1PUTUMANI utando; niti noko nizondelele izipiwo ezibumoya, kodwa ngokukulu ukuba niprofiteshe. 2Ngokuba otetayo ngenye inteto engateti ebantwini, koko eteta kutixo: ngokuba kungeko mntu omvayo; kodwa emoyeni uyaziteta imfihlakalo. 3Kodwa oprofiteshayo uyateta ebantwini okumisayo, nokuyalayo, nokututuzelayo. 4Otetayo ngenye inteto, uyazimisa yena; kodwa oprofiteshayo uyamisa iṙemente. 5Kekaloku nditanda ukuba nina nonke nitete ngezinye inteto, kodwa ngakumbi ukuba niprofiteshe: ngokuba emkulu lowo uprofiteshayo kulowo utetayo ngezinye inteto, ukuba kanti akakumshi, ukuze iṙemente yamkele ukumiswa.
6Kodwa kaloku, bazalwana! xeshekweni ndiza kuni nditeta ngezinye inteto, ndoninceda nto nina, xeshekweni ndingayi kuteta kuni mhlaumbi ekutyileni, mhlaumbi ekwazini, mhlaumbi ekuprofitesheni, mhlaumbi ekufundiseni? 7Kwa nezinto ezingenakudliwa kwobomi zisenza intlokoma, nokuba ngumlozi, nokuba luhadi, noko, xeshekweni zingenzi ukwahluka ekuhlokomeni, kwotiwa nina ukwaziwa oko kulozwayo umhlaumbi oko kubetwayo ngohadi? 8Ngokuba kanjako xeshekweni ixilongo liyenza intlokoma engavekiyo, ngubanina oya kuzilungisela ukulwa? 9Kwa njalo nani, xeshekweni ningawapimiseli ngolwimi amazwi aqondekayo, kwotiwa nina ukwaziwa oko kutetwayo? ngokuba niya kuba niteta ngasemoyeni. 10Kungaba kuko intlobo ezininzi kangaka zamazwi elizweni, nekungeko nalinye lazo elingenakuvakala. 11Xeshekweni ngoko ndingakwazi ukutsho kwelizwi, ndoba ngumsomi kulowo utetayo, naye otetayo woba ngumsomi kum.
12Kwa njalo nani, ekubeni nizondelele izipiwo ezibumoya, zifuneni ukuba nigqitisele kuze kube kukumiswa kweṙemente. 13Ngako oko otetayo ngenye inteto makatandaze ukuba akumshe. 14Ngokuba xeshekweni nditandaza ngenye inteto, umoya wam utandaza, kodwa ingqondo yam iputile. 15Yinto nina ngoko? Ndiya kutandaza ngomoya wam, kodwa ndiya kutandaza ngengqondo yam nayo: ndiya kucula ngomoya wam, kodwa ndiya kucula ngengqondo yam nayo. 16Okanye xeshekweni ubulelayo ngomoya, woti nina lowo uhleliyo endaweni yongenalufundo ukutsho ukuti Amene ekubuleleni kwako, into uyitetayo engayazi nje? 17Ngokuba wena okunene ulungisa ukubulela, koko yena omnye engamiswa. 18Ndiyabulela kutixo wam, ndinidlula nonke ngokuteta ngezinye inteto: 19noko entlanganisweni nditanda ukuba nditete amazwi abe mahlanu ngayo ingqondo yam, ukuze ndibafundise nabanye, ngapezu kwokuba nditete amazwi abe mawaka alishumi ngenye inteto.
20Bazalwana! ningabi ngabantwana ekuqondeni: noko elunyeni yibani njengentsana, kodwa ekuqondeni yibani ngabakulileyo. 21Kuba̔liwe emtetweni, ukuti: Ngabelwimi zimbi, nangemilomo yasemzini, ndiya kuteta kwababantu; kodwa noko abayi kundipulapula, utsho uyehova. 22Kwa njalo ke ezinye inteto azingumqondiso kwabo bakolwayo, zinguwo kwabangakoliweyo: kodwa isiprofitesho asiyinto yabangakoliweyo, siyinto yabo bakolwayo. 23Xeshekweni ngoko iṙemente yonke ihlangana ndawonye, bati bonke batete ngezinye inteto, kuze kungene abangenalufundo, umhlaumbi abangakoliweyo, abaya kutsho na ukuti niyageza? 24Kodwa xeshekweni bonke baprofiteshayo, kuze kungene umntu ongakoliweyo umhlaumbi ongenalufundo, uyaviswa ityala ngabo bonke, uyagwetywa ngabo bonke; 25kuti ngokunjalo izinto ezifihlakeleyo zentliziyo yake zibonakaliswe; waeya kuti ngokunjalo awe ngobuso abedeshe utixo, eshumayela ukuba utixo upakati kwenu ngokwenyaniso.
26Yinto nina ngoko, bazalwana? Okuya nihlanganayo, uti omnye nomnye wenu abe neculo, abe nemfundiso, abe nenye inteto, abe nesityilo, abe nesikumsho. Mazenziwe zonke izinto kuze kube kukumiswa. 27Ukuba ke kuko otetayo ngenye inteto, makube ngababini, umhlaumbi ngabangagqiti abatatu, makube nangokulandelana; ati omnye akumshe. 28Kodwa xeshekweni kungeko ikumsha, makati cwaka entlanganisweni; aze azitetele yena notixo. 29Abaprofite ke mabatete ababini umhlaumbi abatatu, bati abanye bahlule. 30Kodwa xeshekweni kwenziwa isityilo kwomnye ehleli kona, owokuqala makati cwaka. 31Ngokuba ningaprofiteshayo nonke omnye ngomnye, ukuze bonke bafunde, nokuba bonke bonwatyiswe. 32Kanjako umoya wabaprofite ululamela kubaprofite. 33Ngokuba utixo engengowesipitipiti, ungowoxolo, njengakuzo zonke iṙemente zabangcwele.
34Abafazi benu mabati cwaka ezintlanganisweni: ngokuba kungavunyelwanga bona ukuba batete, koko kuyalelwe ukuba babe sekululameni, njengokuba usitsho nomteto. 35Nokuba bayafuna ukufunda into, mababuze ekaya kwawabo amadoda: ngokuba kuyinto embi kubafazi ukuba batete entlanganisweni.
36Ilizwi likatixo lapuma kuni yinina? leza kufika kuni nedwa kusinina? 37Ukuba kuko umntu oba ungumprofite umhlaumbi ungobumoya, makavume izinto endiziba̔layo ukuba ziyimiyalelo yenkosi. 38Kodwa ukuba umntu akanakwazi, makabe engenakwazi. 39Ngako oko, bazalwana! zondelelani ukuprofitesha; nokuteta ngezinye inteto ningakwaleli. 40Mazenziwe zonke izinto ngokufanelekileyo nanjengokumiselweyo.