Eyesibini ka‐Samyali 9
1WAYESITI u‐Davide: Kuseko na oseleyo kwindlu ka‐Saule, ukuze ndimenzele ububele ngenxa ka‐Jonatane? 2Kwabekuko isicaka sendlu ka‐Saule, esigama belingu‐Tsiba; baza bambiza eze ku‐Davide. Wandula ukumkani wati kuye: Wena ungu‐Tsiba na? Wayesiti: Isicaka sako singuye. 3Waza ukumkani wati: Akuseko na umntu wendlu ka‐Saule, ukuba ndimenzele ububele bukatixo? Wati u‐Tsiba kukumkani: Kuseko unyana ka‐Jonatane, oqwalelayo ngenyawo. 4Waza ukumkani wati kuye: Upina yena? Wati u‐Tsiba kukumkani: Bona ke, usendlwini ka‐Makire, unyana ka Hamiyeli, e‐Lo‐debare. 5Wandula watuma ukumkani u‐Davide, wamtabata endlwini ka‐Makire, unyana ka‐Hamiyeli, e‐Lo‐debare.
6Wati akufika u‐Mefiboshete, unyana ka‐Jonatane, unyana ka‐Saule, ku‐Davide, wandula wawa ebusweni bake, waziqubuda. Wayesiti u‐Davide: Mefiboshete! Wati yena: Nasi isicaka sako! 7Waza u‐Davide wati kuye: Ungoyiki; ngokuba ndiya kukwenzela ububele ngenyaniso, ngenxa ka‐Jonatane uyihlo, ndibuyisele kuwe onke amasimi ka‐Saule uyihlo; nawe uya kumana ukudla isonka ngasetafileni yam. 8Wasuka wazitoba, wati: Isicaka sako siyinto nina, ukuba ubeke kuyo inja efileyo enjengam?
9Wandula ukumkani wambiza u‐Tsiba, isicaka sika‐Saule, wati kuye: Konke okube kukokuka‐Saule, nokwayo yonke indlu yake, ndikunikile kunyana wenkosi yako. 10Ngako uya kumlimela umhlaba, wena nonyana bako, nezicaka zako, ungenise iziqa̔mo, ukuze unyana wenkosi yako abe nesonka, ukuba adle; kodwa u‐Mefiboshete, unyana wenkosi yako, womana ukudla isonka ngasetafileni yam. Kekaloku u‐Tsiba ebenonyana balishumi elinabahlanu, nezicaka zamashumi mabini. 11Waza u‐Tsiba wati kukumkani: Njengako konke inkosi yam ukumkani isiyalele isicaka sayo, siya kwenje njalo isicaka sako. Kanjalo u‐Mefiboshete, watsho ukumkani, esidla ngasetafileni yam, woba njengomnye wonyana bokumkani. 12Waye u‐Mefiboshete enonyana omncinane, ogama belingu‐Mika. Kanjako bonke ababehlala endlwini ka‐Tsiba, bebezizicaka kuye u‐Mefiboshete. 13Kwa njalo u‐Mefiboshete wahlala e‐Yerusaleme; ngokuba ebemana ukudla ngasetafileni yokumkani: wayesisiqwala ngenyawo zake zombini.
Bible Society of South Africa 1902