1NGOMNYAKA weshumi linesibini ka‐Ahazi ukumkani wo‐Juda, waba ngukumkani u‐Hosheha unyana ka‐Ela e‐Samariya pezu kwo‐Sirayeli, wapata ubukumkani iminyaka yalitoba. 2Wayesenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova; kodwa bekungenjengabo okumkani bo‐Sirayeli abebeko pambili kuye. 3Kwenyuka ngakuye u‐Shalemanesere ukumkani we‐Asiriya; waza u‐Hosheha waba ngumkonzi wake, wanikela kuye umnikelo.
4Kodwa ukumkani we‐Asiriya wafumana ingcebo ku‐Hosheha, ekubeni wabetumile izigidimi ku‐Soe ukumkani we‐Jipete, nokuba engasanga umnikelo kukumkani we‐Asiriya, njengokuba ebenje njalo ngomnyaka ngomnyaka; ngako ukumkani we‐Asiriya wamvalela, wamnxiba entolongweni. 5Waza wenyuka ukumkani we‐Asiriya waya kulo lonke ilizwe; wenyukela nase‐Samariya, wayivingcela iminyaka yamitatu. 6Ngomnyaka wesitoba ka‐Hosheha wayibamba ukumkani we‐Asiriya i‐Samariya, wabafudusela o‐Sirayeli e‐Asiriya, wabahlalisa e‐Halahi, nase‐Habore, ngasemlanjeni we‐Gozane, nasezixekweni zama‐Medi.
7Ngokuba kube kute, ukuba usapo luka‐Sirayeli lube lwonile ngakuye uyehova, utixo walo, owabelunyusile elizweni le‐Jipete, kwa pantsi kwesandla sika‐Faro ukumkani we‐Jipete, nokuba beluboyikile otixo bambi, 8lwahamba emimisweni yabaheyideni, abete uyehova wabagqogqa pambi kwosapo luka‐Sirayeli, nakweyokumkani bo‐Sirayeli, leyo bebeyenzile. 9Lwati usapo luka‐Sirayeli kanjalo lwenza ngasese izinto ezingafanelekileyo ngakuye uyehova, utixo walo, lwazakela indawo ezipakamileyo kuzo zonke izixeko zalo, kwa kuyo inqaba yabalindi kude kwakuso isixeko esinqatyisiweyo. 10Lwazimisela intsika zamatye, ne‐Ashera, pezu kwazo zonke induli ezinde, nangapantsi kwayo yonke imiti eluhlaza. 11Lwaqumisa kwa kona kuzo zonke indawo ezipakamileyo, njengabaheyideni abebafudusile uyehova ebusweni balo; lwenza nezinto ezikohlakeleyo ukumqumbisa uyehova: 12ngokuba belukonza izitixwana, abete uyehova kulo ngazo: Aniyi kuyenza lento.
13Waye uyehova ebenqi̔nile ngako‐Sirayeli, nangako‐Juda, ngabo bonke abaprofite, nabo bonke ababoni, esiti: Guqukani kuzo indlela zenu ezikohlakeleyo, nigcine imiyalelo yam nemimiso yam, njengawo wonke umteto endibayaleleyo oyihlo benu, nendiwutumileyo kuni ngesandla sezicaka zam abaprofite. 14Abapulapula noko, kodwa benza lukuni intamo yabo, njengentamo yoyise babo, abebengakolwa nguyehova, utixo wabo. 15Balahla nemimiso yake, nocebano lwake owabelwenzile noyise babo, nezinqi̔no zake abezinqi̔nile ngakubo, bahamba emva kwokungendawo, bada baba ngabangendawo, nasemva kwabaheyideni ababangqongayo, abo uyehova ebebayalele ukuba mabangenzi njengabo. 16Baye beshiya yonke imiyalelo kayehova, utixo wabo, bazenzela imifanekiso etyityishiweyo, amatole amabini; bazenza i‐Ashera, bazitoba kuwo wonke umkosi wezulu, bamkonza u‐Bali. 17Kanjako badlulisa onyana babo nentombi zabo emlilweni, benza ngokulaula nangobugqi, bazitengisela ukwenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova, ukumqumbisa. 18Ngako uyehova wabequmbile kakulu ngako‐Sirayeli, wabasusa ebusweni bake; bekungeko oseleyo, kupela isizwe sika‐Juda sodwa, 19no‐Juda abayigcina bona imiyalelo kayehova, utixo wabo; kodwa bahamba emimisweni yo‐Sirayeli, leyo bebeyenzile.
20Waza uyehova wayilahla yonke inzalo ka‐Sirayeli, wababandezela, wabanikela esandleni sabatimbi, wada wabagxota ebusweni bake. 21Ngokuba wabaṙazula o‐Sirayeli kuyo indlu ka‐Davide; bati bona bamenza u‐Jerobome unyana ka‐Nebati ukumkani: waza u‐Jerobome wabakukulisa o‐Sirayeli ekumlandeleni uyehova, wabenza bone isono esikulu. 22Lwandula usapo luka‐Sirayeli lwahamba ngazo zonke izono zika‐Jerobome owabezenzile; alwapambuka kuzo; 23wada uyehova wabasusa o‐Sirayeli ebusweni bake, njengokuba ebetetile ngazo zonke izicaka zake abaprofite. Kwa njalo o‐Sirayeli bebefuduswa emhlabeni wabo bafuduselwa e‐Asiriya, kwada kwanamhla nje.
24KEKALOKU ukumkani we‐Asiriya wavelisa abantu e‐Babilone, nase‐Kuta, nase‐Hava, nase‐Hamati, nase‐Sefarevayime, wabahlalisa ezixekweni zase‐Samariya esikundleni salo usapo luka‐Sirayeli; baza bafuya i‐Samariya, bahlala ezixekweni zayo. 25Kwabekute ekuqaleni kwokuhlala kwabo kona, babe bengamoyiki uyehova; waza uyehova watuma pakati kwabo ingonyama, ezababulalayo inxenye. 26Ngako bateta kukumkani we‐Asiriya, besiti: Izizwe ozifudusileyo, nozihlalisileyo ezixekweni zase‐Samariya, azilazi isiko lake utixo welizwe; ngako utumile ingonyama pakati kwazo, kanjalo bona ke, zizibulala, ngokokuba zingalazi isiko lake utixo welizwe. 27Waza waxela ukumkani we‐Asiriya, esiti: Mseni apo omnye kubaperisite enibe nibafudusa kwa kona; mabaye bahlale kona: andule azifundise isiko lake utixo welizwe. 28Wandula weza omnye kubaperisite abebebafudusile e‐Samariya, wahlala e‐Betele, wazifundisa ukuba ngazisiti nina ukumoyika uyehova.
29Noko zibe zisenza isizwe ngesizwe otixo bazo, zababeka ezindlwini zendawo ezipakamileyo, ezibe zenziwe ngama‐Samariya, isizwe ngesizwe ezixekweni zazo, ezo zahlala kuzo. 30Amadoda ase‐Babilone enza u‐Sukote‐benote, namadoda ase‐Kuta enza u‐Neregali, namadoda ase‐Hamati enza u‐Ashima, 31nama‐Hava enza u‐Nibehazi no‐Tiretaki, nama‐Sefarevayime wona atshisa abantwana bawo emlilweni ku‐Adrameleki no‐Hanameleki, otixo base‐Sefarevayime. 32Bamoyika uyehova kanjalo, bazenzela abaperisite bendawo ezipakamileyo kulo lonke inani labo, ababenzelayo amadini ezindlwini zendawo ezipakamileyo. 33Uyehova bamoyika, notixo babo babakonza, njengesiko lezizwe ababe befudusiwe kuzo.
34Kude kube namhla nje bayenza ngamasiko apambili: abamoyiki uyehova, abenzi ngezimiselo zabo, nangezigwebo zabo, nangomteto, nangomyalelo, owona uyehova waluyalelayo usapo luka‐Yakobi, lowo wamtiyayo igama elingu‐Sirayeli: 35abete uyehova wenza ucebano nalo, waluyalela, esiti: Aniyi kwoyika otixo bambi, aniyi kutoba pambi kwabo, aniyi kubakonza, aniyi kubingelela kubo; 36kodwa uyehova, obeninyusa elizweni le‐Jipete ngamandla amakulu nangengalo eyolulweyo, nguye eniya kumoyika, napambi kwake niya kutoba, nakuye niya kubingelela. 37Nezimiselo, nezigwebo, nomteto, nomyalelo, aniba̔lele zona, niya kulumkela ukuzenza imihla yonke; aniyi kuboyika otixo bambi. 38Nocebano endilwenzileyo nani aniyi kulibala lona; aniyi kuboyika otixo bambi. 39Koko uyehova, utixo wenu, niya kumoyika: waye yena eya kunihlangula esandleni sazo zonke intshaba zenu. 40Abapulapula noko, kodwa benza ngalo isiko labo lapambili.
41Kwa njalo ezizizwe zamoyika uyehova, nemifanekiso eqingqiweyo yazo zayikonza; kanjako abantwana bazo, nabantwana babantwana bazo, njengokuba bebesenza oyise babo, bayenza bona kude kube namhla nje.