1EBEYIMINYAKA isixe̔nxe u‐Yehohashe ubudala bake, akuba ngukumkani. Ngomnyaka wesixe̔nxe ka‐Jehu waba ngukumkani u‐Yehohashe, wapata ubukumkani iminyaka yamashumi mane e‐Yerusaleme. Igama lonina belingu‐Tsibiya, owase‐Beresheba. 2Waye u‐Yehohashe esenza okufaneleyo emehlweni kayehova yonke imihla yake, leyo wabemfundisa ngayo u‐Yoyada umperisite. 3Kodwa indawo ezipakamileyo bezingasuswa: abantu basabinga baqumisa ezindaweni ezipakamileyo.
4Wada wati u‐Yehohashe kubaperisite: Yonke imali yezinto ezingcwele eziswayo endlwini kayehova, imali yalowo ugqitela kwababalweyo, nemali yeziqu esinye ngesinye njengokulinganiswa kwaso, nayo yonke imali ekungena entliziyweni yomntu ukuyizisa endlwini kayehova, 5mabati abaperisite bayitabatele kubo, besamkela abanye ngabanye kubazane babo; bandule balungise intanda zendlu, apo kusukuba kuya kufunyanwa kona intanda.
6Kodwa kwakute ngomnyaka wamashumi mabini anesitatu wokumkani u‐Yehohashe, abaperisite bebengalungisanga intanda zendlu. 7Wandula ukumkani u‐Yehohashe wabiza u‐Yoyada umperisite, nabanye abaperisite, wati kubo: Kunganina ukuba ningazilungisi intanda zendlu? ngako kaloku ningabi nisamkela imali kubazane benu, koko yinikeleni intanda zendlu.
8Bavuma ke abaperisite ukuba bangabi besamkela imali ebantwini, nokuba bangalungisi intanda zendlu. 9Kodwa u‐Yoyada umperisite watabata ityeya, wajigija intunja esicikweni sayo, wayibeka ngasesibingelweni, ngecala lasekunene ekungeneni kwomntu endlwini kayehova; baza abaperisite abagcinayo umnyango bafaka kona yonke imali ebiziswa kuyo indlu kayehova.
10Kwabekute, xeshekweni babona ukuba imali etyeyeni ininzi, kwenyuka umba̔li wokumkani nomperisite omkulu, bayibopa, bayibala imali ebifunyanwa endlwini kayehova. 11Baza bayinika imali seilinganisiwe ezandleni zabawenzayo umsebenzi, ababe bonganyisiwe pezu kwendlu kayehova; bati bona bayikupela kwincibi zemiti nakubaki, ababesebenza endlwini kayehova, 12nakubenzi bendonga, nakubabazi bamatye, nokuba kutengwe imiti namatye aqandulweyo, kuze kulungiswe intanda zayo indlu kayehova, nangenxa yako konke okube kukutshelwa indlu ukuyilungisa. 13Kodwa bekungenzelwa indlu kayehova izikotile zesilivere, izicimo, izitya zokufefela, amaxilongo, enye impahla yegolide, nenye impahla yesilivere, ngemali ebiziswa kuyo indlu kayehova: 14koko banikayo yona kwabo bawenzayo umsebenzi; baye belungisa ngayo indlu kayehova. 15Kanjako ababuza amadoda, abayinikayo imali leyo ezandleni zawo, ukuba anike kwabenzayo umsebenzi; ngokuba wona ebesenza ngenyaniso. 16Imali yetyala, nemali yezono, yona ibingaziswa endlwini kayehova; ibiyeyabaperisite.
17Okuya wenyuka u‐Hazayeli ukumkani we‐Siriya, walwa ngakuyo i‐Gate, wayitimba: wandula u‐Hazayeli wabeka ubuso bake ukuya kunyuka ngakuyo i‐Yerusaleme. 18Koko u‐Yehohashe ukumkani wo‐Juda watabata zonke izinto ezingcwele ababezingcwalisile u‐Yehoshafate, no‐Yehorame, no‐Ahaziya, oyise bake, okumkani bo‐Juda, nezake izinto ezingcwele, nayo yonke igolide ebifunyanwa pakati kwendyebo zendlu kayehova nezendlu yokumkani, wazituma ku‐Hazayeli ukumkani we‐Siriya: waza wenyuka engayi e‐Yerusaleme.
19Nesisalela semicimbi ka‐Yohashe, nako konke abekwenza, ayiba̔lwanga na yona encwadini yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani bo‐Juda? 20Zaye zisuka izicaka zake, zenza ingcebiswano, zambulala u‐Yohashe endlwini ye‐Milo, eyehlayo ngase‐Sila: 21ngokuba u‐Yozakare unyana ka‐Shimehate, no‐Yehozabadi unyana ka‐Shomere, izicaka zake, bambeta, wada wafa; baza bamncw̔aba noyise bake esixekweni sika‐Davide: wati u‐Amatsiya unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake.