1KEKALOKU ezozinto enaba̔la ngazo kum: Kulungele umntu ukuba angapati umfazi. 2Kodwa ngenxa yemibulo, mayiti indoda nye ibe nowayo umfazi, ati umfazi mnye abe neyake indoda. 3Indoda mayinikele emfazini ububele obumfaneleyo; makenje njalo ke nomfazi endodeni. 4Umfazi akanamandla pezu kwowake umzimba, koko yindoda; kwa njalo ke nendoda ayinamandla pezu kwowayo umzimba, koko ngumfazi. 5Ize ningalumkisani, kupela umhlaumbi kube lixesha elitile ngokuvumelana, ukuze nizuze ituba lokuzila ukutya nelokutandaza; nandul’ ukubuya nihlangane ndawonye, ukuze u‐Satane anganilingi ngenxa yokuba ningenabunca̔tu. 6Oku kodwa ndiyakuteta ngendawo yokuvumela, kungengendawo yokuyolela. 7Ngokuba nditanda ukuba bonke abantu babe njengokuba ndinjalo nam. Koko bonke ngabanye banesabo isipiwo sivela kutixo, omnye ngokunje, omnye ngokunjalo.
8Kekaloku nditi kwabangatshatileyo nakwabahlolokazi: Kubalungele xeshekweni bahlala kwa njengam. 9Ukuba kodwa abanabunca̔tu, makutshatwe: ngokuba kulungile ukutshata ngapezu kwokutsha. 10Nabo batshatileyo ndiyabayalela, ndingendim noko, yinkosi, ukuba umfazi makangahlukani nendoda: 11kodwa xeshekweni aka ahlukane nayo, makahlale engendi, umhlaumbi makaxoliswane nendoda yake: nokuba indoda mayingalahli umfazi.
12Kekaloku abanye nditi mna kubo, ingeyiyo inkosi: Ukuba kuko umzalwana oba nomfazi ongakolwayo, ati yena avume ukuhlala naye, makangamlahli. 13Kanjalo umfazi osukuba enendoda engakolwayo, iti yona ivume ukuhlala naye, makangayilahli. 14Ngokuba indoda engakolwayo yenziwe ngcwele emfazini, nomfazi ongakolwayo wenziwe ngcwele endodeni: okanye abantwa na benu banco̔lile; kanti kaloku ba ngcwele. 15Kodwa ukuba lowo ongakolwayo uyazahlula, makazahlule ke. Umzalwana umhlaumbi udade akabekwa ebukonzweni ezintweni ezinjalo: kodwa utixo usibizile sibe seluxolweni. 16Ngokuba usazi nganina, mfazi! ukuba akuyi kusindisa indoda yako? umhlaumbi uyazi nganina, ndoda! ukuba akuyi kusindisa umfazi wako?
17Kupela, njengokuba utixo wababela bonke ngabanye, njengokuba inkosi ibabizile bonke ngabanye, mabahambe kwa njalo. Ndiyamisela nangokunjalo kuzo zonke iṙemente. 18Kuko na owabizwa engowalukileyo? makangazenzi ongalukileyo. Kuko na owabizwa esekungalukini, makangaluki. 19Ukwaluka akuluto, nokungaluki akuluto; eyona nto kukugcinwa kwemiyalelo katixo. 20Mabati bonke ngabanye bahlale kwa kokokubizwa ababebizwa kuko. 21Waubizwa ulikoboka na? zungakatali kuko: koko xeshekweni ungaka wenziwe okululekileyo, kupate kona ngakumbi: 22ngokuba lowo enkosini obebizwa elikoboka, engumkululekiswa wenkosi: kwa njalo nobebizwa engokululekileyo, ulikoboka lika‐Kristu. 23Benitengiwe ngenani; ize ningabi ngamakoboka abantu. 24Mabati bonke ngabanye, bazalwana! bahlale pambi kwotixo kwa kokokuhlala ababebizwa kuko.
25Kekaloku intombi zipela andinawo umyolelo wenkosi ngazo: kodwa ndiyanika ingcingo yam, njengowamkeleyo ububele kwinkosi ukuba ngonyanisekileyo. 26Nditi ngoko kulungile oku ngenxa yobunzima obukoyo, — kulungele umntu ukuba njalo. 27Ubotshelwe emfazini na? zungafuni ukukululwa. Ukululwe emfazini na? zungafuni umfazi. 28Kodwa xeshekweni uka uzeke, akwonanga; kanjako intombi xeshekweni yendayo, ayonanga. Noko abanjalo boba nembandezelo enyameni: mna kodwa ndiyaniyeka.
29Kodwa oku ndiyakutsho, bazalwana! ixesha lifinyezelwe oko kuseleyo; ukuze bati abo banabafazi, babe njengokuba bengenabo; 30bati abalilayo, babe njengokuba bengalili; bati abavuyayo, babe njengokuba bengavuyi; bati abatengayo, babe njengokuba bengafuyi; 31bati abapatayo ilizwe eli, babe njengokuba bengalipati ngokugqitileyo: ngokuba isimilo selizwe eli sidlula. 32Kodwa ndifuna ukuba nibe ningenazo inkatalelo. Ongazekileyo uyakatalela izinto zenkosi, ukuba woti nina ukukolisa inkosi: 33kodwa ozekileyo uyakatalela izinto zelizwe, ukuba woti nina ukukolisa umfazi wake. 34Kuko kanjalo ukwahluka pakati kwomfazi nentombi. Ongendileyo uyakatalela izinto zenkosi, ukuze abe ngcwele nasemzimbeni nasemoyeni: kodwa owendileyo uyakatalela izinto zelizwe, ukuba woti nina ukukolisa indoda yake. 35Nako oku ndiyakutsho kube kokwenu ukuncedwa; kungekukuba ndipose isisinga pezu kwenu, kukuba kubeko okufanelekileyo, nokuba kunyanyekelwe inkosi kungenakubideka.
36Kodwa ukuba kuko oba uyenza ngokungafanelekileyo ngakuyo intombi yake ipela, xeshekweni isel’ ingene ebunkazaneni, nokuba kufanele ukuba nja lo, makenze ngokutanda kwake; akoni: makutshatwe. 37Kodwa lowo umiyo eqinile entliziyweni yake, enganyanzelwa nto, enamandla nje pezu kweyake intando, ogwebile njalo entliziyweni yake ukuti uya kugcina yona intombi yake ipela, uyalungisa. 38Kwa njalo ke nalowo owendisayo uyalungisa; kodwa lowo ungendisiyo uyalungisa ngakumbi.
39Umfazi ubotshiwe ngumteto lonke ixesha indoda yake isahlala ngalo; kodwa xeshekweni indoda yake ifile, ukululekile ukwenda kulowo atandayo; kupela enkosini. 40Kodwa unetamsanqa elikulu ngakumbi xeshekweni ahlala njalo, ngokweyam ingcingo: kanjako ndiba ndino moya katixo kwa nam.