Izikhubekiso. Uxolelo. Ukholo. Abakhonzi abangancedi lutho
1Wathi ke kubo abafundi, Azinakuba zingezi izikhubekiso; yeha ke, loo mntu ziza ngaye! 2Angásizakala kanye, ethe wagangxwa ilitye lokusila entanyeni yakhe, wajulelwa elwandle, kunokuba akhubekise noko amnye kwaba bancinane. 3Zilumkeleni; ukuba ke umzalwana wakho uthe wakona, mkhalimele; ukuba uthe waguquka, mxolele. 4Nokuba uthe wakona kasixhenxe ngemini, waza wabuyela kuwe kasixhenxe ngemini, esithi, Ndiyaguquka, wòthi umxolele.
5Abapostile• bathi eNkosini, Songezelele ukholo.
6Ithe ke iNkosi, Ukuba beninokholo olunjengokhozo lwemostade, beningáthi kulo mthombe, Ncothuka, utyaleke phakathi elwandle; uze unive. 7Ngubani na ke kuni, enomkhonzi elima, mhlawumbi esalúsa, oya kuthi, akungena evela entsimini, athi kwaoko kuye, Yiza uhlale phantsi; 8ongàyi kuthi kanye kuye, Lungisa into endiya kuyidla, uze ubhinqe, undilungiselele, ndide ndidle ndisele; wòthi emva koko udle usele nawe? 9Angánombulelo kuloo mkhonzi yini na, ngokuba enze izinto azimiselweyo? Anditsho mna.
10Ngokukwanjalo nani, xa nithe nazenza zonke izinto enazimiselwayo, yithini, Singabakhonzi abangancedi lutho; ngokuba sanele ukwenza oko besimelwe kukuthi sikwenze.
Ukuphiliswa kwabalishumi abaneqhenqa
11Kwathi ekuhambeni kwakhe ukuya eYerusalem, wacanda phakathi kwelamaSamariya nelaseGalili yena. 12Akubon' ukuba ungena mzini uthile, amhlangabeza amadoda alishumi eneqhenqa, amela mgama. 13Wona aphakamisa ilizwi, esithi, Yesu, Mongameli, senzele inceba. 14Ewabonile ke, wathi kuwo, Hambani niye kuzibonakalalisa kubabingeleli.
Kwathi ekuyeni kwawo, ahlanjululwa. 15Ithe ke enye kuwo apho, yakubona ukuba iphilisiwe, yabuya imzukisa uThixo ngezwi elikhulu. 16Yawa ngobuso ezinyaweni zakhe, ibulela kuye; yaye yona ingumSamariya. 17Waphendula ke uYesu wathi, Babengahlanjululwanga belishumi na? Baphi na ke abasithoba? 18Akufumanekanga na babuyileyo, besiza kuzukisa uThixo, ngulo wolunye uhlanga yedwa na? 19Wathi kuye, Vuka, uhambe; ukholo lwakho lukusindisile.
Ubukumkani bamazulu bufika ngequbuliso
20Ke kaloku, akubuzwa ngabaFarisi ukuba ubukumkani bukaThixo buya kufika nini na, wabaphendula wathi, Ubukumkani bukaThixo abufiki bunokulolongeka. 21Kanjalo akuyi kuthiwa, Nabu apha! Nabuya phaya! Kuba, yabonani, ubukumkani bukaThixo bungaphakathi kwenu.
22Wathi ke kubo abafundi, Kuya kufika mihla, niya kunqwenela ngayo ukuwubona noko umnye umhla woNyana woMntu, ningawuboni; 23baya kuthi ke kuni, Nanku apha! Nankuya phaya! Musani ukuya, ningaphuthumi nokuphuthuma. 24Kuba kwanjengokuba umbane ubaneka, uphuma kwelinye icala eliphantsi kwezulu, ukhanye usingise kwelinye eliphantsi kwezulu, uya kuba njalo noNyana woMntu ngomhla wakhe. 25Kodwa kuqala umelwe kukuthi eve ubunzima obuninzi, alahlwe sesi sizukulwana.
26Njengoko kwaye kuhlé ngemihla kaNowa, koba njalo nangemihla yoNyana woMntu. 27Babesidla, babesela, babezeka, babesendisa, kwada kwayimini awangena ngayo uNowa emkhombeni; wafika unogumbe, wabatshabalalisa bonke. 28Njengoko kwaye kunjalo nangemihla kaLote; babesidla, babesela, babethenga, babethengisa, babetyala, babesakha; 29kodwa ngemini awaphuma ngayo uLote eSodom, kwaná umlilo nesulfure ezulwini, batshatyalaliswa bonke.
30Kuya kuba kwanjengoko ngemini atyhileka ngayo uNyana woMntu. 31Ngaloo mini, oya kuba phezu kwendlu, zibe iimpahla zakhe zisendlwini, makangehli aye kuzithabatha. Kwangokunjalo, nosentsimini makangabuyeli kwezisemva. 32Khumbulani umkaLote. 33Othe wafuna ukuwushindisa umphefumlo wakhe, wolahlekelwa nguwo; othe wawulahla, uya kuwulondoloza. 34Ndithi kuni, Ngobo busuku ababini boba sililini sinye; omnye amkelwe, omnye ashiywe. 35Amankazana amabini oba esila ndawonye; enye yamkelwe, enye ishiywe. 36Abantu ababini boba sentsimini; omnye amkelwe, omnye ashiywe.
37Baphendula bathi kuye, Phi na, Nkosi? Ithe ke yona kubo, Apho sikhona isidumbu, aya kuhlanganisana khona amaxhalanga.