Ukutyiswa kwesihlwele okwesibini
()
1Ngaloo mihla, sakuba sikhulu kakhulu isihlwele, singenanto singayidlayo, wababizela kuye abafundi bakhe uYesu, athi kubo, 2Ndisikwa yimfesane ngenxa yesihlwele; ngokuba sekuntsuku ntathu behleli nam, bengenanto bangayidlayo; 3ukuba ndithe ndabandulula baya emakhayeni abo bengadlanga, botyhafa endleleni; kuba inxenye yabo ivela kude.
4Bamphendula abafundi bakhe, besithi, Wókuzuza phi na umntu ukuba nako ukubahluthisa aba ngezonka, entlango apha? 5Wayebabuza esithi, Zingaphi na izonka eninazo? Bathi ke bona, Zisixhenxe. 6Wasithethela isihlwele ukuba sihlale phantsi emhlabeni. Wazithabatha izonka zosixhenxe, wabulela, waqhekeza, wanika abafundi bakhe, ukuze babeke phambi kwabo; babeka ke phambi kwaso isihlwele. 7Baye beneentlanzana ezimbalwa; akuba esikelele, wathi mazibekwe phambi kwabo nazo. 8Badla ke bahlutha; basusa amaqhekeza aseleyo, iingobozi zasixhenxe. 9Ke kaloku abo babesidla ngathi babemawaka mané; wabandulula.
Igwele labaFarisi
()
10Wangena kwaoko emkhombeni, nabafundi bakhe, weza emacaleni aseDalmanuta.
11Baphuma abaFarisi baqala ukubuzana naye, befuna kuye umqondiso ovela emazulwini, bemlinga. 12Encwinile kanzulu ngomoya wakhe, athi, Yini na ukuba esi sizukulwana singxamele umqondiso? Inene ndithi kuni, Unakanye ukuba sinikwe umqondiso esi sizukulwana. 13Wabashiya, wabuya wangena emkhombeni, wemka waya ngaphesheya.
14Baye belibele ukuphatha izonka; babengenanto banayo emkhombeni, ngaphandle kwesonka esinye. 15Wabayala esithi, Ligqaleni, nililumkele, igwele labaFarisi, negwele likaHerode. 16Baye becamanga besitshono ukuthi, Kungokuba singenazonka.
17Ekwazi oko uYesu, athi kubo, Yini na ukuba nicamange, ngokuba ningenazonka? Anikaqiqi na, anikaqondi na? 18Isaqaqadekile na intliziyo yenu? Ninamehlo nje, aniboni na? Nineendlebe nje, aniva na? Anikhumbuli na? 19Okuyá ndaqhekezela amawaka amahlanu izonka ezihlanu, zaye zingaphi na izitya ezizele ngamaqhekeza enazisusayo? Bathi kuye, Zazilishumi elinazibini. 20Okuyá ke ezisixhenxe ndaziqhekezela amawaka amané, zazingaphi na iingobozi zizele ngamaqhekeza enazisusayo? Bathi ke, Zazisixhenxe. 21Wayesithi kubo, Phofu yini na ukuba ningaqondi?
Ukuphiliswa kwemfama yaseBhetesayida
22Uthi aze kufika eBhetesayida; bazise imfama kuye, bambongoze ukuba ayichukumise. 23Uthe, eyibambe ngesandla imfama, wayirholela ngaphandle komzi; watshica emehlweni ayo, wabeka izandla phezu kwayo, wayibuza ukuba ibona nto na? 24Yaza yakhangela phezulu yathi, Ndiyababona abantu; kuba ndibanakana behamba, ngathi yimithi.
25Wabuya wazibeka izandla phezu kwamehlo ayo, wayikhangelisa phezulu; yabuya yaphila, yababona bonke kakuhle. 26Uthe ayithumele endlwini yayo, esithi, Uze ungangeni kuwo umzi, ungathethi nakubani kuwo umzi.
UPetros uvuma ukuba uYesu unguKristu
()
27Waphuma uYesu nabafundi bakhe, waya emizini yaseKesareya kaFilipu; waye endleleni ebabuza abafundi bakhe, esithi kubo, Kuthiwa ngabantu ndingubani na mna? 28Baphendula ke bona ngokuthi, Bathi ùnguYohane umbhaptizi; abanye bathi ùnguEliya; bambi ke bathi ùngomnye wabaprofeti. 29Athi yena kubo, Ke nina nithi ndingubani na? Aphendule ke uPetros athi kuye, Wena unguye uKristu.• 30Wabakhalimela ukuba bangaxeleli bani ngaye.
UYesu ukuxela kwangaphambili ukufa nokuvuka kwakhe
()
31Waqala ukubafundisa, okokuba uNyana woMntu umelwe kukuba eve ubunzima obukhulu, alahlwe ngawo amadoda amakhulu nababingeleli abakhulu nababhali, abulawe, athi emveni kweentsuku ezintathu abuye avuke. 32Elo zwi wayelithetha ngokungafihlisiyo. UPetros wamthabathela kuye, waqala ukumkhalimela. 33Uthe ke yena, ejikile, wabakhangela abafundi bakhe, wamkhalimela uPetros, esithi, Suka uye emva kwam, Sathana;• ngokuba ungàzinyamekeli ezikaThixo izinto, unyamekele ezabantu.
Ukuzincama
()
34Esibizele kuye isihlwele, kwanabafundi bakhe, wathi kubo, Osukuba ethanda ukundilandela, makazincame, awuthwale umnqamlezo wakhe, andilandele ke. 35Kuba othe wathanda ukuwusindisa umphefumlo wakhe, wolahlekelwa nguwo; ke yena othe wawulahla umphefumlo wakhe ngenxa yam, nangenxa yeendaba ezilungileyo ezi, wowusindisa. 36Kuba komnceda ntoni na umntu, ukuba uthe walizuza ihlabathi liphela, waza wonakalelwa ngumphefumlo wakhe? 37Okanye worhola ntoni na umntu, ibe sisananelo somphefumlo wakhe? 38Kuba othe waneentloni ngam nangamazwi am, kwesi sizukulwana sikrexezayo, sonayo, naye uNyana woMntu woba neentloni ngaye, xa athe weza esebuqaqawulini boYise, enezithunywa ezingcwele.