UYobi: Ùluncedo kubani na?
1Ke yena uYobi uphendule wenjenje:
2“Kuthi mandivume ndithi ùluncedo kwababhetye-bhetye!
Hayi kambe ukubahlangula kwakho abo baswele amandla!
3Ewe, uzicebise kakuhle izityhakala;
hayi, ubulumko obubonakalisileyo!
4Phofu uthi ngubani ongade aweve la mazwi akho?
Khona futhe lini eli uthetha uphantsi kwalo?”
UYobi: Ngubani ongade akuqonde ukuzongoma kwamandla kaThixo?
5“Abafileyo bayabhinyalaza kukunkwantya,
kanti ke nelo lamanzi liyazibhija-bhija kunye nabemi balo.
6Ewe, elabafileyo lityhilekile phambi koThixo;
ayinasigqubuthelo inzonzobila.
7Kaloku uThixo wasitwabulula isibhakabhaka ngasentla phaya,
waza umhlaba wawujingisa enyanyeni.
8Nguye ofaka amanzi kwiingqimba zamafu,
aze loo mafu awabophe angagqajuzwa bobo bunzima bamanzi.
9Uyayifihla inyanga ingabonakali;
ewe, utwabulula ilifu lithi zinzi, itsho ifihlakale.
10Wakwahlula ukukhanya ebumnyameni
ngeso sazinge sizotywe elundini lolwandle.
11Uthi angakhalima zitsho zihexe iintsika ezixhase isibhakabhaka;
ewe, zitsho zizama-zame zingcangcazele kukoyika.
12Kaloku yena ngaloo mandla akhe waluthomalalisa ulwandle,
waza kwangobo buchule bakhe wamvikiva uRahabhi isilo saselwandle.
13Ngomoya wakhe ufutha sitsho sicwenge isibhakabhaka;
kanti ke ikwasisandla sakhe esangxwelerha inyoka enyubelezayo.
14Kambe ke la ngamagqabantshintshi nje amandla akhe.
Thina esikuvileyo lumingi-mingi nje!
Ibingubani ke ongade akuqonde ukuzongoma kwamandla kaThixo?”