1NGOMNYAKA wesibini ka‐Yohashe unyana ka‐Yehowahazi ukumkani wo‐Sirayeli, waba ngukumkani u‐Amatsiya unyana ka‐Yohashe ukumkani wo‐Juda. 2Ebeyiminyaka imashumi mabini anamihlanu ubudala bake, akuba ngukumkani, wapata ubukumkani e‐Yerusaleme iminyaka yamashumi mabini anesitoba. Igama lonina belingu‐Yehohadane, owase‐Yerusaleme. 3Wayesenza okufaneleyo emehlweni kayehova, kodwa bekungenjengo‐Davide uyise; wenza ngako konke abekwenzile u‐Yohashe uyise. 4Noko indawo ezipakamileyo bezingasuswa; abantu basabinga baqumisa ezindaweni ezipakamileyo. 5Kwaza kwati, okuya ubukumkani bebuqinile esandleni sake, wabulala izicaka zake ezibe zimbulele ukumkani uyise. 6Kanti abantwana bababulali akabafisa; njengako okuba̔liweyo encwadini yomteto ka‐Mosesi, apo uyehova ayaleleyo ngokuti: Oyise abayi kufiswa ngenxa yabantwana, nabantwana abayi kufiswa ngenxa yoyise; koko bonke ngabanye baya kufiselwa esabo isono. 7Wabulala ama‐Edome emhlanjeni we‐Tyuwa, ishumi lamawaka, wayibamba i‐Sela ngokulwa, walibiza igama layo ngokuti yi‐Yokitele, kwada kwanamhla nje.
8Oko watuma u‐Amatsiya isigidimi ukuya ku‐Yehohashe, unyana ka‐Yehowahazi unyana ka‐Jehu, ukumkani wo‐Sirayeli, ukuti: Yiza, sibonane ngobuso. 9Koko u‐Yehohashe ukumkani wo‐Sirayeli watumela ku‐Amatsiya ukumkani wo‐Juda, ukuti: Umtolo obuse‐Lebanone watuma kuyo isedare ebise‐Lebanone, usiti: Nika intombi yako kunyana wam ibe ngumfazi: saza sadlula isilo sasendle esibe sise‐Lebanone, sawunyatela umtolo lowo. 10Uwabetile okunene ama‐Edome, ngako intliziyo yako ikupakamisile: qa̔yisela oku, uhlale ekaya; ngokuba kunganina ukuba uya kulwa nelishwa, ukuze uwe, kwa wena no‐Juda kunye nawe? 11Kodwa u‐Amatsiya ebengapulapuli. Ngako wenyuka u‐Yehohashe ukumkani wo‐Sirayeli; baza babonana ngobuso, yena no‐Amatsiya ukumkani wo‐Juda, e‐Bete‐shemeshe ekwa‐Juda. 12Bati o‐Juda boyiswa pambi kwo‐Sirayeli; basuka besaba baya abanye ngabanye ezintenteni zabo. 13No‐Amatsiya ukumkani wo‐Juda, unyana ka‐Yehohashe, unyana ka‐Ahaziya, u‐Yehohashe ukumkani wo‐Sirayeli wambamba e‐Bete‐shemeshe, weza e‐Yerusaleme, walucita udonga lwe‐Yerusaleme, kwa kulo isango lika‐Frayime kwada kwakulo isango legumbi, ikubite zingamakulu mane. 14Wayetabata yonke igolide nesilivere, nazo zonke impahla ezazifunyanwa endlwini kayehova, napakati kwendyebo zendlu yokumkani, nababambiseli, wabuyela e‐Samariya.
15Kekaloku isisalela semicimbi ka‐Yehohashe, oko wakwenzayo, namandla ake, nokuba wati nina ukulwa no‐Amatsiya ukumkani wo‐Juda, ayiba̔lwanga na yona encwadini yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani bo‐Sirayeli? 16Wada u‐Yehohashe walala noyise bake, wancw̔atywa e‐Samariya ndawonye nokumkani bo‐Sirayeli; waza u‐Jerobome unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake.
17Wati u‐Amatsiya unyana ka‐Yohashe, ukumkani wo‐Juda, wahlala emveni kwokufa kuka‐Yehohashe unyana ka‐Yehowahazi, ukumkani wo‐Sirayeli, iminyaka yalishumi elinamihlanu. 18Nesisalela semicimbi ka‐Amatsiya, ayiba̔lwanga na yona encwadini yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani bo‐Juda? 19Baye besenza ngakuye ingcebiswano e‐Yerusaleme; wesaba waya e‐Lakishe; kodwa batumela emva kwake e‐Lakishe, bambulala kona. 20Baza bamsa pezu kwamahashe: wancw̔atywa e‐Yerusaleme ndawonye noyise bake esixekweni sika‐Davide.
21Bandula bonke abantu bakwa‐Juda batabata u‐Hazariya, obeyiminyaka yalishumi elinesitandatu ubudala bake, bamenza ukumkani esikundleni soyise u‐Amatsiya. 22Yena wayaka i‐Elate, wayibuyisela ko‐Juda, emveni kwokuba ukumkani ebelele noyise bake.
23NGOMNYAKA weshumi linesihlanu ka‐Amatsiya unyana ka‐Yohashe ukumkani wo‐Juda, waba ngukumkani u‐Jerobome unyana ka‐Yohashe ukumkani wo‐Sirayeli e‐Samariya, wapata ubukumkani iminyaka yamashumi mane anamnye. 24Wayesenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova; akapambuka kuzo zonke izono zika‐Jerobome unyana ka‐Nebati, owenzayo o‐Sirayeli bone. 25Yena wabuyisa umda wakwa‐Sirayeli, kwa sekungenweni kwe‐Hamati kwada kwakulo ulwandle lwasetafeni, njengelizwi likayehova, utixo wo‐Sirayeli, owabelitetile ngesandla sesicaka sake u‐Jona unyana ka‐Amitai, umprofite, obengowase‐Gate‐hefere. 26Ngokuba uyehova ebebona ubunzima bo‐Sirayeli ukuba buṙaṙa kakulu; ngokuba bekungeko ovaliweyo, bekungeko nokululekileyo, bekungeko namncedi kanjalo ko‐Sirayeli. 27Waye uyehova engatshongo ukuba wolicima igama lo‐Sirayeli kwa pantsi kwezulu; kodwa wabasindisa ngesandla sika‐Jerobome unyana ka‐Yohashe.
28Nesisalela semicimbi ka‐Jerobome, nako konke abekwenza, namandla ake, ukuba wati nina ukulwa, nokuba wati nina ukubuyisela ko‐Sirayeli i‐Damakusi ne‐Hamati yakwa‐Juda, ayiba̔lwanga na yona encwadini yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani bo‐Sirayeli? 29Wada u‐Jerobome walala noyise bake, ndawonye nokumkani bo‐Sirayeli; waza u‐Zekariya unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake.