1XESHEKWENI kufunyanwa ohlatyiweyo emhlabeni, owupiwayo nguyehova, utixo wako, ukuba uwufuye, elele endle, kungaziwa ubulewe ngubanina; 2baya kwandula ukupuma abadala bako nabagwebi bako, baye balinganisele ezixekweni ezingqongayo lowo uhlatyiweyo. 3Kwakuya kuti, isixeko esikufupi kuye ohlatyiweyo, kwa abadala besixeko eso botabata itokazi lenkomo, ekungasetyenzwanga ngalo, elingar̔olanga ngeyokwe; 4basuke abadala besosixeko behle nalo itokazi elo, baye emlanjaneni owelayo futi, apo kungalinywanga ngakuwo, nekungahlwayelwanga kona, balapule itokazi intamo apo ngasemlanjaneni: 5bandule basondele abaperisite, onyana baka‐Levi: (ngokuba bona ebaqashile uyehova, utixo wako, ukukonza kuye, nokutamsanqelisa egameni likayehova; nangomlomo wabo kuya kulungiswa konke ukupikisana nako konke ukubeta:) 6baye bonke abadala besixeko eso, abakufupi kuye ohlatyiweyo, beya kuhlamba izandla zabo pezu kwetokazi elapulweyo intamo emlanjaneni; 7batete bati: Izandla zetu azipalazanga eligazi, namehlo etu akalibonanga: 8baxolele abantu bako o‐Sirayeli, obakululeyo, Yehova! ungabeki igazi elingenatyala pakati kwabantu bako o‐Sirayeli. Baya kwandula ukuxolelwa igazi elo. 9Kwa njalo uya kukwelelisa igazi elingenatyala pakati kwenu; nxa uya kukwenza okufaneleyo emehlweni kayehova.
10Xeshekweni uya kupuma ukuya kulwa ngakuzo intshaba zako, ati uyehova, utixo wako, azinikele esandleni sako, ude uzitimbe inxenye, 11usuke ubone pakati kwamatinjwa inkazana eyinzwakazi, unamatele kuyo, ngokunga ungayizeka ibe ngumfazi wako; 12uya kwandula uyizise pakati kwendlu yako; eya kugugula intloko yayo, icwele inzipo zayo; 13nengubo yokutinjwa kwayo yoyisusa kuyo, ihlale endlwini yako, ililele uyise nonina inyanga ipela; woti emveni kwoko ungene kuyo, ube yindoda yayo, iti yona ibe ngumfazi wako. 14Kwakuya kuti, ukuba akukoliswa yiyo, uya kuyindulula iye ngomxe̔lo wayo; kodwa akukuka uyitengise ngemali, akuyi kuyikonzisa kanjako, ngenxa yokuba uyitobile.
15Xeshekweni umntu anabafazi ababini, omnye otandwayo, omnye otiywayo, abamzaleleyo onyana, kwa lowo utandwayo nalowo utiywayo; ukuba unyana wamazibulo uba ngowotiywayo; 16kwoti ke, mhlana abamkelisa onyana bake ilifa loko anako, akangebe nakumnika unyana wotandwayo ubuzibulo, ngapezu kwonyana wotiywayo, ongowamazibulo: 17koko owamazibulo, unyana wotiywayo, uya kumvuma, ngokumnika into epindiweyo kuko konke okuya kufunyanwa kuye: ngokuba yena esisiqalo sokwomelela kwake; ibango lobuzibulo lilelake.
18Xeskekweni umntu anonyana onenkani, ongenakuva, ongapulapuliyo elizwini loyise, naselizwini lonina, oti, bakuba bemohlwayile, angapulapuli kubo noko; 19baya kwandula bambambe uyise nonina, bapume naye baye kubadala besixeko sake, nasesangweni lendawo yake; 20babeya kuti kubadala besixeko sake: Unyana wetu lo ungonenkani nongevayo, akapulapuli elizwini letu; ungozinxalayo nonxilayo. 21Aye onke amadoda esixeko sake eya kumgibisela ngamatye, ukuba afe: kwa njalo uya kukwelelisa inkohlakalo pakati kwenu; baze o‐Sirayeli bonke beve ke, boyike.
22Kanjalo xeshekweni kuko emntwini isono esifanelwe kukufa, ade afiswe, wandule umxo̔me emtini: 23isidumbu sake asiyi kulalisa emtini, koko uya kugqibela ukumncw̔aba ngalomini; (ngokuba esisiqalekiswa kutixo oxo̔nyiweyo;) ukuze unganco̔lisi ilizwe lako, ulipiwayo nguyehova, utixo wako, libe lilifa.