1WADA u‐Yehoshafate walala noyise bake, wancw̔atywa noyise bake esixekweni sika‐Davide; waza u‐Yehorame unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake. 2Wayenabaninawe, onyana baka‐Yehoshafate, u‐Hazariya, no‐Yehili, no‐Zekariya, no‐Hazariya, no‐Mikaheli, no‐Shefatiya: bonke aba bebengonyana baka‐Yehoshafate ukumkani wo‐Sirayeli. 3Wati uyise wabo wabapa amabaso amaninzi, awesilivere, nawegolide, nawezinto ezinqabileyo, kunye nezixeko ezinqatyisiweyo kwa‐Juda; kodwa ubukumkani wabunika ku‐Yehorame; ngokuba ebengowamazibulo yena. 4Kekaloku xeshekweni abevukile u‐Yehorame pezu kwobukumkani boyise, wandula wazomeleza, wabulala bonke abaninawe bake ngesiṙele, kwa nenxenye yenkosi zakwa‐Sirayeli.
5Ebeyiminyaka imashumi matatu anamibini u‐Yehorame ubudala bake, akuba ngukumkani, wapata ubukumkani e‐Yerusaleme iminyaka yasibozo. 6Wayehamba endleleni yokumkani bo‐Sirayeli, njengokuba benje njalo indlu ka‐Ahabi; ngokuba intombi ka‐Ahabi ibingumfazi wake; wayesenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova. 7Kodwa uyehova ebengavumi ukutshabalalisa indlu ka‐Davide, ngenxa yocebano abelwenzile no‐Davide; nanjengokuba ebete uya kunika isibane kuye, nakonyana bake, amaxesha onke.
8Emihleni yake ama‐Edome apongoma pantsi kwesandla so‐Juda, enza ukumkani pezu kwawo. 9Waza wagqita u‐Yehorame kunye nenkosi zake, nazo zonke inqwelwana kunye naye; waselesuka ebusuku, wabeta ama‐Edome abemngqonga, nenkosi zenqwelwana. 10Noko ama‐Edome apongoma pantsi kwesandla so‐Juda kwada kwanamhla nje. Kwandula kwapongoma i‐Libena kwa ngeloxesha ke pantsi kwesandla sake; ngokuba ebemshiyile uyehova, utixo woyise bake.
11Kanjako wazenza indawo ezipakamileyo ezintabeni zakwa‐Juda, wenza abemi base‐Yerusaleme bawenze umbulo, wabakukulisa no‐Juda. 12Kwaza kwafika kuye isiba̔lo, sivela ku‐Elija umprofite, sisiti: Utsho uyehova, utixo ka‐Davide uyihlo wako, ukuti: Ngenxa yokuba ungahambanga ezindleleni zika‐Yehoshafate uyihlo wako, nasezindleleni zika‐Asa ukumkani wo‐Juda, 13kodwa uhambile endleleni yabo okumkani bo‐Sirayeli, wenza o‐Juda nabemi base‐Yerusaleme bawenze umbulo, njengemibulo yendlu ka‐Ahabi; nokuba kanjalo ubabulele abaninawe bako bendlu kayihlo, abebelungile ngapezu kwako; 14bona ke, uyehova uya kubeta ngesibeto esikulu abantu bako, nabantwana bako, nabafazi bako, nayo yonke impahla yako: 15nawe uya kuba sezifeni ezininzi, ngaso isifo samatumbu ako, ade apume amatumbu ako ngenxa yesifo eso imihla ngemihla.
16Kwa njalo uyehova wawuvusa ngakuye u‐Yehorame umoya wama‐Filistiya, nowama‐Arabi, lawo asecaleni lama‐Kushe. 17Aza enyuka pakati kwe‐Juda, ayoyisa, atimba yonke impahla ebifunyanwa endlwini yokumkani, kwa nonyana bake, nabafazi bake; kwada akwamshiyelwa unyana, kupela u‐Yehowahazi, omncinane wonyana bake. 18Nasemva kwako konke oku, uyehova wambeta ematunjini ake ngesifo esingenakupiliswa. 19Kwaza kwati emva kwemihla emininzi, kwa ngexesha lokufika kwesipelo seminyaka mibini, apuma amatumbu ake ngenxa yesosifo; wada wabuba zizifo ezibi: baye abantu bake bengamenzeli isitshiselwa, njengesitshiselwa soyise bake. 20Ebeyiminyaka imashumi matatu anamibini ubudala bake, akuba ngukumkani, wapata ubukumkani e‐Yerusaleme iminyaka yasibozo: wandula wemka engenakukanukwa, wancw̔atywa esixekweni sika‐Davide, kodwa bekungesemancw̔abeni abo okumkani.