Inceba kaYehova ingunaphakade
1Bulelani kuYehova, ngokuba elungile,
Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
2Makathi uSirayeli,
Ingunaphakade inceba yakhe.
3Mayithi indlu ka-Aron,
Ingunaphakade inceba yakhe.
4Mabathi abamoyikayo uYehova,
Ingunaphakade inceba yakhe.
5Ndabiza uYehova ndisengxingongweni;
Wandiphendula uYehova, wandibeka endaweni ebanzi.
6UYehova ungakum, andoyiki;
Angándenza ntoni na umntu?
7UYehova ungakum ngokundinceda;
Ndiya kubona mna kwabandithiyayo.
8Kulungile ukuzímela ngoYehova,
Ngaphezu kokukholosa ngomntu.
9Kulungile ukuzímela ngoYehova
Ngaphezu kokukholosa ngamanene.
10Zingafanelana zonke iintlanga zindirhawule:
Egameni likaYehova inene ndozinqumla.
11Zingafanelana zindirhawule zandirhawula:
Egameni likaYehova inene ndozinqumla.
12Zingafanelana zindirhawule njengeenyosi:
Zocinywa njengomlilo weentsasa;
Egameni likaYehova inene ndozinqumla.
13Ùndityhale ngamandla wena ukuba ndiwe;
Kodwa uYehova wandinceda.
14Iqhayiya lam nengoma yam nguYehova,
Waba lusindiso kum.
15Izwi lokumemelela nelosindiso lisezintenteni zamalungisa, lisithi,
Isandla sokunene sikaYehova siyeyisa;
16Isandla sokunene sikaYehova siphakamile;
Isandla sokunene sikaYehova siyeyisa.
17Andiyi kufa, ndiya kudla ubomi,
Ndibalise ngezenzo zikaYehova.
18UYehova undithethisé kakhulu,
Ke akandinikela ekufeni.
19Ndivuleleni amasango obulungisa;
Ndiya kungena ngawo, ndiya kubulela kuYehova.
20Nali isango likaYehova,
Amalungisa angena ngalo.
21Ndiyabulela kuwe kuba undiphendule,
Waba lusindiso kum.
22Ilitye abalilahláyo abakhi
Laba yintloko yembombo.
23Kuvele kuYehova oku,
Kungumsebenzi obalulekileyo emehlweni ethu.
24Le yimini ayenzileyo uYehova,
Masigcobe sivuye ngayo.
25Yehova, camagu, khawusindise,
Yehova, camagu, khawuhlangule.
26Makabongwe lo uzayo esegameni likaYehova,
Siyanisikelela nina basendlwini kaYehova.
27UYehova nguThixo, úsikhanyisela;
Bophelelani umbingelelo womthendeleko ngeentambo,
Kude kuye ezimpondweni zesibingelelo.
28ÙnguThixo wam, ndiya kubulela kuwe;
ÙnguThixo wam, ndiya kukuphakamisa.
29Bulelani kuYehova, ngokuba elungile,
Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.