1ONYANA baka‐Juda: ngu‐Faretse, no‐Hetserone, no‐Kami, no‐Hure, no‐Shobali. 2Waza u‐Raya, unyana ka‐Shobali, wazala u‐Yahati; wati u‐Yahati wazala u‐Ahumai, no‐Lahadi. Ezi zizizalwane zama‐Tsoreha. 3Aba ke bavela kuyise we‐Hetame; u‐Yezerele, no‐Yishema, no‐Dibashe: laye igama lodade wabo lingu‐Hatseleliponi: 4no‐Penuweli, uyise ka‐Gedore; no‐Hezere, uyise ka‐Husha: aba bangonyana baka‐Hure, owamazibulo ka‐Eferata, uyise we‐Beteleheme.
5Waye u‐Ashure, uyise we‐Tekoha, ebenabafazi babini; ngu‐Hela no‐Nahara. 6Wati u‐Nahara wamzalela u‐Ahuzame, no‐Hefere, no‐Temeni, no‐Hahashatari: aba bangonyana baka‐Nahara. 7Nonyana baka‐Hela; ngu‐Tserete, no‐Yetsohare, no‐Etenane. 8Waye u‐Kotse wazala u‐Hanube, no‐Tsobeba, nezizalwane zika‐Harahele unyana ka‐Harume.
9Kekaloku u‐Yabetse ebebekekile ngapezu kwabazalwana bake: wati unina wambiza ngegama elingu‐Yabetse, esiti: Ngokuba ndimzele ngobuhlungu. 10Waza wabiza u‐Yabetse kutixo wo‐Sirayeli, esiti: Wanga ungakolisa ukunditamsanqela, uwandise umda wam, siti isandla sako sibe kunye nam, uze undinqande ebubini, ukuze bungandenzi buhlungu! Wati utixo wamamkelisa oko wakucelayo.
11Waye u‐Kelube, umninawe ka‐Shuha, wazala u‐Mehire; lo unguyise ka‐Shetone. 12Wati u‐Shetone wazala u‐Bete‐rafa, no‐Paseha, no‐Tehina uyise we‐Hire‐nahashe; aba bangamadoda ase‐Reka. 13Nonyana baka‐Kenazi; ngu‐Hotineli, no‐Seraya: nonyana baka‐Hotineli; ngu‐Hatati. 14Waye u‐Mehonotai wazala u‐Hofera: no‐Seraya wazala u‐Jowabi, uyise wabasemhlanjeni wencibi; ngokuba bona bebezincibi. 15Nonyana baka‐Kalebi unyana ka‐Jefune; ngu‐Hiru, no‐Ela, no‐Nahame: nonyana baka‐Ela; ngu‐Kenazi. 16Nonyana baka‐Yehaleleli; ngu‐Zifi, no‐Zifa, no‐Tiriya, no‐Asarele. 17Nonyana baka‐Ezera; ngu‐Yetere, no‐Meredi, no‐Heferi, no‐Yalone. Waye u‐Bitiya wazala u‐Miriyame, no‐Shamai, no‐Yisheba uyise we‐Shetemoha: 18wati nomfazi wake ongum‐Judakazi wazala u‐Yeredi uyise we‐Gedore, no‐Kebere uyise we‐Soko, no‐Yekutile uyise we‐Zanoha: aba ke bangonyana baka‐Bitiya intombi ka‐Faro, owazekwayo ngu‐Meredi. 19Nonyana bomfazi ongu‐Hodiya udade ka‐Nahame; nguyise ka‐Kehila um‐Garemi, no‐Shetemoha um‐Mahaka. 20Nonyana baka‐Shimone; ngu‐Amnone, no‐Rinai, no‐Benehanane, no‐Tilone. Nonyana baka‐Yishi; ngu‐Zohete, no‐Bene‐zohete.
