INUMERI 36
Umthetho malunga neendlamafakazi
1Kwasondela iintloko zezindlu zooyise ngokwemizalwane yoonyana bakaGiliyadi, unyana kaMakire, unyana kaManase, wasemizalwaneni yoonyana bakaYosefu, bathetha phambi koMoses naphambi kwezikhulu, iintloko zezindlu zooyise zoonyana bakaSirayeli, 2bathi, UYehova wayiwisela umthetho inkosi yethu, ukuba ibanike ilizwe ngamaqashiso oonyana bakaSirayeli, ukuba libe lilifa. Inkosi yethu ke yawiselwa umthetho nguYehova, ukuba ilifa likaTselofehadi, umzalwana wethu, ilinike iintombi zakhe. 3Ke ukuba zithe zaba ngabafazi bothile koonyana bezizwe zoonyana bakaSirayeli, loncitshiswa ilifa loobawo lilifa lazo, longezelelwe kwilifa lesizwe eziya kuba kuso, lincitshiswe iqashiso lelifa lethu. 4Ukuba úthe wafika umnyaka wakuhlokomisa ngesigodlo• koonyana bakaSirayeli, losuka longezelelwe ilifa lazo kwilifa lezizwe eziya kuba kuso, lincitshiswe ilifa lesizwe soobawo lilifa lazo.
5Wabawisela ke uMoses umthetho oonyana bakaSirayeli ngokomlomo kaYehova, esithi, Isizwe soonyana bakaYosefu silungisile ukuthetha. 6Lilo eli ilizwi alenze umthetho uYehova ezintombini zikaTselofehadi: uthi, Mazendele kulowo zimthandileyo, kodwa mazendele emzalwaneni wesizwe sikayise; 7ukuze lingashenxi ilifa loonyana bakaSirayeli, lisuke kwesinye isizwe, liye kwesinye isizwe. Ngokuba baya kunamathela oonyana bakaSirayeli elowo elifeni lesizwe sooyise. 8Zonke iintombi ezinelifa ezizweni zoonyana bakaSirayeli ziya kwendela kothile emzalwaneni wesizwe sooyise, ukuze oonyana bakaSirayeli babe nalo elowo ilifa looyise; 9ukuze lingashenxi ilifa esizweni, liye sizweni simbi, kuba izizwe zoonyana bakaSirayeli ziya kunamathela eso elifeni laso.
10Njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses, zenjenjalo iintombi zikaTselofehadi. 11UMala, noTirtsa, noHogela, noMilka, noNoha, iintombi zikaTselofehadi, zendela koonyana babazalwana bakayise; 12zendela emizalwaneni yoonyana bakaManase, unyana kaYosefu; ilifa lazo laba sesizweni somzalwana kayise.
13Yiyo leyo imithetho namasiko awawawisayo uYehova ngesandla sikaMoses koonyana bakaSirayeli, ezinkqantosini zakwaMowabhi, ngaseYordan malunga neYeriko.
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.