1Kwada kwafezwa wonke umsebenzi, owati u‐Solomone wawenzela indlu kayehova. Waza u‐Solomone wangenisa izinto ezingcwele zika‐Davide uyise, nesilivere, negolide, nazo zonke impahla, wazibeka pakati kwendyebo zendlu katixo.
2WANDULA u‐Solomone wabahlanganisela e‐Yerusaleme abadala bo‐Sirayeli, nabo bonke abazintloko zezizwe, inkosi zendlu zoyise zosapo luka‐Sirayeli, baze bayinyuse ityeya yocebano lukayehova esixekweni sika‐Davide, esiyiyo i‐Ziyone.
3Aza onke amadoda akwa‐Sirayeli ahlanganiselwa kukumkani emtendelekweni, lowo wenyanga yesixe̔nxe. 4Beza ke bonke abadala bo‐Sirayeli; bati aba‐Levi bayifunqula ityeya. 5Baza benyusa ityeya, nentente yentlangano, nazo zonke impahla ezingcwele ezibe zikuyo intente leyo; ezizinto bazinyusa abaperisite naba‐Levi. 6Kanjalo ukumkani u‐Solomone, nayo yonke intlanganiso yo‐Sirayeli abebehlanganisene ngakuye pambi kwetyeya, bebebinga igusha nenkabi, ezazingenakubalwa nokulinganiswa ngokuba zininzi. 7Baza abaperisite bayingenisa ityeya yocebano lukayehova endaweni yayo, endaweni yokupendula yendlu, kweyingcwele yezingcwele, ngapantsi kwamapiko ekerubime. 8Ngokuba ikerubime zatwabulula amapiko azo ngapezu kwendawo yetyeya; kanjalo ikerubime zagubungela ityeya nezibonda zayo pezulu. 9Kwandula kwar̔olwa izibonda, ukuba zabonakala incam zezibonda zipuma etyeyeni pambi kwendawo yokupendula, kanti bezingabonakali ngapandle; ziko nakona kude kube namhla nje. 10Bekungeko nto etyeyeni, kupela ngalomacwecwe mabini abewafakile u‐Mosesi e‐Horebe, okuya uyehova walwenza ucebano nosapo luka‐Sirayeli, ekupumeni kwalo e‐Jipete.
11Kwaza kwati, bakupuma abaperisite kweyingcwele indawo: (ngokuba bonke abaperisite abebeko bebezingcwalisile, bengalindi oko ngezahlulo: 12kanjalo aba‐Levi abebengabaculi pakati kwabo bonke, abaka‐Safa, abaka‐Hemani, abaka‐Jedutune, nabonyana babo, nababazalwana babo, bevatisiwe ngeqiya eshiceneyo, benesimbali, nenebele, nehadi, bema ngasecaleni lasempumalanga lesibingelo, nakunye nabo abaperisite abalikulu linamashumi mabini behlokomisa amaxilongo:) 13kwaza kwati, xeshekweni abahlokomisi nabaculi benza kunye, kuze kuvakaliswe ilizwi linye ekumdumiseni nasekumbuleleni uyehova; naxeshekweni bapakamisayo ilizwi ngamaxilongo, nangesimbali, nangezinto zokuculisa, nangokumdumisa uyehova, besiti: Ngokuba elungile; ngokuba ububele bake bungunapakade: yandula indlu yazaliswa ngelifu, indlu kayehova; 14bada bakohlwa abaperisite kukuma ukukonza ngenxa yelifu elo; ngokuba ubungcwalisa bukayehova bebuzalisile indlu katixo.