1NGAWO la amazwi ocebano, olo uyehova wamyalela u‐Mosesi ukuba alwenze nosapo luka‐Sirayeli ezweni le‐Mowabi, ngapandle kwocebano wabelwenzile nalo e‐Horebe.
2Waza u‐Mosesi wabiza o‐Sirayeli bonke, wati kubo:
Nikubonile konke akwenzileyo uyehova pambi kwamehlo enu, elizweni le‐Jipete, ku‐Faro, nakuzo zonke izicaka zake, nakulo lonke ilizwe lake; 3ezozilingelo zikulu amehlo ako azibonileyo, imiqondiso, naleyo imimangaliso mikulu: 4kodwa uyehova akanipanga intliziyo yokuqiqa, namehlo okubona, nendlebe zokuva, kwada kwanamhla nje. 5Ndinihambisile iminyaka ingamashumi mane kulentlango: izivato zenu aziguganga pezu kwenu, nesihlangu sako asiguganga elunyaweni lwako. 6Isonka anisidlanga, neveyine notywala aniziselanga; ukuze nikwazi ukuba ndi nguyehova, utixo wenu.
7Kekaloku sakufika kulendawo, kwapuma u‐Sihone, ukumkani we‐Heshebone, no‐Hogi, ukumkani we‐Bashane, ukuza kusikaulela ukuba kuliwe; saza sababeta: 8nelizwe labo salibamba, salinika libe lilifa kuma‐Rubene, nakuma‐Gadi, nakwisiqingata sesizwe sika‐Manase. 9Wagcineni ngoko amazwi ocebano olu, nenze ngawo, ukuze nilungiseke kuko konke enikwenzayo.
10Nimi namhla nonke ebusweni bukayehova, utixo wenu: intloko zenu zezizwe zenu, abadala benu, namagosa enu, onke amadoda akwa‐Sirayeli; 11intsapo zenu, abafazi benu, nowasemzini wako opakati kwomnquba wako, kwa kulowo ogaula inkuni yako kude kube kulowo oka amanzi ako: 12ukuba ungene elucebanweni lukayehova, utixo wako, nasesifungweni sake, olo uyehova, utixo wako, ulwenza nawe namhla; 13ukuze akumise namhla ube ngabantu kuye, nokuba yena abe ngutixo kuwe, njengokuba etshilo kuwe, nanjengokuba efungele oyihlo bako, u‐Abrahame, u‐Yisake, no‐Yakobi.
14Kanjako andilwenzi nani nodwa ucebano olu, nesifungo esi; 15koko ndilwenza nalowo okoyo apa nati, emi namhla ebusweni bukayehova, utixo wetu, kwa nalowo ongekoyo apa nati namhla: 16(ngokuba nikwazi nina okokuba sibe sihlala ezweni le‐Jipete, nokokuba sacanda pakati kwentlanga enanicanda kuzo: 17nezinto zazo ezizondekayo nizibonile, kwa izitixwana zazo, imiti namatye, isilivere negolide, ezibe zinazo:) 18hleze kubeko pakati kwenu indoda, umhlaumbi umfazi, umhlaumbi isizalwane, umhlaumbi isizwe, leyo intliziyo yayo ijika namhla kuyehova, utixo wetu, ukuya kukonza otixo bentlanga ezi; hleze kubeko pakati kwenu ingcambu ehlanzayo umfuno onobuhlungu nomhlonyane; 19kuze kuti ke, yakuva amazwi esifungo esi, izitamsanqele entliziyweni yayo, isiti: Ndoba noxolo, nakuba ndihambayo ngobulukuni bentliziyo yam, ukuze ndongeze ukunxila pezu kwokunxanwa. 20Uyehova akayi kuvuma ukuyixolela, kodwa oko kuya kuquma ingqumbo kayehova nobukwele bake ngakuyo indoda leyo, nazo zonke iziqalekiso eziba̔liweyo kulencwadi ziya kulala pezu kwayo; waye uyehova eya kucima igama layo ngapantsi kwezulu. 21Kanjalo uyehova uya kuyahlulela ebubini kuzo zonke izizwe zo‐Sirayeli, njengazo zonke iziqalekiso zocebano oluba̔liweyo encwadini yalomteto.
22Siya kwandula siti isizukulwana esilandelayo, abantwana benu abaya kuvuka emva kwenu, nowasemzini oya kuvela ezweni elikude, bakubona izibetwa zelizwe elo, nemikuhlane yalo uyehova alibuleleyo ngayo; 23wonke umhlaba walo uyisufure, netyuwa, nokutsha nje, ungahlwayelwa, ungahlumisi nokuhlumisa, ingapumi kuwo nanye inca, njengasekucitweni kwe‐Sodome ne‐Gomora, kwe‐Adema ne‐Tseboyime, owazicitayo uyehova ngengqumbo yake nangomsindo wake: 24ziya kuti kwa zonke intlanga: Kungenxa yanina enzileyo uyehova njengokunjalo kwelilizwe? buti nina ubushushu balengqumbo enkulu? 25Kwakuya kutiwa: Kungenxa yokuba bashiyile ucebano lukayehova, utixo woyise babo, owabelwenza nabo akuba ebapumisile ezweni le‐Jipete: 26ngokuba beyile bakonza otixo bambi, batoba pambi kwabo, otixo ababengabazi nabengababelanga kubo: 27ngako yavuta ingqumbo kayehova ngakulo elolizwe, kuze kuziswe pezu kwalo zonke iziqalekiso eziba̔liweyo kulencwadi: 28waza uyehova wabancotula emhlabeni wabo, ngengqumbo, nangomsindo, nangobuṙalaṙume obukulu, wabaposa elizweni limbi, njengokuba kunjalo namhla nje.
29Izinto ezifihlakeleyo ze zikayehova, utixo wetu; kodwa ezo zityiliweyo zezetu, nezabantwana betu, kude kube ngunapakade, size siwenze onke amazwi alomteto.