1BANDULA bonke abantu bakwa‐Juda batabata u‐Huziya, obeyiminyaka yalishumi elinesitandatu ubudala bake, bamenza ukumkani esikundleni soyise u‐Amatsiya. 2Yena wayaka i‐Elote, wayibuyisela ko‐Juda, emveni kwokuba ukumkani ebelele noyise bake.
3Ebeyiminyaka ilishumi linesitandatu u‐Huziya ubudala bake, akuba ngukumkani, wapata ubukumkani e‐Yerusaleme iminyaka yamashumi mahlanu anamibini. Igama lonina belingu‐Yekoliya, owase‐Yerusaleme. 4Wayesenza okufaneleyo emehlweni kayehova, njengako konke abekwenzile u‐Amatsiya uyise. 5Wazibekela ukufuna utixo emihleni ka‐Zekariya, obenokuqonda emibonisweni katixo: kanjalo emihleni wokumfuna kwake uyehova, utixo wamtamsanqelekisa.
6Wandula wapuma walwa nama‐Filistiya, wacita udonga lwe‐Gate, nodonga lwe‐Yabene, nodonga lwe‐Ashedode; waza waka izixeko elizweni lase‐Ashe dode, napakati kwama‐Filistiya. 7Waye utixo emnceda ngakuwo ama‐Filistiya, nangakuwo ama‐Arabi abehleli e‐Gure‐bali, nangakuwo ama‐Mahone. 8Bati aba‐Hamoni banika iminikelo ku‐Huziya: lwada udumo lwake lwaya kwada kwasekungenweni kwe‐Jipete; ngokuba womelelayo ngento egqitiseleyo.
9Waye u‐Huziya kanjalo wazaka inqaba e‐Yerusaleme, ngasesangweni legumbi, nangasesangweni lesihlambo, nangasekujikeni kwodonga, wazinqabisa. 10Wazaka nenqaba entlango, wemba amacibi amaninzi; ngokuba ebenento eninzi yenkomo, nasezihlanjeni nasematafeni; kwa nabalimi bomhlaba nabalimi bemiti yeveyine ezintabeni nasezindaweni ezicumileyo: ngokuba ebetanda ukulinywa kwomhlaba.
11Kanjako u‐Huziya ebenempi yabaqelene nokulwa, abapuma nomkosi ngamabandla, njengenani lokubalwa kwabo ngesandla sika‐Yehili umba̔li no‐Mahaseya igosa, ngapantsi kwesandla sika‐Hananiya, owenkosi zokumkani. 12Inani lonke labazintloko zendlu zoyise, lamagoṙa obuṙoti, lalingamawaka mabini anamakulu matandatu. 13Napantsi kwesandla sabo bekuko impi yokulwa, amadoda angamawaka angamakulu matatu anamawaka asixe̔nxe anamakulu mahlanu, abesenza imfazwe ngamandla akalipileyo, kuze kuncedwe ukumkani ngakulo utshaba. 14Waza u‐Huziya wawalungisela, kwa umkosi wonke, amakaka, nezikali, neminqwazi, nehempe zentsimbi, nezipeta, namatye okusaula. 15Wayesenza e‐Yerusaleme iziqingelwa zokulwa, isetyenzwa lencibi ezilumkileyo, ukuba zibe pezu kwenqaba napezu kwamagumbi odonga, kuze kutolwe ngentolo nangamatye amakulu. Kwaza kwapumela kude ndumo lwake; ngokuba ebencedwa ngento engummangaliso, wada womelela.
16Kodwa nxa omeleleyo, yabir̔atsha intliziyo yake kude kwakukubujiswa kwake; ngokuba ebegqita ngakuye uyehova, utixo wake, wangena etempileni kayehova ukuba aqumise pezu kwesibingelo sesiqumiso. 17Waza wangena emva kwake u‐Hazariya umperisite, nakunye naye abaperisite bakayehova, amashumi asibozo amadoda akalipileyo. 18Basuka bammela u Huziya ukumkani, bati kuye: Asi kokwako, Huziya! ukuqumisela uyehova, koko kukokwabo abaperisite, onyana baka‐Arone, abangcwaliselweyo ukuqumisa: puma endaweni eyingcwele, ngokuba ugqitile; kanjalo lento ayiyi kuba yeyokubekwa kwako pambi kwoyehova ongutixo.
19Wandula waqumba u‐Huziya, enesiqumelo esandleni sake ukuba aqumise: kwati nxa abequmba ngakubo abaperisite, kwapuma isilepero ebunzini lake ngapambi kwabaperisite, endlwini kayehova, ngecala lesibingelo sesiqumiso. 20Waza u‐Hazariya umperisite omkulu wakangela ngakuye, kwa nabo bonke abaperisite; kekaloku bona ke, ebenesilepero ebunzini lake; baza bamgxota kona ngobunxamo; ewe naye wanxamela ukupuma ngokwake, ngenxa yokuba uyehova ebembetile. 21Wayelileperi u‐Huziya ukumkani kwada kwayimini yokufa kwake; wati, elileperi nje, wahlala endlwini eyahlukileyo, ngokuba ebenqanyulwa endlwini kayehova: waye u‐Yotame unyana wake ebepezu kwendlu yokumkani, egweba abantu belizwe.
22Nesisalela semicimbi ka‐Huziya, eyokuqala neyokupela, uyiba̔lile yona u‐Yisaya unyana ka‐Amotse, umprofite. 23Wada u‐Huziya walala noyise bake; baza bamncw̔aba ndawonye noyise bake, entsimini yokuncw̔aba ebiyeyabo okumkani; ngokuba bebesiti: Ulileperi yena. Wandula u‐Yotame unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake.