Umthandazo nombongo wexhego
1Ndizímela ngawe, Yehova,
Mandingaze ndidane naphakade:
2Ngobulungisa bakho ndíhlangule, ndísize;
Ndíthobele indlebe yakho, undisindise.
3Yiba liliwa elilikhaya kum, ndize kulo ngamaxesha onke.
Uwisé umthetho wokuba ndisindiswe,
Ngokuba ingxondorha yam nemboniselo yam nguwe.
4Thixo wam, ndísize esandleni songendawo,
Esandleni sogqwethayo nosisibhovubhovu.
5Ngokuba ulithemba lam, Nkosi yam, Yehova,
Inkoloseko yam kwasebuncinaneni bam.
6Ndixhaswé nguwe kwasesizalweni;
Nguwe owandityhobozisayo ezibilinini zikama.
Indumiso yam ingawe ngamaxesha onke.
7Ndinjengesimanga kwabaninzi;
Ke wena ulihlathi lam elinqabileyo.
8Umlomo wam uya kuzala yindumiso yakho,
Sisihombo sakho imini yonke.
9Musa ukundilahla ngexesha lobuxhego;
Musa ukundishiya akuphela amandla am.
10Ngokuba zithetha ngam iintshaba zam;
Abawulindayo umphefumlo wam bayacebisana,
11Besithi, UThixo umlahlile;
Msukeleni nimbambe, ngokuba akukho mhlanguli.
12Thixo, musa ukuba kude kum;
Thixo wam, khawuleza undincede.
13Mabadane, bagqitywe, abawuchasayo umphefumlo wam,
Bathiwe wambu yingcikivo nehlazo abafuna ukuba ndihlelwe bububi.
14Ke mna ndiya kuhlala ndilindile,
Ndongeze endumisweni yakho yonke.
15Umlomo wam uya kubalisa ngemisebenzi yobulungisa bakho,
Neyosindiso lwakho imini yonke, ngokuba ndingàwazi amanani ayo.
16Ndiya kuza nemisebenzi yobugorha beNkosi uYehova;
Ndiya kukhankanya ubulungisa bakho, bakho wedwa.
17Thixo, undifundisile kwasebuncinaneni bam;
Unangoku ndiyayixela imisebenzi yakho ebalulekileyo.
18Thixo, musa ukundishiya kude kuye ebuxhegweni nasezimvini;
Ndide ndiyixele ingalo yakho kwisizukulwana esitsha,
Nobugorha bakho kubo bonke abaya kuza.
19Thixo, ubulungisa bakho buye bafika phezulu;
Wena uzenzayo izinto ezinkulu,
Thixo, ngubani na onjengawe?
20Wena, usibonisileyo iimbandezelo ezininzi ezinobubi,
Ùya kubuya usiphilise,
Ubuye usirhole ezinzonzobileni zamanzi ehlabathi;
21Ùya kubandisa ubukhulu bam,
Ubuye wena undithuthuzele.
22Ndiya kuyibulela nokuyibulela kuwe ngomrhubhe
Inyaniso yakho, Thixo wam;
Ndiya kukubethela uhadi,
Ngcwele kaSirayeli.
23Úya kumemelela umlomo wam, ndakùkubethela uhadi,
Nomphefumlo wam owukhululeyo;
24Nolwimi lwam luya kuxela ubulungisa bakho imini yonke,
Ngokuba bedanile beneentloni abafuna ukuba ndihlelwe bububi.