UYobi: Ukho ongakum ondithethelayo kweliphezulu
1Ke uYobi waphendula wenjenje:
2“Zonke ezi zinto nindixelela zona sendikhe ndaziva ngaphambili;
inene, xa ninonke ningabathuthuzeli abangento.
3Ngaba le ntshwaqane yenu ayinasiphelo?
Nomelezwa yintoni kangaka engxoxweni?
4Nam bendingathethayo ngolo hlobo xa ibinini abakule meko ndikuyo;
bendiya kuthetha nani ndimana ndichan' amagama,
ndide ndimane ndihlunguzela intloko.
5Bendiya kunomeleza ngamacebiso,
ndinithuthuzele ngamazwi alalanisayo.
6“Kambe ke, nokuba ndiyathetha, intlungu le ayisuki;
kanti ke nokuba ndithule, kusafana.
7Hayi ke, ngoku uThixo undiqobile;
usapho lwam uluvuthulule bhuqe!
8Ndifunyenwe nguye, kwaza oko kwaba bubungqina bokundityhola;
ukonakala komzimba wam bubungqina obundidobelelayo.
9Ngale ngqumbo yakhe undiqwengile wandenzakalisa;
undisinekele ngaloo mazinyo akhe;
yena mchasi wam uyandijamela.
10Abantu bathetha ngam bendigxeka;
bandimpakaza esidleleni ngengcikivo,
bebonke badibana ngokundichasa.
11UThixo undiyekele ngezaphula-mthetho,
wandinikela ezandleni zezikhohlakali.
12Mna bendingacingele nto, suka ke yena wandintlekeza,
wandibamba ngobhongwana, wandiqwenga.
Ewe, mna sendiyeyona nto ajolise kuyo.
13Abeentolo bakhe bandirhawule;
undincule izintso engenalusini,
wayiphalazela emhlabeni inyongo yam.
14Undingxwelerhe wada wandiqusha;
ufunzela kum okwejoni.
15“Ngoku sendithe wambu ezokuzila;
uphondo lwam luseluthulini.
16Sendilile ndada ndambatsha;
ke wona amehlo am ade af' amnyama.
17Kambe ke phofu mna andinabundlongo-ndlongo,
nomthandazo wam kuThixo awunakumbi.
18“Yini na, mhlaba!
Sukulingcwab' igazi lam!
Isikhalo sam masivakale!
19Kaloku nangoku ingqina lam lisemazulwini;
ewe, ukho ongakum ondithethelelayo kweliphezulu.
20Sendiyintlekisa nakwizihlobo zam;
ke iinyembezi zam ndiziphalaza phambi koThixo.
21Akwaba ebenokulamla phakathi komntu noThixo
njengoko ebakho umlamli phakathi komntu nomhlobo wakhe!
22Kuba kaloku akuseminyaka mingaphi ndithathe uhambo olungabuyiyo.”