Eyokuqala incwadi ka‐Johane 1
ISAHLUKO I.
1OKUBE kuko kwa sekuqalekeni, osikuvileyo, osikubonileyo ngamehlo etu, oko sakukangelayo, nezandla zetu zakupatayo, ngelizwi lobomi; ( 2ewe ubomi obo babonakaliswa, sasibubonile, siyanqi̔na ke, sishumayele kuni ubomi obo obungunapakade, obube buko kuyise, baza babonakaliswa kuti;) 3oko sikubonileyo nesikuvileyo siyakushumayela kuni, ukuze nani nibe nobudlelana nati; nobudlelana betu okunene bunaye uyise kwa nonyana wake u‐Yesu Kristu. 4Nezizinto siyaziba̔la kuni, ukuze uvuyo lwenu lube luzalisekile.
5Siso esi ke isishumayelo esisivileyo kwa kuye, nesisishumayolayo kuni, sokokuba utixo ulukanyo, nokuba akuko nabunye ubumnyama kuye. 6Xeshekweni sitshoyo ukuti sinobudlelana naye, kanti sihamba ebumnyameni, siyaxoka, singayenzi inyaniso ke. 7Kodwa xeshekweni sihamba elukanyweni, njengokuba yena eselukanyweni, sinobudlelana omnye nomnye, negazi lika‐Yesu Kristu unyana wake lona liyasihlambulula kubo bonke ubono.
8Xeshekweni sitshoyo ukuti asinabo ubono, siyazikohlisa, iti yona inyaniso ingabiko kuti. 9Xeshekweni sizivumayo izono zetu, unyanisekile yena, ulungile kanjalo, ukuze asixolele izono zetu, asihlambulule kuko konke okungalungileyo. 10Xeshekweni sitshoyo ukuti asonanga, siyamenza yena ixoki, liti ilizwi lake lingabiko kuti.
Bible Society of South Africa 1902