Umthandazo womoni ozohlwayayo ecela ukuxolelwa
Kumongameli. Umhobe kaDavide: ekuzeni kukaNatan umprofeti kuye, emveni kokuba ebengene uBhatshebha.
1Tarhu, Thixo, ngokwenceba yakho!
Ngokobuninzi benceba yakho, cima ukreqo lwam!
2Ndíxovule kunene, busuke ubugwenxa bam,
Undihlambulule esonweni sam.
3Ngokuba ndiyalwazi mna ukreqo lwam,
Nesono sam siphambi kwam ngamaxesha onke.
4Ndonile kuwe, kuwe wedwa,
Ndênza okubi emehlweni akho;
Ukuze ube lilungisa ekuthetheni kwakho,
Ucace ekugwebeni kwakho.
5Ùyabona, ndizalelwe ebugwenxeni,
Ndakhawulwa nguma esonweni.
6Ùyabona, ùfuna inyaniso ezintsweni,
Ésitheni undazisa ubulumko.
7Ndíhlambulule isono ngehisope,• ndihlambulùke;
Ndíxovule, ndibe mhlophe kunekhephu;
8Ndivise imihlali nemivuyo,
Agcobe amathambo owacolileyo.
9Sithelisa ubuso bakho ezonweni zam,
Ubucime bonke ubugwenxa bam.
10Dala phakathi kwam, Thixo, intliziyo ehlambulukileyo,
Uhlaziye umoya oqinisekileyo phakathi kwam.
11Musa ukundilahla ebusweni bakho,
UMoya wakho oyiNgcwele ungamsusi kum.
12Buyisela kum imihlali yosindiso lwakho,
Undixhase ngomoya wentumekelelo.
13Ndobafundisa abangendawo iindlela zakho,
Babuyele kuwe aboni.
14Ndíhlangule emagazini, Thixo, Thixo ondisindisayo;
Lomemelela ngobulungisa bakho ulwimi lwam.
15Nkosi yam, vula imilebe yomlomo wam,
Uyixéle indumiso yakho umlomo wam.
16Ngokuba akunanzé mibingelelo, bendiya kukunika;
Àkalikholo kuwe amadini anyukayo.
17Imibingelelo kaThixo ngumoya owaphukileyo,
Intliziyo eyaphukileyo, etyumkileyo,
Thixo, akuyi kuyidela.
18Yenzele okulungileyo iZiyon ngokukholekileyo kuwe;
Yakha iindonga zeYerusalem.
19Kuya kwandula ukuba mnandi kuwe imibingelelo yobulungisa, amadini apheleleyo;
Ziya kwandula ukunyuswa iinkunzi ezintsha zeenkomo esibingelelweni sakho.