1KWAKUYA kuti, ukuba uya kukutala ukupulapula ilizwi likayehova, utixo wako, lokuba ulumkele ukuyenza yonke imiyalelo yake endikuyalelayo namhla, uya kwandula uyehova, utixo wako, akubeke pezulu pezu kwazo zonke intlanga zomhlaba. 2Kanjalo onke lamatamsanqa oza pezu kwako, akufumane, xeshekweni upulapulayo ilizwi likayehova, utixo wako. 3Wotanyusanqelwa esixekweni, wotanyusanqelwa nasentsimini. 4Kwotanyusanqelwa isixakato sesizalo sako, nesiqa̔mo somhlaba wako, nesixakato sezilo zako, inzalo yemazi zako, nemihlambi yegusha zako. 5Kwotanyusanqelwa isitya sako nomkombe wokubuca wako. 6Wotanyusanqelwa ekungeneni kwako, wotanyusanqelwa nasekupumeni kwako. 7Uyehova uya kuzenza intshaba zako ezivukayo ngakuwe zoyiswe pambi kwako: ngendlela inye ziya kupumela kuwe, nangendlela ezisixe̔nxe ziya kwesaba pambi kwako. 8Uyehova woxela ukuba itamsanqa libe nawe ezinyangweni zako, nakuko konke usolulela kona isandla sako; waeya kukutamsanqela elizweni ulipiwayo nguyehova, utixo wako. 9Uyehova wokumisa ube ngabantu abangcwele kuye, njengokuba ekufungele, xeshekweni uya kugcina imiyalelo kayehova, utixo wako, uhambe nokuhamba ezindleleni zake. 10Baye bonke abantu bomhlaba beya kubona ukuba igama likayehova libiziwe pezu kwako; bandule boyike ngenxa yako. 11Kanjalo uyehova wokutyebisa kube kokulungileyo, ngesixakato sesizalo sako, nangesixakato sezilo zako, nangesiqa̔mo somhlaba wako, emhlabeni uyehova wayefungela oyihlo bako ukuba awunike kuwe. 12Uyehova wokuvulela imbekelo yake elungileyo, izulu, ukunisa imvula elizweni lako ngexesha layo, nokutamsanqela wonke umsebenzi wesandla sako; wauya kuboleka intlanga ezininzi, kanti wena akuyi kuboleka kuzo. 13Kanjalo uyehova uya kukwenza ube yintloko, ungabi ngumsila; woba pezulu kupela, akuyi kuba pantsi; nxa nipulapula imiyalelo kayehova, utixo wako, endikuyalelayo namhla, ukuyigcina nokuyenza; 14uze ungapambuki kuwo onke amazwi endikuyalelayo namhla, nangasekunene nangasekohlo, ukuya kulandela otixo bambi ukuba ubakonze.
15Kodwa kuya kuti, xa ungayi kupulapula ilizwi likayehova, utixo wako, lokuba ulumkele ukuyenza yonke imiyalelo yake nemimiselo yake, endikuyalelayo namhla; kuya kwandula kuze pezu kwako zonke iziqalekiso ezi, zikufumane. 16Woqalekiswa esixekweni, woqalekiswa nasentsimini. 17Kwoqalekiswa isitya sako nomkombe wokubuca wako. 18Kwoqalekiswa isixakato sesizalo sako, nesiqa̔mo somhlaba wako, inzalo yemazi zako, nemihlambi yegusha zako. 19Woqalekiswa ekungeneni kwako, woqalekiswa nasekupumeni kwako. 20Uyehova uya kutuma pezu kwako isiqalekiso, impitizeliso, nesohlwayo, kuko konke usolulela kona isandla sako ukuba ukwenze; ude utshatyalaliswe, nakude ubube kamsinyane, ngenxa yenkohlakalo yezenzo zako, ondishiyileyo ngazo. 21Uyehova uya kwenza isifo esibubisayo sinamatele kuwe, ade akugqibele pezu kwomhlaba, apo uya kona ukuwufuya. 22Uyehova wokubeta ngokungcungcuteka, nangecesine, nangesitsha, nangobushushu obukulu, nangokwoma, nangembabala, nangesihumba, eziya kukuputuma ude ubube. 23Izulu lako, elipezulu kwentloko yako, loba lubedu, nomhlaba wako, opantsi kwako, wona woba sisincete. 24Uyehova uya kwenza imvula yelizwe lako ibe yintlabati notuli; yohla ezulwini pezu kwako, ude utshatyalaliswe. 25Uyehova uya kukwenza woyiswe pambi kwentshaba zako; ngendlela inye wopumela kuzo, nangendlela zisixe̔nxe uya kwesaba pambi kwazo; wauya kuba yinto yokuzanyazanyiswa kubo bonke ubukumkani bomhlaba. 26Kanjalo isidumbu sako soba kukutya kuzo zonke intaka zezulu, nakuwo amaṙamncwa omhlaba, kungeko oya kuzoyikisa. 27Uyehova wokubeta ngezilonda zase‐Jipete, nangamatumba, nangokwekwe, nangombabane, oya kukohlwa ukupiliswa kuzo. 28Uyehova wokubeta ngobugeza, nangobumfama, nangesiduli sentliziyo; 29wauya kuputaputa emini, njengokuba imfama iputaputa ebumnyameni, nendlela zako akuyi kuzitamsanqelekisa; kodwa uya kubandezelwa upangwe nokupangwa kupela imihla yonke, kungeko oya kusindisa. 30Uya kuxama umfazi, kanti indoda yimbi iya kulala naye; uya kuyaka indlu, kanti akuyi kuhlala kuyo; uya kutyala isitiya semiti yeveyine, kanti idreyive zaso akuyi kuzidla. 31Inkabi yako iya kuxe̔lwa pambi kwamehlo ako, kanti akuyi kutya kuyo; iqwaṙashe lako liya kuhlaselwa kwa sebusweni bako, lingabuyi lize kuwe: igusha zako ziya kunikwa ezintshabeni zako, kungeko kuwe oya kusindisa. 32Onyana bako nentombi zako baya kunikwa ebantwini bambi, aze amehlo ako akangele, apelele bona imini yonke; kanti akuyi kubako nto emandleni esandla sako. 33Isiqa̔mo somhlaba wako, nayo yonke inzuzo yako, baya kuyidla abantu ongabaziyo; wauya kubandezelwa utyunyuzwe nokutyunyuzwa kupela imihla yonke; 34ude ugeze ngenxa yombono wamehlo ako oya kuwubona. 35Uyehova wokubeta ngezilonda ezibi, emadolweni nasemilenzeni, oya kukohlwa ukupoliswa kuzo, kwa kuwo umzantsi wonyawo lwako kude kube selukakayini lwako. 36Uyehova uya kukusa wena, nokumkani wako oya kummisa pezu kwako, eluhlangeni ongalwazanga wena noyihlo bako; apo uya kakonza kona otixo bambi, imiti namatye. 37Wauya kuba sisimangaliswa, nento yokuzekeliswa, nelizwi lokuhlekisa, pakati kwabo bonke abantu apo uyehova aya kukuqu̔bela kona. 38Uya kupuma nembewu eninzi ukuya entsimini, kanti yinto encinane uya kuyivuna; ngokuba inkumbi ziya kuyigqibela. 39Uya kutyala izitiya zemiti yeveyine, uzilime kanjalo, kanti iveyine akuyi kuyisela, nedreyive akuyi kuzibuta; ngokuba uṙuxeshe eya kuzidla. 40Woba nemiti yeminquma kuyo yonke imida yako, kanti akuyi kuzitambisa ngeoli yayo; ngokuba iminquma yako iya kuvutuluka. 41Onyana nentombi uya kubazala, kanti abayi kuba ngabako; ngokuba beya kuya ekutinjweni. 42Yonke imiti yako neziqa̔mo zomhlaba wako inkumbi ziya kuzidla. 43Owasemzini opakati kwako uya kunyuka pezu kwako ngokupezulu kakulu; kanti wena uya kuhla ngokupantsi kanye. 44Yena wokuboleka, kanti akuyi kumboleka wena; yena woba yintloko, kanti wena woba ngumsila.
45Kanjako zonke eziziqalekiso ziya kuza pezu kwako, zikuputume, zikufumane, ude utshatyalaliswe; ngokokuba ungapulapulanga ilizwi likayehova, utixo wako, lokuba ugcine imiyalelo yake nemimiselo yake akuyalele ngayo. 46Zoba pezu kwako zibe ngumqondiso nommangaliso, napezu kwenzalo yako kude kube ngunapakade. 47Ngenxa yokuba ungamkonzanga uyehova, utixo wako, ngovuyo, nangokucwayita kwentliziyo, ebuninzini bezinto zonke; 48kukona uya kukonza intshaba zako, aya kuzituma uyehova ngakuwe, ekulambeni, nasekunxanweni, nasebuzéni, nasekuswelekeni kwento zonke: waeya kubeka iyokwe yesincete pezu kwentamo yako, ade akutshabalalise. 49Uyehova uya kuzisa ngakuwe uhlanga luvela kude, kwa sencameni yomhlaba, njengokuba lubaleka ukozi; uhlanga olunteto ungayi kuyiva; 50uhlanga olulukuni ngobuso, olungayi kubuka ubuso bomdala, nomtsha aluyi kumpata ngofefe; 51oluya kusidla isixakato sezilo zako, nesiqa̔mo somhlaba wako, ude utshatyalaliswe; olungayi kukushiyela inqolowa, neveyine, neoli, nenzalo yemazi zako, nemihlambi yegusha zako, lude lukububise. 52Lwaluya kukuvingcela kuwo onke amasango ako, zide ziwe pantsi indonga zako ezinde ezinqatyisiweyo, obutemba kuzo, kulo lonke ilizwe lako; ewe, lwokuvingcela kuwo onke amasango ako, kulo lonke ilizwe lako ulipiweyo nguyehova, utixo wako. 53Wauya kutya isixakato sesizalo sako, inyama yonyana bako neyentombi zako, ubanikiweyo nguyehova, utixo wako, ekuvingcelweni, nasekuxinezelweni, eziya kukuxinezela ngako intshaba zako. 54Londoda itambileyo pakati kwako, ebubetyebetye kakulu, iliso layo loba libi ngakuye umzalwana wayo, nangakuye umfazi wasesifubeni sayo, nangakuso isisalela sabantwana bayo iya kubasalisa; 55ide inganiki namnye kubo kwinyama yabantwana bayo iya kubatya, ngenxa yokuba kungeko nto emshiyelweyo; ekuvingcelweni, nasekuxinezelweni, eziya kukuxinezela ngako intshaba zako kuwo onke amasango ako. 56Lomfazi otambileyo pakati kwako, obubetyebetye, obengayi kulinga ukuba abeke umzantsi wonyawo lwake emhlabeni, ngobubetyebetye nangokutamba, iliso lake loba libi ngakuyo indoda yasesifubeni sake, nangakuye unyana wake, nangakuyo intombi yake, 57nangakuwo umkaya opumayo pakati kwenyawo zake, nangakubo abantwana bake aya kubazala; ngokuba eya kubatya ngasese, ngokusweleka kwento zonke, ekuvingcelweni, nasekuxinezelweni, eziya kukuxinezela ngako intshaba zako emasangweni ako.
58Ukuba akuyi kulumkela ukwenza ngawo onke amazwi alomteto, aba̔liweyo kulencwadi, ukuze uloyike eligama libungcwalisa neloyikekayo, uyehova, utixo wako; 59uya kwandula uyehova enze izibetwa zako nezibetwa zenzalo yako zibe ngummangaliso; izibetwa ezikulu ezisisimakade, nemikuhlane emibi esisimakade. 60Waeya kujikisa pezu kwako zonke izifo zase‐Jipete, ezo ubuzoyika, eziya kunamatela kuwe. 61Kanjalo yonke imikuhlane, nazo zonke izibeto, ezingaba̔liweyo encwadini yalomteto, wozihlisa uyehova pezu kwako, ude utshatyalaliswe. 62Naniya kushiywa ningabantu abancinane, endaweni yokuba nibe ninjengenkwenkwezi yezulu ukuba baninzi; ngokuba ungapulapulanga ilizwi likayehova, utixo wako. 63Kwakuya kuti, njengokuba uyehova ebegcoba pezu kwenu ukunenzela okulungileyo nokunandisa, kwa njalo uyehova wogcoba pezu kwenu ukunibubisa nokunitshabalalisa; naniya kudonyulwa elizweni, apo uya kona ukuba ulifuye. 64Kanjalo uyehova wokuti sa pakati kwentlanga zonke, kwa kwenye incam yomhlaba kude kube kwenye incam yomhlaba; wauya kukonza apo otixo bambi, abo ungabazanga wena noyihlo bako, imiti namatye. 65Napakati kwabaheyideni abo akuyi kuba nakwonwaba; kanjako umzantsi wonyawo lwako awuyi kuba nakupumla: ngokuba uyehova eya kukunika apo intliziyo yokungcangcazela, nokupela kwamehlo, nokucubuka kwompefumlo. 66Ubomi bako bojinga pambi kwako; uya kwoyika ebusuku nasemini, ungatembi ebomini bako nje. 67Ngokusa uya kuti: Akwaba bekukukuhlwa! nangokuhlwa woti: Akwaba bekukukusa! ngenxa yokwoyika kwentliziyo yako uya kwoyika ngako, nangenxa yombono wamehlo ako uya kuwubona. 68Waye uyehova eya kukubuyisela e‐Jipete ngenqanawa, ngendlela endandisiti kuwe: Akusayi kupinda uyibone; naniya kutengiselwa apo ezintshabeni zenu nibe ngamakoboka namakobokakazi, kanti akuyi kubako onitengayo.