1KWAYE kute, nxa uyehova abeza kunyusa u‐Elija ngesaqwiti aye ezulwini, wandula wemka u‐Elija no‐Elisha e‐Gilegale. 2Waza u‐Elija wati ku‐Elisha: Kauhlale apa; ngokuba uyehova enditumile ukuya e‐Betele. Kodwa wati u‐Elisha: Ehleli nje uyehova, uhleli nje nompefumlo wako, andiyi kukushiya! Baye behlela e‐Betele. 3Bandula onyana babaprofite abebese‐Betele bapumela ku‐Elisha, bati kuye: Uyakwazi na ukuba uyehova uya kususa inkosi yako namhla entlokweni yako? Wayesiti: Ewe, ndiyakwazi; yitini cwaka. 4Waza wati u‐Elija kuye: Elisha! kauhlale apa; ngokuba uyehova enditumile ukuya e‐Jeriko. Kodwa wati: Ehleli nje uyehova, uhleli nje nompefumlo wako, andiyi kukushiya! Baye besiza e‐Jeriko. 5Bandula basondela onyana babaprofite abebese‐Jeriko ku‐Elisha, bati kuye: Uyakwazi na ukuba uyehova uya kususa inkosi yako namhla entlokweni yako? Wayesiti: Ewe, ndiyakwazi; yitini cwaka. 6Waza wati u‐Elija kuye: Kauhlale apa; ngokuba uyehova enditumile ukuya e‐Yoredane. Kodwa wati: Ehleli nje uyehova, uhleli nje nompefumlo wako, andiyi kukushiya! Basuka bahamba bobabini. 7Andula amadoda angamashumi mahlanu kubo onyana babaprofite aya ema malungana nabo ekude; bati bona bobabini bema ngase Yoredane. 8Waza u‐Elija watabata ingubo yake, wayisonga, wawabeta amanzi, ahluka wona nalapa napaya; bada bona bobabini bawela pezu kwowomileyo umhlaba.
9Kwabekute, bakuba bewelile, wandula wati u‐Elija ku‐Elisha: Cela into endiya kukwenzela yona, ndingekasuswa kuwe. Wayesiti u‐Elisha: Makekubeko isabiwo esipindiweyo somoya wako pezu kwam. 10Waza wati: Ucelile into enqabileyo: noko, ukuba uyandibona ndakususwa kuwe, kwoba njalo kuwe; kodwa ukuba akundiboni, akuyi kuba njalo.
11Kwaye kute ke, nxa bahambayo bemana beteta, nantsi inqwelo yomlilo inamahashe omlilo, eyasenza isahlulo pakati kwabo bobabini; waza u‐Elija wenyukela ezulwini ngesaqwiti.
12Wabona ke u‐Elisha, wadanduluka, esiti: Bawo wam, bawo wam! inqwelo yo‐Sirayeli, nabakweli babo! Wada akabi sambona; waza wabamba izivato zake, waziṙazula zaba ziziziba zibini. 13Wayicola nengubo ka‐Elija ebiwile kuye, wabuya, waya wema ngaselugudwini lwe‐Yoredane. 14Waza watabata ingubo ka‐Elija ebiwile kuye, wawabeta amanzi, wati: Upina uyehova, utixo ka‐Elija? Kwa yena akuwabeta amanzi, ahluka wona nalapa napaya; wada wawela u‐Elisha.
15Kekaloku onyana babaprofite abebese‐Jeriko bakumbona bekude, bati: Umoya ka‐Elija uyapumla pezu kwo‐Elisha. Bandula beza ukumkaulela, bazitoba kuye ngasemhlabeni. 16Baye besiti kuye: Bona ke, kuko nezicaka zako amashumi mahlanu amadoda akalipileyo; makaye ke, afune inkosi yako; hleze kube kukuba umoya kayehova umfunqulile, wamkahlela pezu kwenye yentaba, umhlaumbi kwesinye sezihlambo. Wayesiti: Aniyi kutuma. 17Kodwa bakumqu̔ba wada wadana, wandula wati: Tumani. Baza batuma amadoda amashumi mahlanu, abefuna imihla mitatu, engamfumananga ke. 18Nxa babuyeleyo kuye, (ngokuba ebesahlala e‐Jeriko,) wandula wati kubo: Bendingati kuni na: Ningayi?
19Aza amadoda esixeko ati ku‐Elisha: Bona ke, intlalo yesisixeko ilungile, njengokuba inkosi yam ibona; kodwa amanzi mabi, nomhlaba uputile. 20Wayesiti: Ndiziseleni isikotile esitsha, nifake kona ityuwa. Baza basizisa kuye. 21Wandula wapumela etendeni lamanzi, wayiposela kona ityuwa, wati: Utsho uyehova ukuti: Ndiwapilisile amanzi la; akuyi kubuya kuvele kona ukufa nokuputa. 22Kwa njalo kwapiliswa amanzi lawo kwada kwanamhla nje, njengelizwi lika‐Elisha owabelitetile.
23Wasuka wenyuka kona ukuya e‐Betele. Kekaloku nxa abenyuka ngendlela, kwapuma esixekweni abafana abancinane, abahlekisa ngaye, bati kuye: Nyuka, qaindini! nyuka, qaindini! 24Waza wabeka ngomva, wabakangela, wabaqalekisa egameni likayehova. Kwandul’ ukupuma ibere zimbini ehlatini, zaqwenga kubo abantwana abangamashumi mane anababini. 25Wemka kona waya entabeni ye‐Karamele; wesuka nakona wabuyela e‐Samariya.