1YIVANI elilizwi ndilitabatile pezu kwenu, isililo, ndlu ka‐Sirayeli! 2Intombi ipela yakwa‐Sirayeli iwile, ayiyi kubuya ipakame; ilahliwe pezu kwelayo ilizwe; akuko mntu oyipakamisayo. 3Ngokuba isitsho inkosi e nguyehova ukuti: Isixeko esapumayo ngewaka, soshiyelwa ikulu, neso sapumayo ngekulu, soshiyelwa ishumi, kwindlu ka‐Sirayeli.
4Ngokuba esitsho uyehova kwindlu ka‐Sirayeli ukuti: Ndifuneni mna, nipile ke. 5Nize ningafuni i‐Betele, ningangeni e‐Gilegale, ningadluleli e‐Beresheba: ngokuba i‐Gilegale iya kutinjwa ngenyaniso, ne‐Betele yoba yinto engendawo. 6Funani uyehova, nipile ke; hleze ayizume njengomlilo indlu ka‐Josefe, uze udle ke, kungeko owucimayo e‐Betele.
7Nina baguqulayo ubugwebo bube ngumhlonyane, abakahlelayo emhlabeni ubulungisa! 8mfuneni owenza isilimela no‐Oriyone; oguqulayo itunzi lokufa libe kukusa; oyenzayo imini ibe mnyama njengobusuku; obizayo amanzi olwandle, awagalele pezu kwomhlaba; nguyehova igama lake: 9owalamisa intshabalalo pezu kwonamandla, iti intshabalalo ize pezu kwenqaba.
10Bayamtiya lowo owohlwayayo esangweni, bayamzonda lowo otetayo ngokulungisa. 11Ngako oko, ngokuba ninyatela olihlwempu, nisamkela kuye itabataba lenqolowa; nakuba nizakile izindlu zamatye aqandulweyo, aniyi kuhlala kuzo; nakuba nityalile imiyezo enqwenelekileyo, aniyi kusela iveyine yayo. 12Ngokuba ndizazi izigqito zenu ukuba zininzi, nezono zenu ukuba zikulu; nibandezela olungileyo, nisamkela ibaso lesincwancwaniso, nishenxisa amahlwempu esangweni. 13Ngako oko onokuqonda woti cwaka ngeloxesha; ngokuba lixesha lobubi elo.
14Funani okulungileyo, ningafuni okukohlakeleyo, ukuze nipile; kwakuya kuba njalo, — uyehova, utixo wemikosi, woba nani, — njengokuba nitshilo. 15Tiyani okukohlakeleyo, nitande okulungileyo, nimise ubugwebo esangweni; kungati uyehova, utixo wemikosi, woba nofefe kwisisalela sika‐Josefe.
16Ngako oko utsho uyehova, utixo wemikosi, inkosi, ukuti: Kuzo zonke izitarate kwobako isijwili; nakuzo zonke indlela baya kuti: Yo! Yo! babize umlimi ekulileni, nabo bonke abakwazi ukukala, esijwilini. 17Nakuyo yonke imiyezo kwobako isijwili; ngokuba ndiya kucanda pakati kwako, utsho uyehova.
18MAKUBE nzima kuni niwunqwenayo umhla kayehova! uyinto nina ke kuni umhla kayehova? woba bubumnyama, awuyi kuba kukukanya. 19Njengokungati umntu wayibaleka ingonyama, yaza yahlangana naye ibere; umhlaumbi wangena endlwini, wayamisa isandla sake pezu kwodonga, yaza yamluma inyoka. 20Awuyi kuba bumnyama na umhla kayehova, kungeko ukukanya? awuyi kuba sisitokotoko na, kungeko inkazimlo kuwo?
21Ndiyayitiya, ndiyayidela imitendeleko yenu; azindiyoleli nentlanganiso ezinkulu zenu. 22Noko nindenzelayo amadini okutshiswa neminikelo yokudla yenu, andiyi kuyikolela; neminikelo yoxolo yenu yenkomo ezityetyisiweyo andiyi kuyibuka. 23Susa kum intsholo yengoma zako; nokucula kwehadi zako andiyi kukuva. 24Mabuqengqeleke ubugwebo njengamanzi, nobulungisa njengomlanjana owelayo futi. 25Imibingo neminikelo yokudla niyinikele na kum entlango, iminyaka yamashumi mane, ndlu ka‐Sirayeli? 26Kanti nayitwala intentana yo‐Moleke wenu, no‐Kiyune wemifanekiso yenu, inkwenkwezi yotixo wenu, lowo enazenzela yena. 27Ngako oko ndonifudusela ele kwe‐Damakusi, utsho uyehova, ogama lake li ngutixo wemikosi.