U‐Danyeli 12
1Nangexesha elo kwosuka u‐Mikaheli, lonkosi inkulu esukayo ngenxa yosapo lwabantu bako: kwobako ixesha lobunzima, ebelingezanga libeko elinjalo kuseloko kube kuko isizwe kwada kwalixesha elo: nangeloxesha baya kusindiswa abantu bako, bonke abaya kufunyanwa beba̔liwe encwadini. 2Baye abaninzi abaleleyo elutulini lwomhlaba beya kuvuka, abanye babe sebomini obungunapakade, nabanye babe sekuhlazekeni nasekudelweni okungunapakade. 3Abo banokuqonda bokanya njengokukazimla kwesibakabaka, nabo bakokelayo abaninzi ebulungiseni njengenkwenkwezi, kude kube ngunapakade kanapakade.
4Kodwa wena, Danyeli! valela lamazwi, uncamatisele lencwadi, kude kube lixesha lesipelo: bosukasuka abaninzi, kuya kwandiswa ukwazi ngako.
5Ndaza ndakangela mna Danyeli, kekaloku bona ke, kwema abanye bebabini, omnye nganeno elugudwini lwomlambo, nomnye pesheya elugudwini lwomlambo. 6Wayesiti omnye kwindoda eyambete izivato zeqiya, ebipezu kwamanzi omlambo: Kwoba kade kangakananina kude kube kukupela kwalemimangaliso? 7Ndaza ndeva londoda eyambete izivato zeqiya, ebipezu kwamanzi omlambo, ukuba yapakamisa esokunene isandla sake nesokohlo sake ngasezulwini, yamfunga lowo okuhlala kungunapakade ukuti: Kwoba kokwalo ixesha, amaxesha, nesiqingata sexesha; naxeshekweni agqibileyo ukucita amandla abantu abangcwele, ziya kwandula ukugqitywa ezizinto zonke.
8Ndeva ke, koko ndingaqondanga: ndaza ndati: Nkosi yam! kwoba yinto nina ukupela kwezizinto? 9Wayesiti: Hamba, Danyeli! ngokuba evalelwe encanyatiselwe amazwi la kude kube lixesha lesipelo. 10Abaninzi baya kuhlanjululwa, benzwe mhlope, balingwe nokulingwa; kodwa abakohlakeleyo baya kwenza ngokukohlakeleyo: baye bengayi kuqonda bonke abakohlakeleyo; kodwa abalumkileyo baya kuqonda. 11Nasemva kwexesha lokususwa kwedini elifuti, nelokumiswa kwento ezondekileyo ecitakalisayo, kuya kubako imihla iliwaka linamakulu mabini anamashumi alitoba. 12Unetamsanqa lowo ulindayo, ofikela kuyo imihla iliwaka linamakulu matatu anamashumi matatu anesihlanu. 13Kodwa wena, hamba kude kubeko isipelo; ngokuba uya kupumla, ume elifeni lako, esipelweni semihla.
Bible Society of South Africa 1902