1KWAYE kute emveni kwoku, ukuba u‐Davide wabuza kuyehova, esiti: Ndiya kunyuka na ndiye kwesinye sezixeko zakwa‐Juda? Wayesiti uyehova kuye: Nyuka. Waza u‐Davide wati: Ndiya kunyukela pina? Wati: e‐Hebrone. 2Wasuka u‐Davide wenyukela kona, kwa nabafazi bake bobabini, u‐Ahinohame um‐Yezerelekazi, no‐Abigali umfazi ka‐Nabali um‐Karamele. 3Namadoda ake abenaye wawenyusa u‐Davide, amanye ngamanye enabendlu zawo: baza bahlala ezixekweni zase‐Hebrone. 4Andula eza amadoda akwa‐Juda, amtambisa kona u‐Davide abe ngukumkani pezu kwendlu ka‐Juda.
Kwaye kuxelwa ku‐Davide, kusitwa: Amadoda ase‐Yabeshe‐gileyadi angabo abamncw̔abileyo u‐Saule. 5Waza u‐Davide watuma izigidimi kuwo amadoda ase‐Yabeshe‐gileyadi, wati kuwo: Manitanyusanqelwe nina nguyehova, ngokokuba nenzile obububele enkosini yenu, ku‐Saule, nimncw̔abile nje. 6Nakaloku makenze uyehova kuni ububele nenyaniso; kanjalo nam ndiya kubuyekeza kuni ukulunga oku, ngokokuba nenzile lento. 7Ngako kaloku, mazomelele izandla zenu, nibe ngamadoda obuṙoti; ngokuba ifile inkosi yenu, u‐Saule; kanjalo nam indlu ka‐Juda inditambisile ndibe ngukumkani pezu kwabo.
8Koko u‐Abenere, unyana ka‐Nere, inkosi yomkosi obungoka‐Saule, watabata u‐Shiboshete unyana ka‐Saule, wamweza ukuya e‐Mahanayime; 9wamenza ukumkani pezu kwe‐Gileyadi, napezu kwama‐Ashuri, napezu kwe‐Yezerele, napezu kwo‐Frayime, napezu kwo‐Benjamine, napezu kwo‐Sirayeli bonke. 10Ebengominyaka imashumi mane u‐Shiboshete unyana ka‐Saule ubudala bake, akuba ngukumkani pezu kwo‐Sirayeli; wapata ubukumkani iminyaka yamibini. Kodwa indlu ka‐Juda ibimlandela u‐Davide. 11Laye inani lemihla u‐Davide ebengukumkani ngayo e‐Hebrone, pezu kwendlu ka‐Juda, liyiminyaka isixe̔nxe nenyanga zintandatu.
12Kekaloku u‐Abenere unyana ka‐Nere, nezicaka zika‐Shiboshete unyana ka‐Saule, bapuma e‐Mahanayime baya e‐Gibeyone: 13kanjalo u‐Jowabi unyana ka‐Tseruya, nezicaka zika‐Davide, bapuma, bahlangana nabo ngasecibini lase‐Gibeyone: baza bahlala pantsi, aba ngelinye icala lecibi, nabo ngelinye icala lecibi. 14Wandula u‐Abenere wati ku‐Jowabi: Makasuke ke amadodana, adlale ebusweni betu. Wati u‐Jowabi: Makasuke. 15Aza esuka, adlula ngenani; ishumi linamabini amadodana akwa‐Benjamine, abengaka‐Shiboshete unyana ka‐Saule, neshumi linamabini ezicakeni zika‐Davide. 16Asuka abambana ngentloko, ahlaba enye ngeṙele layo ecaleni lenye, awa kwa kunye; ngako londawo ibibizwa ngokuti yi‐Helekate‐hatsurime, ese‐Gibeyone. 17Kwabekuko ukulwa okunzima kakulu ngalomhla: waza woyiswa u‐Abenere, namadoda akwa‐Sirayeli, ebusweni bezicaka zika‐Davide.
18Kwaye kuko kona onyana abatatu baka‐Tseruya, u‐Jowabi, no‐Abishai, no‐Hasaheli; waye u‐Hasaheli ebenamendu ngenyawo zake, njengelinye lamabadi asendle. 19Waza u‐Hasaheli wamsukela u‐Abenere; ebengashenxi ukuya ngasekunene nangasekohlo ekumlandeleni u‐Abenere. 20Wandula u‐Abenere wabeka ngasemva kwake, wati: Unguwe na, Hasaheli? Wati: Ndim. 21Waza u‐Abenere wati kuye: Shenxela ngasekunene kwako, umhlaumbi ngasekohlo kwako, uyibambe enye yamadodana, utabate izixo̔bo zayo. Kodwa u‐Hasaheli ebengavumi ukupambuka ekumlandeleni. 22Wapinda kanjako u‐Abenere ukuti ku‐Hasaheli: Pambuka ekundilandeleni; yinina ukuba ndikubete ngasemhlabeni? ngendisiti nina ke ukupakamisa ubuso bam ku‐Jowabi umkuluwe wako? 23Kodwa wala ukupambuka: ngako u‐Abenere wambeta ngencam yasemva yentshuntshe esiswini, yada intshuntshe yapumela emva kwake; waza wawa kona, wafa endaweni yake: kwaza kwati, bonke abezayo kulondawo, apo wawayo u‐Hasaheli wafa kona, bati uqumama. 24Kanjalo u‐Jowabi no‐Abishai bamsukela u‐Abenere: lati ilanga latshona bakufika endulini ye‐Ama, epambi kwe‐Giya, ngasendleleni yentlango yase‐Gibeyone.
25Lwaza usapo luka‐Benjamine lwazihlanganisa emva kwo‐Abenere, lwaba liqela linye, lwema pezu kwococoyi lwenduli. 26Wandula u‐Abenere wabiza ku‐Jowabi, wati: Iṙele liya kudla kude kube ngunapakade na? akwazi na ukuba kwobako ubuṙaṙa ekupeleni? kwoda kube ninina ke ungayi kuxelela abantu, ukuba mababuye ekulandeleni abazalwana babo? 27Waza wati u‐Jowabi: Ehleli nje uyehova, ukuba ubungatetanga, ngenyaniso oko kwa kusasa bange benyukile abantu abanye ngabanye ekulandeleni abazalwana babo! 28Wandula u‐Jowabi wavutela ngexilongo; baza bonke abantu bati nqumama; ababuya basukele o‐Sirayeli; ababi sapinda ukulwa kanjako.
29Kekaloku u‐Abenere namadoda ake bahamba bonke ubusuku obo etafeni, bawela i‐Yoredane, bacanda kuyo yonke i‐Biterone, bada bafika e‐Mahanayime. 30Wati no‐Jowabi wabuya ekumlandeleni u‐Abenere, wahlanganisa bonke abantu: kwaza kwasweleka ezicakeni zika‐Davide amadoda alishumi elinesitoba, no‐Hasaheli: 31kodwa izicaka zika‐Davide bezibetile kumadoda akwa‐Benjamine, napakati kwamadoda ka‐Abenere, ukuba amadoda angamakulu matatu anamashumi matandatu abefile. 32Baza bamsusa u‐Hasaheli, bamncw̔aba encw̔abeni loyise, elibe lise‐Beteleheme. Basuka bahamba u‐Jowabi namadoda ake bonke ubusuku, kwada kwabakanyela e‐Hebrone.