21Onyana baka‐Shela unyana ka‐Juda: ngu‐Here uyise we‐Leka, no‐Lahada uyise we‐Maresha, nezizalwane zendlu yabasebenzayo ngeqiya eshiceneyo, abendlu ka‐Shabeha, 22no‐Yokime, namadoda ase‐Kozeba, no‐Yohashe, no‐Sarafi, ababenobukosi e‐Mowabi, no‐Yashubi‐leheme: kodwa zezakudala izinto ezi. 23Aba bangababumbi, nabahlalayo pakati kwezityalwa nendonga: bahlala kona kunye nokumkani ngenxa yomsebenzi wake.
24ONYANA baka‐Simone: ngu‐Nemuweli, no‐Yamine, no‐Yaribe, no‐Zera, no‐Saule: 25u‐Shalume ngunyana wake; u‐Mibisame ngunyana wake; u‐Mishema ngunyana wake. 26Nonyana baka‐Mishema: u‐Hamuweli ngunyana wake; u‐Zakure ngunyana wake; u‐Shimehi ngunyana wake. 27Kekaloku u‐Shimehi wabenonyana abalishumi linesitandatu, nentombi ezintandatu; kodwa abaninawe bake bebengenabantwana abaninzi; kanjalo sonke isizalwane sakowabo besingenakwanda njengokwosapo luka‐Juda. 28Bahlala e‐Beresheba, nase‐Molada, nase‐Hatsare‐shuhali, 29nase‐Bileha, nase‐Hetseme, nase‐Toladi, 30nase‐Betuweli, nase‐Horema, nase‐Tsikilage, 31nase‐Betemarakaboti, nase‐Hatsare‐susime, nase‐Bete‐biri, nase‐Sharayime: ezi bezizizixeko zabo kwada kwaba ngukumkani u‐Davide. 32Imizi yabo ibiyi‐Hetame, ne‐Hayine, ne‐Rimone, ne‐Tokene, ne‐Hashane, izixeko ezihlanu; 33nayo yonke imizi yabo ebingqonga izixeko ezo kwada kwase‐Bali. Ezi zindawo zabo zokuhlala, nokuba̔lelwa kwabo ngokuzalwa. 34No‐Meshobabe, no‐Yamleki, no‐Yoshai unyana ka‐Amatsiya, 35no‐Joweli, no‐Jehu, unyana ka‐Yoshibiya, unyana ka‐Seraya, unyana ka‐Hasiyeli, 36no‐Eliwenai, no‐Yahakoba, no‐Yeshohaya, no‐Hasaya, no‐Hadiyeli, no‐Yesimile, no‐Benaya, 37no‐Ziza, unyana ka‐Shifi, unyana ka‐Alone, unyana ka‐Yedaya, unyana ka‐Shimri, unyana ka‐Shemaya: 38aba ababaliweyo ngamagama bebezinkosi ezizalwaneni zabo; kanjalo indlu yoyise yabo yanda kakulu.
39Bahamba baya ngasekungenweni kwe‐Gedore, ngasempumalanga yesihlambo, ukuba bafunele izimvu zabo idlelo. 40Bafumana idlelo elityebileyo elihle, nelizwe elibanzi, elonwabileyo, elixolileyo: ngokuba abaka‐Hame bebemi kona ngapambili. 41Baye besiza aba ababa̔liweyo ngamagama emihleni ka‐Hezekiya ukumkani wo‐Juda, bacita intente zabo, nama‐Mahone abefunyanwa kona, babalahlela ekutshatyalalisweni kwada kwanamhla nje, bahlala ezikundleni zabo; ngokuba idlelo elilungele izimvu zabo beliko kona. 42Kwapuma kubo, kwa kubo abalusapo luka‐Simone, ukuya entabeni ye‐Sehire, amadoda amakulu mahlanu: u‐Pelatiya, no‐Nehariya, no‐Refaya, no‐Huziyeli, onyana baka‐Yishi, bebezintloko zawo. 43Aza abeta isisalela sabasindileyo pakati kwama‐Amaleki, ahlala kona kwada kwanamhla nje.