Eyokuqala incwadi ka‐Paulusi kuma‐Tesalonika 3
1Ngako oko sakuba singasenako ukunyamezela, saba kulungile ukuba sishiywe e‐Atenesi sedwa; 2saza satuma u‐Timote, umzalwana wetu, nomkonzi katixo, nomsebenzisi wetu evangelini ka‐Kristu, ukuya kuniqinisa, nokuniyala ngalo ukolo lwenu, 3ukuba kungabiko mntu oshukunyiswayo pakati kwezimbandezelo; ngokuba nisazi ngokwenu ukuba simiselwe kwa kona. 4Ngokuba okunene, okuya sibe sinani, sibe sisitsho pambili kuni ukuti siza kubandezelwa; njengokuba kanjalo kwaza kubako, nanjengokuba nisazi. 5Ngenxa yoku, ndakuba nam ndingasenako ukunyamezela, ndatuma ukuba ndiqonde ukolo lwenu, hleze kungati umlingi abe enilingile, uze ufumane usenzwa umzamo wetu.
6Kodwa ngoku akufika u‐Timote kuti evela kuni, waza wasishumayeza indaba ezilungileyo zokolo lwenu notando lwenu, nokokuba ninokusikumbula okulungileyo ngamaxesha onke, nilangazelela ukusibona tina, kwa njengokuba nati sisenje njalo ukunibona nina, 7sati ngenxa yoku, bazalwana! sonwatyiswa pezu kwenu, kuko konke ukubandezelwa kwetu nobunzima betu, ngalo ukolo lwenu: 8kuba kaloku sibudla ubomi, nxa niqinisa ukuma nina enkosini. 9Ngokuba singanibuyisela kutixo umbulelo omnina, pezu kwalo lonke uvuyo esivuya ngalo ngenxa yenu ebusweni botixo wetu, 10ebusuku nasemini sitandaza kakulu ngakumbi nje ukuba sibubone ubuso benu, nokuba sikwenzelele okuswelekileyo elukolweni lwenu?
11Kekaloku yena ngokwake utixo nobawo wetu, nayo inkosi yetu u‐Yesu Kristu, wanga angondisa indlela yetu kuni. 12Nani ke yanga ingati yona inkosi inenze nanele nikolise ukwanda elutandweni lwenu omnye ngakwomnye nangakubo bonke abantu, kwa njengokuba nati sisenje njalo ngakuni; 13ukuze iqinise intliziyo zenu zibe zingenatyala ebungcweleni, ebusweni bake utixo nobawo wetu, ekufikeni kwenkosi yetu u‐Yesu Kristu ndawonye nabo bonke abangcwele bayo.
Bible Society of South Africa 1902