Umzekeliso womsitho
()
1Waphendula uYesu, wabuya wathetha kubo ngemizekeliso, esithi, 2Ubukumkani bamazulu bufanekiswa nomntu ongukumkani, owamenzela umsitho unyana wakhe. 3Wesusa abakhonzi bakhe ukuba baye kubabiza abamenyiweyo, beze emsithweni; basuka àbavuma ukuza. 4Wabuya wesusa abanye abakhonzi, esithi, Yitshoni kwabamenyiweyo ukuthi, Yabonani, isidlo sam sendisilungisile; iinkomo zam neento zam ezityetyisiweyo zixheliwe, konke sekulungile; yizani emsithweni. 5Abakhathalanga ke bona; basuka bemka, omnye waya kweyakhe intsimi, omnye waya ekurhwebeni kwakhe. 6Bathi ke abaseleyo bababamba abakhonzi bakhe, babaphatha kakubi, bababulala.
7Evile ke ukumkani, waqumba, wayikhupha imikhosi yakhe, wabatshabalalisa abo babulali, wawutshisa nomzi wabo. 8Aze athi kubakhonzi bakhe, Umsitho okunene sewulungile wona, kodwa abamenyiweyo bebengafanelekile. 9Yiyani ngoko ezintlanganweni zeendlela, nithi abo nithe nabafumana, nibabize beze emsithweni. 10Baphuma abo bakhonzi baya ezindleleni, bahlanganisa bonke ababafumanáyo, abakhohlakeleyo kwanabalungileyo; wazala umsitho ngabamenyiweyo.
11Ke kaloku akungena ukumkani, eza kukhangela abamenyiweyo, wabona apho umntu ongambethe ngubo yamsitho. 12Athi kuye, Wethu, utheni na ukungena apha, ungenáyo ingubo yomsitho? 13Lamkhohla ke. Wathi ukumkani kubalungiseleli, Mbopheni iinyawo nezandla, nimthabathe, nimkhuphele ebumnyameni bangaphandle; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo. 14Kuba baninzi ababiziweyo, ke bambalwa abanyuliweyo.
Malunga nerhafu
(; )
15Baza abaFarisi baya benza ibhunga lokuba bamthiyele ekuthetheni kwakhe. 16Bathumela kuye abafundi babo benamaHerode, besithi, Mfundisi, siyazi ukuba uyinyaniso, uyifundisa indlela kaThixo ngenyaniso; kananjalo akukhathali nangubani, kuba akukhethi buso bamntu. 17Sixelele ngoko, uthini na wena? Kuvumelekile na ukumnika irhafu uKesare,• akuvumelekile, sini na?
18Ke kaloku, eyazi uYesu inkohlakalo yabo, wathi, Nindilingelani na, bahanahanisindini? 19Ndiboniseni iqhosha lerhafu. 20Bamzisela ke idenariyo.• Athi kubo, Ngokabani na lo mfanekiso nombhalo? 21Bathi kuye, NgokaKesare. Andule ukuthi kubo, Nikelani kaloku izinto zikaKesare kuKesare, neento zikaThixo kuThixo. 22Bakuva bamangaliswa, basuka bamshiya, bemka.
AbaSadusi novuko
(; )
23Kwangaloo mini kweza kuye abaSadusi, abathi akukho luvuko; bambuza, besithi, 24Mfundisi, uMoses wathi, Ukuba ubani uthe wafa engenabantwana, wothi umzalwana wakhe amngene umfazi wakhe, amvelisele imbewu umzalwana wakhe. 25Ke kaloku kwaye kukho kuthi abazalwana abasixhenxe; waza owokuqala akubon' ukuba uzekile wabhubha, wathi, kuba engenambewu, wamshiya kumzalwana wakhe umfazi wakhe. 26Wenjenjalo nowesibini, nowesithathu, kwada kwaya kowesixhenxe. 27Emveni ke kwabo bonke, wafa naye umfazi. 28Ngoko eluvukweni uya kuba ngumfazi wawuphi na kweso sixhenxe? Kuba babenaye bonke.
29Waphendula ke uYesu wathi kubo, Niyalahleka, kuba ningazazi izibhalo kwanamandla kaThixo. 30Kuba eluvukweni abazeki, abendiswa; banjengazo izithunywa zikaThixo emazulwini. 31Ngalo ke uvuko lwabafileyo, anikulesanga na okwathethwayo kuni nguThixo, esithi, 32Mna ndinguThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi? UThixo akaThixo wabafileyo, ungowabaphilileyo.
33Zathi izihlwele zakukuva, zakhwankqiswa yimfundiso yakhe.
Umthetho omkhulu
(; )
34Ke kaloku bathe abaFarisi, bakuva ukuba ubéthe labakhohla abaSadusi, bahlanganiselana ndawonye. 35Omnye kubo ongumqondisi-mthetho wambuza emlinga, wathi, 36Mfundisi, owona myalelo mkhulu emthethweni nguwuphi na? 37Wathi ke uYesu kuye, Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela. 38Nguwo lowo owokuqala nomkhulu umthetho. 39Owesibini ke ufana nawo: Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako. 40Kule mithetho yomibini kuxhomekeke umyalelo uphela nabaprofeti.
UKristu, uNyana kaDavide
(; )
41Bakubon' ukuba bahlanganisene ke abaFarisi, 42uYesu wabuza kubo, esithi, Nithini na nina ngaye uKristu?• Ungunyana kabani na? Bathi kuye, kaDavide. 43Athi kubo, Yini na phofu ukuba uDavide ngoMoya ambize ngokuthi, Nkosi, esithi,
44Yathi iNkosi eNkosini yam,
Hlala ngasekunene kwam,
Ndide iintshaba zakho ndizenze isihlalo seenyawo zakho?
(INdum. 110:1)
45Ukuba uDavide ngoko umbiza ngokuba Nkosi, úngunyana wakhe ngani na?
46Akubangakho namnye ubenako ukumphendula nezwi eli; kananjalo kususela kuloo mini, akubanga sabakho mntu waba nabuganga bakumbuza nto.