Eyesibini incwadi ka‐Paulusi ku‐Timote 2
1WENA ngoko nyana wam! yomelezeka elufefeni olukuye u‐Kristu Yesu. 2Nezozinto wabuziva kum ebusweni bamanqi̔na amaninzi, zona ezi zibekele kubantu abanyanisekileyo, abo ke abaya kuba namandla okufundisa nabanye. 3Wena ngoko nyamezela ubunzima njengesodati elilungileyo lika‐Yesu Kristu. 4Akuko mntu ekonza njengesodati oziṙintyelayo ngemicimbi yokudliwa kwobomi; ukuze akolise lowo wamqeshayo abe lisodati. 5Naxeshekweni kanjako kulwayo umntu ezindlalweni, akafakwa isitsaba xeshekweni angalwanga ngokwomteto. 6Umlimi osebenzayo ufanele ukwamkela kuqala kwiziqa̔mo. 7Qonda izinto endizitshoyo: yanga ke inkosi ingakunika ingqiqo ezintweni zonke.
8Kumbula u‐Yesu Kristu njengokuba evusiwe ekufeni, owakuyo inzalo ka‐Davide, ngokwevangeli yam: 9ekuyo ndibuvayo ubunzima njengomenzi wenkohlakalo kude kube zizinxibo; kodwa lona ilizwi likatixo alinxityiwe noko. 10Ngenxa yoku zonke izinto ndiyazinyamezela ngenxa yabo abaqashwa, ukuze nabo bona baluzuze usindiswa olukuye u‐Kristu Yesu ndawonye nobungcwalisa obungunapakade. 11Linyanisekile elilizwi: Ukuba ke safa kunye naye, siya kubudla ubomi kunye naye kanjako: 12ukuba siyanyamezela, siya kupata ubukosi kunye naye kanjako: ukuba siyamkanyela, naye lowo wosikanyela tina: 13ukuba asinyanisekile tina, uyahlala enyanisekile lowo noko; akangezikanyele yena.
14Bakumbuze ezizinto, ubayala kunene nje pambi kwenkosi ukuba bangapikisani ngamazwi, okungenakunceda nganto, kube kukweyeliselwa kwabevayo. 15Nxamela ukuzimisa kutixo ubukiwe, ungumsebenzi ongadanele nto, ulungisa ukwaneka ilizwi lenyaniso. 16Kodwa ukubadaza okungengcwele kunxweme: ngokuba beya kuhambisa ngento enkulu ngakumbi ekungabedeshini; 17nelizwi labo liya kudla njengesiboliso: abangabakubo ngu‐Himeneyo no‐Fileto, 18abate ngayo inyaniso baposisa, besiti ukuvuka kwabafileyo sekuhlile kade, bewisa ukolo lwenxenye kanjalo. 19Noko ke umsekelo ote nqi katixo umi, unaso isincamatiselo esi: Inkosi iyabazi abangabayo: nakanjako: Mabemke kokungalungileyo bonke abalikankanyayo igama lika‐Kristu. 20Kodwa endlwini enkulu aziko impahla zegolide nezesilivere zodwa, ziko ezemiti nezodongwe nazo; ezinye ke zibe zezinokubekwa, nezinye zibe zezingenakubekwa. 21Xeshekweni ngoko umntu azihlambululayo kwezi, uya kuba yimpahla yokubekwa, yenziwe ngcwele, nenokunceda kunene kumninindlu, ilungiselwe yonke imisebenzi elungileyo.
22Kodwa inkanuko zobutsha zibaleke; uze uputume ubulungisa, ukolo, utando, uxolano nabo babizayo kwinkosi ngentliziyo ecocekileyo. 23Kodwa imibuzo ebudenge ebadamekileyo yale, usazi nje ukuba iyazivelisa impikiswano. 24Kanjalo isicaka senkosi asifanele ukupika; koko sifanele ukuti sibe sinokutamba ngakubo bonke, silungele ukufundisa, sinyamezela ububi, 25sibaluleka ngolulamo abo babambanayo naso: ukuba umhlaumbi utixo angabanika uguquko kube kukwaziwa kwenyaniso, 26baze babuye bavuke emgibeni ka‐Satane, bebanjiwe nje nguye ukwenza intando yake.
Bible Society of South Africa 1902