Eyesibini incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 9
1Ngokuba ngako ukwabela abangcwele, akufuneki kanye ukuba ndiba̔le kuni: 2ngokuba ndisazi unxamelo lwenu, endiqa̔yisayo pezu kwenu ngalo kwabase‐Masedoniya, ukuba i‐Akaiya seilungile nyakenye; kanjalo uzondelelo lwenu lwavusa into eninzi yabo. 3Kodwa nditumile abazalwana aba, ukuze ukuqa̔yisa kwetu pezu kwenu kungenziwa into engento yanto kuyo lendawo; ukuze ke, njengokuba bendisitsho, nibe senilungile: 4hleze kungati, xeshekweni kuzayo abase‐Masedoniya kunye nam, banifumane ningalunganga, kudaniswe tina, (ukuze ndingatsho ukuti nina,) kokukwomelela kwokuqa̔yisa. 5Ndati ngoko ndaba kufanelekile ukuyala abazalwana aba, ukuba bandulele ukuya kuni, balungise pambili into yesisa senu ebishunyayelwe pambili, ukuba yona le ibe ilungile, kube njengokuba iyinto yesisa, kungabi njengokungati yinto yokuvimba.
6Kodwa oku ndiyakutsho: Ohlwayelayo ngokuncinane uya kuvuna nangokuncinane; nohlwayelayo ngokuninzi uya kuvuna nangokuninzi. 7Bonke ngabanye mabape njengokuba bezicingela entliziyweni; kungabi ngosizi, umhlaumbi ngokunyanzelwa: ngokuba utixo etanda opayo ngokucwayita. 8Kanjako utixo unamandla ukwenza ufefe lwonke lukolise ukunandela, ukuze niti, ninokwanela konke ezintweni zonke ngamaxesha onke, nikolise ukwandela yonke imisebenzi elungileyo; 9njengokuba kuba̔liwe ukuti: Uci̔tile, wapa abasweleyo; ubulungisa bake bumi ngonapakade. 10Kekaloku wanga angati lowo obabala imbewu kumhlwayeli, nesonka sibe kukudla, ababale andise isihlwayelo senu, akulise iziqa̔mo zobulungisa benu; 11nityetyiswa nje ezintweni zonke kube sisisa sonke, esizuzisayo ngati umbulelo kutixo. 12Ukuba ukwabiwa kwokonzo olu kungazenzeleli intswelo zabangcwele kodwa, koko kanjako kukolisa ukwanda ngayo imibulelo emininzi kutixo; 13bakuba besiti, ngaso isazelo sesabiwo esi, badumise utixo ngenxa yolulamelo lwemvumelo yenu kuyo ivangeli ka‐Kristu, nesisa somnikelo wenu kubo, nakubo bonke; 14bona nabo ngokwabo ngokunitandazela benilangazelela nje ngenxa yofefe oludluliseleyo lukatixo olukuni. 15Makubulelwe kutixo isipo sake esingabalisekileyo.
Bible Society of South Africa 1902