1KWABEKUTE emveni kwoku, ukuba u‐Davide wabeta ama‐Filistiya, wawatobisa; waza watabata i‐Gate namagxamesi ayo esandleni sama‐Filistiya.
2Wabeta nama‐Mowabi; aza ama‐Mowabi aba ngabakonzi ku‐Davide, asa iminikelo.
3Waza u‐Davide wabeta u‐Hadarezere, ukumkani we‐Tsoba, kwada kwase‐Hamati, ekuhambeni kwake ukuya kumisa amandla ake ngasemlanjeni wom‐Ferate. 4Waye u‐Davide watimba kuye iwaka lenqwelwana, namawaka asixe̔nxe abakweli bamahashe, namawaka angamashumi mabini abahamba ngenyawo: waza u‐Davide wawasika umbotshwa onke amahashe enqwelwana; kodwa wasalisa kuwo awenqwelwana zalikulu. 5Kekaloku ama‐Siriya ase‐Damakusi eza ukumnceda u‐Hadarezere ukumkani we‐Tsoba; waza u‐Davide wabulala kuwo ama‐Siriya amadoda angamawaka angamashumi mabini anamabini. 6Wandula u‐Davide wazibeka ilali e‐Siriya yase‐Damakusi; ati ama‐Siriya aba ngabakonzi ku‐Davide, asa iminikelo. Kwa njalo uyehova wamnceda u‐Davide apo kusukuba ebesiya kona. 7Wayetabata u‐Davide amakaka egolide abepezu kwezicaka zika‐Hadarezere, wawazisa e‐Yerusaleme. 8Waye u‐Davide kanjalo wayisusa e‐Tibehati, nase‐Kune, izixeko zika‐Hadarezere, ixina, into eninzi kakulu, owati u‐Solomone wenza ngayo ulwandle lwexina, nentsika, nempahla zexina.
9Kekaloku kwakuviwa ngu‐Tohu ukumkani we‐Hamati, ukuba u‐Davide ubetile wonke umkosi ka‐Hadarezere ukumkani we‐Tsoba, 10wandula wamtuma u‐Hadorame unyana wake ukuya kukumkani u‐Davide, ukumbulisa, nokumtamsanqelisa, ngenxa yokuba ebelwile ngakuye u‐Hadarezere wambeta; (ngokuba u‐Hadarezere ebenzile imfazwe no‐Tohu;) watuma nempahla zonke zegolide, nezesilivere, nezexina. 11Ezi nazo ukumkani u‐Davide wazenza ngcwele kuyehova, kunye nesilivere negolide abezisusile kuzo zonke intlanga: kuwo ama‐Edome, nakuwo ama‐Mowabi, nakulo usapo luka‐Hamoni, nakuwo ama‐Filistiya, nakuwo ama‐Amaleki.
12Kanjako u‐Abishai unyana ka‐Tseruya wabulala ama‐Edome emhlanjeni we‐Tyuwa, amawaka alishumi elinesibozo. 13Waza wazibeka ilali e‐Edome; ada onke ama‐Edome aba ngabakonzi ku‐Davide.
Kwa njalo uyehova wamnceda u‐Davide apo kusukuba ebesiya kona. 14Waye u‐Davide wapata ubukumkani pezu kwo‐Sirayeli bonke, wenzela bonke abantu bake ubugwebo nobulungisa. 15Kekaloku u‐Jowabi unyana ka‐Tseruya ebepezu kwomkosi; no‐Yehoshafate unyana ka‐Ahilude ebengumkumbuzi; 16kanjako u‐Tsadoki unyana ka‐Ahitube, no‐Abimeleki unyana ka‐Abiyatare, bebengabaperisite; no‐Shavisha ebengumba̔li; 17no‐Benaya unyana ka‐Yoyada ebepezu kwaba‐Kereti naba‐Peleti; nonyana baka‐Davide bebengabokuqala ngasesandleni sokumkani.