi koYehova, asicamagushele, acaphule egazini lenkunzi entsha yenkomo, nasegazini lenkunzi yebhokhwe, alidyobhe ajikelezise ezimpondweni zesibingelelo; 19asifefe ngenxalenye yegazi ngomnwe wakhe izihlandlo ezisixhenxe, asihlambulule, asingcwalise, ebunqambini boonyana bakaSirayeli; 20agqibe ukuyicamagushela ingcwele nentente yokuhlangana, nesibingelelo.
Woyisondeza inkunzi yebhokhwe ephilileyo, 21acinezele uAron ngezandla zakhe zozibini entlokweni yenkunzi yebhokhwe ephilileyo, abuvume phezu kwayo bonke ubugwenxa boonyana bakaSirayeli, nezikreqo zabo zonke ngokubhekisele ezonweni zabo zonke, azibeke ke phezu kwentloko yenkunzi leyo yebhokhwe, ayithumele entlango ngendoda ezilungisele oko. 22Inkunzi leyo yebhokhwe yobuthwala ke phezu kwayo bonke ubugwenxa babo, iye ezweni eliqhiwukileyo; ayikhulule inkunzi yebhokhwe leyo entlango apho.
23UAron wongena ententeni yokuhlangana, azihlube iingubo zelinen emhlophe, abezambethe ukungena kwakhe engcweleni, azishiye khona; 24awuhlambe umzimba wakhe ngamanzi endaweni engcwele, anxibe iingubo zakhe, aphume, enze idini lakhe elinyukayo, nedini elinyukayo labantu, azicamagushele okwakhe nokwabantu; 25aqhumisele ngenqatha ledini lesono esibingelelweni.
26Lowa wayikhululela kuAzazele inkunzi yebhokhwe, wozihlamba iingubo zakhe, awuhlambe umzimba wakhe emanzini, emveni koko angene eminqubeni.
27Ke yona inkunzi entsha yenkomo yedini lesono, nenkunzi yebhokhwe yedini lesono, ezigazi langeniswa ukuba licamagushe engcweleni, zokhutshelwa ngaphandle kweminquba, zitshiswe ngomlilo izikhumba zazo, nenyama yazo, nomswane wazo. 28Lowo uzitshisayo wozihlamba iingubo zakhe, awuhlambe umzimba wakhe emanzini, emveni koko angene eminqubeni.
29Koba ngummiselo ongunaphakade kuni, ukuthi: Ngenyanga yesixhenxe, ngolweshumi enyangeni leyo, niyithobe imiphefumlo yenu, ningenzi namnye umsebenzi, nokuba ngozalelwe ekhaya, nokuba ngumphambukeli ophambukele kuni, 30kuba ngaloo mhla úya kunicamagushela, ukuba anihlambulule, nihlambuluke ezonweni zenu zonke phambi koYehova. 31Yisabatha kasabatha kuni; noyithoba imiphefumlo yenu: ngummiselo ke ongunaphakade.
32Wócamagusha ke umbingeleli, lowo uya kuthanjiswa, amiselwe ukuba abe ngumbingeleli esikhundleni sikayise; azinxibe iingubo zelinen emhlophe, iingubo ezingcwele; 33ayicamagushele ingcwele kangcwele, nentente yokuhlangana, asicamagushele isibingelelo, abacamagushele ababingeleli, nabantu bonke besikhungu. 34Lowo woba ngummiselo ongunaphakade kuni wokubacamagushela oonyana bakaSirayeli ngenxa yezono zabo zonke, kube kanye ngomnyaka.
Wenza ke njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses.