Eyokuqala incwadi ka‐Paulusi ku‐Timote 3
1LINYANISEKILE elilizwi: Ukuba umntu uyanqwenela ubusebenzi bomlindi, uyakanuka umsebenzi olungileyo. 2Kekaloku ongumlindi ufanele ukuba abe ngongenakukalazelwa, abe yindoda yomfazi mnye, abe yinca̔tu, abe nobutelekelelo, abe nokumila okufanelekileyo, abe ngumbuki wabasemzini, abe elungele ukufundisa; 3angabi ngohlala kade pezu kweveyine, angabi ngumbeti, angabi ngonxamela inzuzo embi, abe enokutamba, engangxoli, engatandi imali, 4epata kakuhle eyake indlu, enabantwana bake besekululameleni ndawonye nokuzibeka konke; 5(kodwa ukuba umntu akazi ukuyipata eyake indlu, woti nina ukuyigcina iṙemente katixo?) 6angabi ngosandula ukugqoboka, hleze ati ekukumele lir̔atshi eyele ekugwetyweni kuka‐Satane. 7Ufanele ukuti nakanjako abe nobunqi̔na obuhle buvela kubo abapandle, ukuze angeyeli ekutukweni nasemgibeni ka‐Satane.
8Ngokunjalo mabati abakonzi babe nokuzibeka, bangabi namilomo mibini, bangazilahleli kwiveyine eninzi, banganxameli inzuzo embi; 9bebamba imfihlakalo yokolo ngesazeliso esicocekileyo. 10Nabo aba ke mabalingwe kuqala; bandule oko benze umsebenzi wabakonzi, ukuba abanikwa tyala lanto. 11Ngokunjalo mabati abafazi babe nokuzibeka, bengengabancetezi, benobunca̔tu, benyanisekile ezintweni zonke. 12Abakonzi mababe ngamadoda omfazi mnye, bepata kakuhle ababo abantwana nezabo izindlu. 13Ngokuba abo balungisileyo ukwenza umsebenzi wabakonzi bezizuzela isimo esilungileyo, nenkalipo enkulu elukolweni olukuye u‐Kristu Yesu.
14Ezizinto ndiyaziba̔la kuwe, nditemba nje ukuza kuwe kamsinyane; 15kodwa ukuba ndiyalibala kade, ukuze wazi ukuba ufanele ukuti nina ukuzipata endlwini katixo, eti yona iyiṙemente katixo ohleliyo, intsika nesiza senyaniso. 16Nangapandle kwokupikwa inkulu imfihlakalo yobubedesho: utixo wabonakaliswa enyameni, wagwetyelwa emoyeni, wabonwa zingelosi, washunyayelwa pakati kwabaheyideni, kwakolwa kuye elizweni, wenyuselwa pezulu ebungcwaliseni.
Bible Society of South Africa 1902