Ubomi obutsha
1Ndiyanivuselela ngoko, bazalwana, ngeemfefe zikaThixo, ukuba niyinikele imizimba yenu ibe lidini eliphilileyo, elingcwele, elikholekileyo kuThixo: inkonzo yenu ke leyo yasengqondweni. 2Kanjalo ningamilisi okweli phakade; manibe kumila kumbi ngokuhlaziyeka kwengqiqo yenu, ukuze nikucikide into okuyiyo ukuthanda kukaThixo okulungileyo, okukholekileyo, okuzalisekileyo.
Eyona ndlela yokusebenzisa izipho zoMoya
3Kuba ngalo ubabalo endababalwa ngalo, ndithi kubo bonke abaphakathi kwenu, mabangazicingeli ngaphezu koko bamelwe kukuzicingela ngako; mabazicingele ingcinga ephilileyo, njengoko uThixo abelé ulowo nalowo umlinganiso wokholo. 4Kuba, kwanjengokuba sinamalungu amaninzi mzimbeni mnye, abe ke onke amalungu la engenamsebenzi mnye, 5ngokunjalo thina aba, sibaninzi nje, simzimba mnye kuKristu, sonke ke ngabanye singamalungu omnye elomnye.
6Sinezibabalo nje ke ezahlukahlukileyo, ngokobabalo esababalwa ngalo, nokuba sinokuprofeta, masiprofete ngokomlinganiselo wokholo; 7nokuba sinobulungiseleli, masihlale ebulungiselelini obo; nokuba ngofundisayo, makahlale emfundisweni leyo; 8nokuba ngovuselelayo, makahlale ekuvuseleleni oko; owabàyo makabe engenakumbi; owongamelayo, makongame enyamekile; owenza inceba makayenze inceba echwayithile.
Imithetho yobomi bobuKristu
9Uthando malungabi naluhanahaniso; kuthiyeni okungendawo, namathelani kokulungileyo. 10Mayela nothando olu lobuzalwana, ndithi, yenzelanani ububele; mayela nembeko leyo, phangelanani; 11mayela nokunyameka oko, musani ukunqena; mayela nomoya lo, vuthani; 12mayela neNkosi le, khonzani; mayela nethemba, vuyani; mayela nembandezelo, nyamezelani; mayela nomthandazo, zingisani; 13mayela neentswelo zabangcwele, yibani nobudlelane; ukubuka iindwendwe kusukeleni.
14Basikeleleni abanitshutshisayo; sikelelani, ningaqalekisi. 15Vuyani nabavuyayo, nilile nabalilayo. 16Cingelanani nto-nye; musani ukucinga izinto eziphakamileyo, tsalelani kwezithobekileyo. Musani ukuba ziingqondi ngokwenu. 17Ningabuyekezi ububi ngobubi nakubani. Khathalelani okùhle emehlweni abantu bonke.
18Ukuba kunokwenzeka, okukokwenu nina, hlalani ninoxolo nabantu bonke. 19Musani ukuziphindezelela, zint'anda; yikhweleleni ingqumbo; kuba kubhaliwe kwathiwa, Impindezelo yeyam, kuya kubuyekeza mna, itsho iNkosi. 20Ngoko ke, ukuba utshaba lwakho lulambile, luphe ludle; ukuba lunxaniwe, luseze; kuba ngokwenjenjalo ke, woba ufumba amalahle omlilo phezu kwentloko yalo. 21Musa ukweyiswa bububi; boyise ububi ngokulungileyo.