Ukulangazelela uThixo ekuthinjweni nasekhathazweni
Kumongameli: eyokuqiqa; eyoonyana bakaKora.
1Njengexhama elitsalela emifuleni yamanzi,
Wenjenjalo ukutsalela kuwe, Thixo, umphefumlo wam.
2Umphefumlo wam unxanela uThixo, uThixo ophilileyo;
Ndiya kufika nini na, ndibonakale ebusweni bukaThixo?
3Iinyembezi zam zaba kukudla kwam imini nobusuku,
Bakuthi kum imihla yonke, Úphi na uThixo wakho?
4Ndikhumbula oku, ndiwuphalazela kum umphefumlo wam,
Ukuhamba kwam nezihlwele ndisiya endlwini kaThixo,
Sinezwi lokumemelela nokubulela, siyingxokolo evuyayo.
5Kungani na ukuba ùsibekeke, mphefumlo wam;
Kungani na ukuba ugule ngaphakathi kwam?
Lindela kuThixo, ngokuba ndisaya kubuya ndibulele kuye,
Olusindiso lobuso bam, noThixo wam.
6Thixo wam, umphefumlo wam usibekekile kum; ngenxa yoko ndikhumbula wena
Ezweni laseYordan, nakweleHermon, entabeni yeMitsare.
7Amanzi anzongonzongo abiza amanzi anzongonzongo ngesandi seengxangxasi zakho;
Onke amaza akho alwayo, amaza akho agugumayo, adlule phezu kwam.
8Emini uYehova uya kuyiwisela umthetho inceba yakhe,
Nasebusuku ukuvuma ngaye kunam,
Ukuthandaza kuThixo wobomi bam.
9Ndithi ke kuThixo oyingxondorha yam, Undilibele ngani na?
Ndihambelani na ngezimnyama zokuzila ngokuxina kotshaba?
10Ngento ephehlayo emathanjeni am, bayandingcikiva abandibandezelayo,
Ngokuthi kwabo kum imihla yonke, Úphi na uThixo wakho?
11Kungani na ukuba ùsibekeke, mphefumlo wam;
Kungani na ukuba ugule ngaphakathi kwam?
Lindela kuThixo, ngokuba ndisaya kubuya ndibulele kuye,
Olusindiso lobuso bam, noThixo wam.