Eyesibini incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 10
1KEKALOKU mna Paulusi ngokwam ndiyanikunga ngako ukululama nokutamba kuka‐Kristu, onditi ndisebusweni benu nditobekile pakati kwenu, kodwa nxa ndingekoyo ndinokwomelela ngakuni: 2kodwa ndiyanitandaza, ukuba ndingati nxa ndikoyo ndibe nokwomelela ngobuganga obo, enditelekelelisayo ukukalipa ngabo ngakubo abatile, abasibalelayo njengokungati sibe sihamba ngokwenyama. 3Ngokuba sisiti, nangona sihamba enyameni, singalwi ngokwenyama: 4(ngokuba izikali zokulwa kwetu zingebunyama, koko zinamandla pambi kwotixo kuze kube kukuci̔twa kwazo inqaba:) 5sici̔ta nje izicamango, nento zonke ezinde ezipakamayo ngakuko ukwaziwa kukatixo, sitimbela nokutimbela ekuviweni kuka‐Kristu onke amaqinga; 6sesilungile nje kanjalo ukupindezelela konke ukungeva, okuya kuzalisekisweyo ukuva kwenu.
7Nizikangela izinto ngokwokubonakala kwazo na? Ukuba umntu uyazitembela ngokwake ukuba ungoka‐Kristu, makati ngokwake kanjako atelekelele oku, ukuba, njengokuba yena lo ungoka‐Kristu, kwa njalo nati singabaka‐Kristu. 8Ngokuba naxeshekweni ndiqa̔yisayo ngento enkulu ngakumbi ngalo igunya letu, esanikwa lona yinkosi, libe lelokunimisa, lingabi lelokunici̔ta, andiyi kudana: 9ukuze ndingabi nokungati ngendinoyikisa ngencwadi zam. 10Ngokuba incwadi zake, kutshiwo, ziyinto enkulu, zinamandla; kodwa umzimba wake nxa akoyo ubutataka, nokuteta kwake kuyinto edelekileyo. 11Makati onjalo atelekelele oku, ukuba, into siyiyo ekuteteni ngencwadi nxa singekoyo, sikwa yinto enjalo kanjako nxa sikoyo ekwenzeni. 12Ngokuba singalingi ukuzibalelela umhlaumbi ukuzifanisa nenxenye yabazincomayo: koko bona, bezilinganisa pakati kwabo nje, bezifanisa kwa nabo ngokwabo, bengenakuqonda. 13Kodwa tina asiyi kuqa̔yisa ngendawo engenakulinganiswa, koko ngesilinganiselwa somda esabelwa sona ngutixo ukuba sisilinganiselwa sokuba sifikelele kude kube nakuni. 14Ngokuba singazoluli ngokugqita esilinganiselweni setu, njengokungati sibe singafikeleli kuni: ngokuba sasesifikile kwada kwaba nakuni evangelini ka‐Kristu: 15singaqa̔yisi nje ngendawo engenakulinganiswa emisebenzini yabanye abantu, kodwa sinetemba nje lokuba soti, nxa ukolo lwenu lukulayo, sandiswe pakati kwenu ngokwomda wetu ngento eninzi kakulu, 16size siyishumayele ivangeli ezindaweni ezisele kwenu, singaqa̔yisi emdeni womnye umntu ngezinto ezise zilungisiwe. 17Kodwa lowo uqa̔yisayo, makaqa̔yise enkosini. 18Ngokuba engenguye ozincomayo ngokwake obukwayo, nguye onconywayo yinkosi.
Bible Society of South Africa 1902