UNAHUM 2
Ukuwa kweNineve nokutshatyalaliswa kwayo
1Kunyuké umhlekezi, weza phambi kwakho, Nineve; londoloza inqaba yakho, bonisela endleleni, qinisa izinqe, khupha amandla kunene. 2Ngokuba uYehova ulibuyele iqhayiya lakwaYakobi ngokweqhayiya lakwaSirayeli; ngokuba abathi qongqololo bathe qongqololo; bawonakalisile amasebe abo emidiliya. 3Ingweletshetshe yamagorha akhe yenziwe ingqombela, amadoda anobukroti athiwe wambu ngezibomvu; iinqwelo zokulwa zinomlilo ophuma ezintsimbini ngemini yokuxhoba kwakhe, izinto zemisipres• ziyatyityimba. 4Iinqwelo zokulwa ziyadlongozela ezitratweni, ziyagilana emabaleni; ukubonakala kwazo kunjengezikhuni ezitshangaziswayo, zibaleka njengemibane.
5Úkhumbulé iingangamsha zakhe; ziya kukhubeka ekuhambeni kwazo; zingxamela eludongeni lwayo, selimisiwe ikhuselo. 6Amasango àsemilanjeni avuliwe, linyibilikile ibhotwe. 7Kugqityiwe kwelokuba iya kuhlutywa, imkiswe, nabakhonzazana bayo badumzele ngokwelizwi lamavukuthu, bebetha ezifubeni zabo. 8INineve injengechibi lamanzi, kususela koko yabakhoyo; bayabaleka noko; kuba angàthiwa, Yimani, yimani! hayi, akubikho uphethulayo.
9Phangani isilivere, phangani igolide; akunakuphela ukuxhotyiswa ngobuninzi beempahla zonke ezinqwenelekayo. 10Kuthe qongqololo, kwathi qongqololo, kwaba selubala; intliziyo inyibilikile, amadolo ayagevezela; yinimba emanqeni onke, ubuso bonke buphela buba luthuthu. 11Siphi na isikhundla seengonyama, nedlelo elo leengonyama ezintsha, ebilihamba ingonyama induna nengonyamakazi, ithole lengonyama, kungekho wothusayo? 12Ingonyama le iqwenga okwanele amathole ayo, ikrwitshele iingonyamakazi zayo, izalise imingxuma yayo ngexhoba, nezikhundla zayo ngento eqwengiweyo.
13Uthi uYehova wemikhosi, Yabona, ndikuchasile; ndozitshisa iinqwelo zakho zokulwa zibe ngumsi, ikrele lizidle iingonyama zakho ezintsha; ndilinqumle ehlabathini ixhoba lakho, lingabi savakala izwi labathunywa bakho.
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.