1KEKALOKU anditandi ukuba nibe ningazi, bazalwana! okokuba obawo betu bonke bebepantsi kwelifu, nokuba bonke bacanda ulwandle; 2nokuba bonke babapitizeshelwa ku‐Mosesi elifini naselulwandleni; 3nokuba bonke batya okukwa kunye ukudla okubumoya; 4nokuba bonke basela olukwa lunye uselo olubumoya; ngokuba bebesela kwiliwa elibumoya libapeleka; laye iliwa elo lingu‐Kristu. 5Kuloko into eninzi yabo utixo wabengakoliswa ngabo: ngokuba bebewiswa pantsi entlango.
6Kekaloku ezizinto zenzeka ukuba yimilinganiselo kuti, ukuze ke tina singakanukeli izinto ezikohlakeleyo, njengokuba nabo bona bebekanuka. 7Kanjako maningabi ngabakonzi bezitixo, njengokuba bebenjalo inxenye yabo; njengokuba kuba̔liwe ukuti: Bahlala pantsi abantu ukutya nokusela, baza besuka ukudlala. 8Kanjako masingenzi umbulo, njengokuba inxenye yabo bebesenza umbulo, baza bawa emini nye amawaka angamashumi mabini anamatatu. 9Kanjako masingamlingi u‐Kristu, njengokuba nenxenye yabo bebelinga, baza babujiswa zinyoka. 10Kanjako maningaṙoṙi, njengokuba nenxenye yabo bebeṙoṙa, baza babujiswa ngumtshabalalisi. 11Kekaloku ezizinto zonke zibe zihlela bona abo ukuba yimilinganiselo: zaza zaba̔lelwa ukululekwa kwetu, tina sifikelweyo zizipelo zelizwe elikoyo. 12Ngako oko lowo uba umi, makalumke ukuba angawi.
13Akuko silingo esinibambileyo, kupela sesobuntu; kodwa unyanisekile utixo, ongayi kuvumela ukuba nilingwe ngokupezulu kwamandla enu; koko eya kuyenza kwa kunye nesilingo nendlela yokupuma, ukuba nibe namandla okunyamezela.
14Ngoko ke, batandwa bam! balekani kuyo inkonzo yezitixo. 15Ndiyateta njengakubo abalumkileyo; yahlulani nina into endiyitetayo. 16Indebe yobulelo esibulela yona, asi bubo na ubudlelana begazi lika‐Kristu? Isonka esisiqezulayo, asi bubo na ubudlelana bomzimba buka‐Kristu? 17Kuba sisisonka sinye, singumzimba mnye tina singabaninzi; ngokuba sisamkela sonke kwesosonka sinye. 18Kangelani o‐Sirayeli ngokwenyama: abo bayityayo imibingo abanabudlelana nesibingelo na? 19Nditi nina pofu? nditi na isitixo siyinto? umhlaumbi nditi na oko kubingelweyo isitixo kuyinto? 20Hai; koko nditi izinto abazibingayo abaheyideni, bayazibingela idemoni, bengazibingeli utixo: kekaloku anditandi ukuba nibe nobudlelana nedemoni. 21Aningesele indebe yenkosi, nendebe yedemoni; aningamkele kwitafile yenkosi, nakwitafile yedemoni. 22Sivusela inkosi ubukwele kusinina? sinamandla amakulu kwawayo yinina?
23Zonke izinto zindivunyelwe, koko zingezizo zonke izinto ezindilungeleyo: zonke izinto zindivunyelwe, koko zingezizo zonke izinto ezimisayo. 24Makungabiko namnye ofuna okwake, mabati bonke ngabanye bafune okwomnye. 25Konke okutengiswayo endaweni yokutengela inyama kutyeni, ningabuzi nto ngenxa yesazeliso: 26ngokuba umhlaba ngo kayehova, nokuzala kwawo. 27Ukuba ke owakubo abangakoliweyo uyanibiza, niti nina nitande ukuya, konke okubekwayo pambi kwenu kutyeni, ningabuzi nto ngenxa yesazeliso. 28Kodwa xeshekweni kuko oti kuni: Yinto ebingelweyo isitixo le; ningatyi ke, ngenxa yalowo waxelayo, nangenxa yesazeliso: ngokuba umhlaba ngo kayehova, nokuzala kwawo: 29nditi ke ngenxa yesazeliso, singesesako nje, sisesalomnye; ngokuba kuyinina ukuba inkululeko yam igwetywe sisazeliso esingesesam? 30Ukuba ke mna ngofefe ndiyamkela kuko, yinina ukuba ndigxekwe ngenxa yoko ndibulela kona?
31Ngako nokuba niyatya, nokuba niyasela, nokuba niyenza enye into, konke kwenzeleni ubungcwalisa bukatixo. 32Yibani ningenzi ngokuku̔bekisa, nakuma‐Juda, nakuma‐Girike, nakuyo iṙemente katixo: 33kwa njengokuba nam ndibakolisa bonke kuko konke, ndingafuni nje okwam ukuncedwa, koko okwabo abaninzi, ukuze basindiswe.