Eyokuqala incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 2
1NAM ndakuza kuni, bazalwana! andeza ndishumayela kuni ubunqi̔na bukatixo ngobungangamsha bokuteta nobobulumko. 2Ngokuba ndagweba ukuti andiyi kuyazi nento pakati kwenu, kupela u‐Yesu Kristu, naye lo ekuruseshiwe. 3Kanjako ndabendiko kuni ebutatakeni, nasekwoyikeni, nasekututumeleni okuninzi. 4Kwaye ukuteta kwam nokushumayela kwam bekungengamazwi acengayo obulumko babantu, bekungokubonakaliswa kwomoya nokwamandla: 5ukuze ukolo lwenu lungemi ebulumkweni babantu, koko lume emandleni katixo.
6Kanti siyateta ubulumko pakati kwabafezekileyo; kodwa ubulumko obungebubo obelilizwe likoyo, obungebubo nobabapati belilizwe likoyo, abatshabalalayo: 7koko sibuteta ubulumko bukatixo emfihlakalweni, obo bufihlelweyo, owabete utixo pambili engekabiko amaxesha akudala wabumisela ubungcwalisa betu: 8okungeko namnye wabapati belilizwe likoyo obazileyo: ngokuba bona ukuba bebebazile, ngebengayikuruseshanga inkosi yobungcwalisa. 9Koko, njengokuba kuba̔liwe: Izinto ezingabonwanga liliso, nezingaviwanga yindlebe, nezingangenanga entliziyweni yomntu, zezi izinto utixo azilungisele abo bamtandayo. 10Kodwa utixo uzityilile kuti ngaye umoya wake: ngokuba umoya epengulula izinto zonke, ewe, kwa izinto ezinzulu zikatixo. 11Ngokuba ngubanina pakati kwabantu owaziyo izinto zomntu, kupela ngumoya womntu okuye? ngokunjalo nezinto zikatixo akuko namnye ozaziyo, kupela ngumoya katixo. 12Tina kodwa asiwamkelanga umoya welizwe, koko simamkele umoya ovela kutixo; ukuze sizazi ezozinto sizipiweyo ngutixo. 13Esiti kanjalo sitete kwa zona, kungengamazwi afundisiweyo bubulumko babantu, kungalawo afundisiweyo ngumoya oyingcwele, silinganisela izinto ezibumoya ngezinto ezibumoya.
14Kodwa umntu wokuvela akazamkeli izinto zomoya katixo; ngokuba zibubudenge kuye; kanjako akangezazi, kuba ziqiqwa ngo kwomoya. 15Kodwa lowo ungo womoya uyaziqiqa zonke izinto, kanti yena ngokwake akaqiqwa mntu. 16Ngokuba ngubanina owazileyo uluvo lukayehova, ukuba uya kumfundisa? Kodwa tina sinalo uluvo luka‐Kristu.
Bible Society of South Africa 1902