1KWAYE kute ekupeleni kweminyaka imashumi mabini, okuya u‐Solomone abeyakile indlu kayehova, nendlu yake, 2ukuba izixeko owabezinikile u‐Hurame ku‐Solomone, waka zona u‐Solomone, wahlalisa kona usapo luka‐Sirayeli.
3Wandula waya u‐Solomone e‐Hamatitsoba, wayeyisa. 4Waza waka ne‐Tademore entlango, nazo zonke izixeko zokubekela, ezo wazakayo e‐Hamati. 5Waka ne‐Bete‐horone yasentla, ne‐Bete‐horone yasezantsi, izixeko ezinqatyisiweyo, zinendonga, namasango, nemivalo; 6ne‐Bahalate, nazo zonke izixeko zokubekela abe nazo u‐Solomone, nazo zonke izixeko zenqwelo, nezixeko zamahashe okukwelwa, nako konke asukuba ebenqwenela ukukwaka e‐Yerusaleme, nase‐Lebanone, nakulo lonke ilizwe lobukosi bake.
7Bonke abantu ababesele kuwo ama‐Hete, naba‐Amori, nama‐Perizi, nama‐Hivi, nama‐Yebusi, abebengengabo abosapo luka‐Sirayeli, 8abakubo abantwana babo ababesele emva kwabo elizweni, abo usapo luka‐Sirayeli belungabagqibelanga, kwa pezu kwabo wabeka u‐Solomone ukunikela ngenkonzo kwada kwanamhla nje. 9Kanti kulo usapo luka‐Sirayeli, olo ungalwenzanga u‐Solomone lube ngamakonza emsebenzini wake, (ngokuba lona belungamadoda okulwa, nenkosi zenjengele zake, nabapati benqwelo zake, nabakweli bake bamahashe,) 10kwa kulo olu beziko inkosi zabongama abenabo ukumkani u‐Solomone, amakulu mabini anamashumi mahlanu, ezibe zinobukosi pezu kwabantu.
11Kekaloku intombi ka‐Faro wayinyusa u‐Solomone esixekweni sika‐Davide iye endlwini abeyakele yona; ngokuba ebesiti: Umfazi wam akayi kuhlala endlwini ka‐Davide ukumkani wo‐Sirayeli, ngokuba zingcwele ezondawo ingenileyo kuzo ityeya kayehova.
12Oko u‐Solomone wanikela amadini okutshiswa kuyehova, pezu kwesibingelo sikayehova, eso ubesakile pambi kwentendelezo, 13kwa ngokubanga kwemihla ngemihla, enikela, njengomyalelo ka‐Mosesi, ngesabata, nangenyanga ezitwasileyo, nangemitendeleko emisiweyo, amaxesha matatu emnyakeni mnye, ngomtendeleko wezonka ezingenagwele, nangomtendeleko weveki, nangomtendeleko wamapempe. 14Wayemisa, njengesiko lika‐Davide uyise, izahlulo zabaperisite pezu kwenkonzo yabo; naba‐Levi pezu kwezigcinelo zabo, ukuba badumise, bakonze pambi kwabaperisite, ngokubanga kwemihla ngemihla; nabalindimnyango, ngezahlulo zabo, ngesango ngesango: ngokuba ubunjalo umyalelo ka‐Davide indoda katixo. 15Baye bengapambuki kuwo umyalelo wokumkani kubo abaperisite naba‐Levi, ngazo zonke izinto, nangazo indyebo. 16Waye wonke umsebenzi ka‐Solomone ubulungiswa kude kwangumhla wokusekwa kwendlu kayehova, nakude kwakukugqitywa kwayo. Yada yafezwa indlu kayehova.
17Oko waya u‐Solomone e‐Hetsiyone‐gebere, nase‐Elote, elunxwemeni lwolwandle, elizweni le‐Edome. 18Waza u‐Hurame watuma kuye ngezandla zezicaka zake inqanawa, nezicaka ezibe zilwazi ulwandle, ezaya kunye nezicaka zika‐Solomone e‐Ofire, zatabata kona italente zegolide zamakulu mane anamashumi mahlanu, zazizisa kukumkani u‐Solomone.