Ilungelo leentombi lokuba zidle ilifa
1Zasondela iintombi zikaTselofehadi, unyana kaHefere, unyana kaGiliyadi, unyana kaMakire, unyana kaManase, zomzalwane kaManase, unyana kaYosefu. Ngawo ke la amagama eentombi zakhe ezo: uMala, noNoha, noHogela, noMilka, noTirtsa. 2Zema phambi koMoses naphambi koElazare umbingeleli, naphambi kwezikhulu zebandla lonke emnyango wentente yokuhlangana, zathi, 3Ubawo wafela entlango; yena wayengekho phakathi kwebandla labahlanganáyo ngoYehova ebandleni likaKora; ngokuba wafa ngesakhe isono, engabanga nanyana. 4Yini na ke ukuba igama likabawo licinywe phakathi kwemizalwane yakhe, kuba engenanyana? Sinike ilifa phakathi kwabazalwana bakabawo.
5UMoses wasibeka isimangalo sazo phambi koYehova.
6Wathetha uYehova kuMoses wathi, 7Iintombi zikaTselofehadi zilungisile ukuthetha; wòzinika ilifa phakathi kwabazalwana bakayise, ulihambisele kuzo ilifa likayise; 8uthèthe koonyana bakaSirayeli, uthi, Xa ithe yafa indoda, ingenanyana, nòlihambisela ilifa layo kwintombi yayo. 9Ke ukuba ithe ayaba nantombi, nolinika abazalwana bayo ilifa layo. 10Ukuba ithe ayaba nabazalwana, nolinika abazalwana bakayise ilifa layo. 11Ukuba uyise uthe akaba nabazalwana, ilifa layo nolinika umzalwana wayo okufuphi kuyo emizalwaneni yayo, alidle ilifa. Woba ngummiselo ke wokugweba lowo koonyana bakaSirayeli, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
UYoshuwa ugosiswa esikhundleni sikaMoses
12Wathi uYehova kuMoses, Nyuka uye kule ntaba yeAbharim, ulikhangele ilizwe endilinike oonyana bakaSirayeli, 13ulikhangele; uhlanganiselwe kwabakowenu nawe, njengokuba wahlanganiselwayo kubo uAron, umkhuluwa wakho; 14njengokuba nawuphikisayo umlomo wam entlango yeTsin, embambanweni yebandla, endaweni yokundingcwalisa emanzini emehlweni abo. Lawo ngamanzi embambano aseKadeshe, entlango yeTsin.
15Wathetha uMoses kuYehova, esithi, 16UYehova, uThixo woomoya benyama yonke, makamise indoda yokuvelela ibandla; 17eya kuphuma phambi kwabo, ingene phambi kwabo, ibakhuphe, ibangenise; lingabi njengezimvu ezingenamalusi ibandla likaYehova.
18Wathi uYehova kuMoses, Zithabathele uYoshuwa, unyana kaNun, indoda okuyo umoya, ucinezele ngesandla sakho phezu kwakhe, 19ummise phambi koElazare umbingeleli, naphambi kwebandla lonke, umwisele umthetho emehlweni abo; 20uthabathe kwindili yakho, ubeke phezu kwakhe, ukuze limve lonke ibandla loonyana bakaSirayeli. 21Maze eme phambi koElazare umbingeleli, yena ambuzele ukugweba kweeUrim• phambi koYehova, baphume ngokomlomo wakhe, bangene ngokomlomo wakhe, yena noonyana bonke bakaSirayeli ndawonye naye, nebandla lonke.
22Wenza ke uMoses njengoko uYehova wamwiselayo umthetho. Wamthabatha uYoshuwa, wammisa phambi koElazare umbingeleli, naphambi kwebandla lonke; 23wacinezela ngezandla zakhe phezu kwakhe, wamwisela umthetho, njengoko uYehova wathethayo ngoMoses.