1WAZA u‐Mosesi, kwa nabadala bo‐Sirayeli, wayalela abantu, ngokuti: Yigcine yonke lemiyalelo endiniyalelayo namhla. 2Kwakuya kuti, ngomhla eniwela i‐Yoredane ukuya elizweni enilipiwayo nguyehova, utixo wako, uya kuzipakamisela amatye amakulu, uwatyabeke ngekalike: 3wauya kuba̔la pezu kwawo onke amazwi alomteto, wakuba uwelile; ukuze ungene kwelozwe ulipiwayo nguyehova, utixo wako, ilizwe elela ubisi nobusi, njengokuba uyehova, utixo woyihlo bako, etetile kuwe. 4Ngako kuya kuti nxa niwelileyo i‐Yoredane, niya kupakamisa amatye la, endiyalela nina ngawo namhla, entabeni ye‐Hebali, uwatyabeke ngekalike. 5Wauya kwakela kona isibingelo kuyehova, utixo wako, isibingelo samatye; akuyi kufunqula pezu kwawo into yesincete. 6Ngamatye epela uya kusaka ngawo isibingelo sikayehova, utixo wako; wauya kunikela pezu kwaso amadini okutshiswa kuyehova, utixo wako. 7Kanjalo uya kubinga imibingo yoxolo, utye kona, uvuye nokuvuya ebusweni bukayehova, utixo wako. 8Wauya kuba̔la pezu kwamatye lawo onke amazwi alomteto, ekolisile ukuqingqwa.
9Wandula wateta u‐Mosesi, nabaperisite abangaba‐Levi, kubo bonke o‐Sirayeli, esiti: Yiti tu, upulapule, Sirayeli! namhla nje waba ngabantu bakayehova, utixo wako. 10Ngako uya kuliva ilizwi likayehova, utixo wako, niyenze imiyalelo yake nemimiselo yake endikuyalelayo namhla.
11Waza u‐Mosesi wabayala abantu ngalomini, esiti: 12Aba baya kuma ukutamsanqelisa abantu pezu kwentaba ye‐Gerizime, nakuba niwelile i‐Yoredane: u‐Simone, no‐Levi, no‐Juda, no‐Yisakare, no‐Josefe, no‐Benjamine. 13Kanjalo aba baya kuma ngenxa yesiqalekiso entabeni ye‐Hebali: u‐Rubene, u‐Gadi, no‐Ashere, no‐Zebulone, u‐Dane, no‐Nefatali.
14Babeya kuteta aba‐Levi, bati kuwo onke amadoda akwa‐Sirayeli ngelizwi elikulu: 15Makaqalekiswe lowamntu owenzayo umfanekiso oqingqiweyo umhlaumbi otyityishiweyo, into eyintshontsho kuyehova, umsebenzi wezandla zencibi, awubeke emfihlelweni! Babeya kupendula bonke abantu, bati: Amene. 16Makaqalekiswe odelayo uyise umhlaumbi unina! Babeya kuti bonke abantu: Amene. 17Makaqalekiswe oshenxisayo umda wommelwane wake! Babeya kuti bonke abantu: Amene. 18Makaqalekiswe olahlekisa oyimfama endleleni! Babeya kuti bonke abantu: Amene. 19Makaqalekiswe otyekisayo ibango lowasemzini, nelenkedama, nelomhlolokazi! Babeya kuti bonke abantu: Amene. 20Makaqalekiswe olala nomfazi kayise! ngokuba elityila isondo lengubo yoyise. Babeya kuti bonke abantu: Amene. 21Makaqalekiswe olala nesinye isilo! Babeya kuti bonke abantu: Amene. 22Makaqalekiswe olala nodade wake, intombi kayise, umhlaumbi intombi kanina! Babeya kuti bonke abantu: Amene. 23Makaqalekiswe olala nomkwekazi wake! Babeya kuti bonke abantu: Amene. 24Makaqalekiswe ohlabayo ummelwane wake ngasese! Babeya kuti bonke abantu: Amene. 25Makaqalekiswe owamkela ibaso lokuba ambulale ubomi ongenatyala! Babeya kuti bonke abantu: Amene. 26Makaqalekiswe lowo ongayi kuqinisa onke amazwi alomteto ukuwenza! Babeya kuti bonke abantu: Amene.