1XESHIKWENI uyehova, utixo wako, akungenisile kwelozwe apo uya kona ukulifuya; naxeshikweni agxotileyo intlanga ezininzi pambi kwako, ama‐Hete, nama‐Giregashe, naba‐Amori, naba‐Kanane, nama‐Perizi, nama‐Hivi, nama‐Yebusi, intlanga zisixe̔nxe ezizezikulu nezinamandla ngapezu kwako; 2naxeshikweni uyehova, utixo wako, azinikileyo ebusweni bako, ukuba uzibete: uya kugqibela ukuzilahlela ekutshatyalalisweni; akuyi kulwenza nazo ucebano, akuyi kuzipata ngofefe. 3Kanjako akuyi kutshatiselana nazo; intombi zako akuyi kuzendisa konyana bazo, nentombi zazo akuyi kuzitabatela onyana bako: 4ngokuba ziya kupambukisa onyana bako kum, ukuba bakonze otixo bambi; ize ivute ingqumbo kayehova ngakuni, ikutshabalalise kamsinya. 5Kungokunje eniya kwenza kuzo: izibingelo zazo niya kuzicita, nezifanekiso ezimiyo zazo niya kuziqekeza, ne‐Ashera zazo niya kuzigaula, nemifanekiso eqingqiweyo yazo niya kuyitshisa ngomlilo.
6Ngokuba ningabantu abangcwele nina kuyehova, utixo wenu: nina uniqashile uyehova, utixo wenu, ukuba nibe ngabantu abanqabileyo kuye, ngapezu kwabo bonke abantu abasebusweni bomhlaba. 7Akungenxa yokuba baninzi kwenu ngapezu kwabo bonke abantu, anamatele kuni uyehova, waniqasha; ngokuba nibe ningabancinane kubo bonke abantu: 8kungenxa yokuba uyehova ebenitanda, nokuba ebeya kugcina isifungo owabefungele oyihlo benu ngaso, anipumisileyo uyehova ngesandla esomeleleyo, wanikulula endlwini yobukoboka, esandleni sika‐Faro ukumkani we‐Jipete.
9Yazi ke ngoko, ukuba uyehova, utixo wako, nguye ongutixo, lowo utixo unyanisekileyo, obagcinela ucebano nobubele abamtandayo nabayigcinayo imiyalelo yake, kude kube liwaka lezizukulwana; 10oti kanjalo apindezele kubo abamtiyayo ngasebusweni babo, ukuba ababubise; akayi kulibalela omtiyayo, wopindezela kuye ngasebusweni bake. 11Ngako uya kugcina imiyalelo, nemimiselo, nemigwebo, endikuyalelayo namhla, ukuba uyenze.
12Kwakuya kuti, ngokuba nipulapula lemigwebo, niyigcine, niyenze nokuyenza, kukona uyehova, utixo wako, aya kukugcinela ucebano nobubele wabefungela oyihlo bako ngabo: 13waeya kukutanda, akutamsanqele, akwandise: kanjalo uya kutamsanqela isixakato sesizalo sako, nesiqa̔mo somhlaba wako, inqolowa yako, neveyine yako, neoli yako, inzalo yemazi zako, nemihlambi yegusha zako, elizweni owabefungela oyihlo bako ukuba alinike kuwe. 14Uya kutanyusanqelwa pezu kwabantu bonke; akuyi kubako pakati kwenu udlolo nodlolokazi, napakati kwenkomo zako. 15Waye uyehova eya kukwelelisa kuwe zonke izikuhlane; nezifo zase‐Jipete ezibi, ezo uzaziyo, akayi kubeka nasinye pezu kwako, uya kuzibeka pezu kwabo bonke abakutiyayo.
16Kanjalo uya kugqibela bonke abantu ubanikiweyo nguyehova, utixo wako; iliso lako aliyi kuba nosizi pezu kwabo; notixo babo akuyi kubakonza; ngokuba kuya kuba ngumgibe kuwe oko. 17Nxa uya kuti entliziyweni yako: Zininzi ezintlanga ngapezu kwam; ndingati nina ukuzigqogqa? 18akuyi kwoyika ngenxa yazo; kolisa ukukumbula oko wabekwenza uyehova, utixo wako, ku‐Faro nakuwo onke ama‐Jipete; 19ezozilingelo zikulu azibonileyo amehlo ako, nemiqondiso, nemimangaliso, nesandla esomeleleyo, nengalo eyolulweyo, owabenipumisa ngazo uyehova, utixo wako: uya kwenje njalo uyehova, utixo wako, kubo bonke abantu uboyikayo. 20Kanjako uyehova, utixo wako, wotuma onomeva pakati kwabo, bade babube abo baseleyo, abafihlekileyo kuwe. 21Akuyi kuba nokunkwantya pambi kwabo; ngokuba uyehova, utixo wako, epakati kwenu, e ngutixo omkulu nowoyikekayo. 22Waye uyehova, utixo wako, eya kugxota intlanga ezo pambi kwako ngento encinane nangento encinane: akuyi kunxama ukuzigqibela hleze ziya kwanda pezu kwako izilo zasendle. 23Koko uyehova, utixo wako, eya kuzinika ebusweni bako, azipitizelise ngempitizeliso enkulu, zide zitshatyalaliswe. 24Nokumkani bazo wobanika esandleni sako, wauya kububisa igama lazo pantsi kwezulu; akuko mntu oya kuma pambi kwako, ungekazitshabalalisanga. 25Imifanekiso eqingqiweyo yotixo bazo niya kuyitshisa ngomlilo; akuyi kunqwenela isilivere umhlaumbi igolide epezu kwayo, akuyi kuyitabatela kuwe kanjalo, hleze utiyelwe ngayo: ngokuba iyintshontsho kuyehova, utixo wako, yona. 26Kanjako akuyi kungenisa into eyintshontsho endlwini yako, hleze ube yinto elahlelwe ekutshatyalalisweni njengayo: uya kugqibela ukuyitiya, uya kugqibela nokuyizonda: ngokuba iyinto elahlelwe ekutshatyalalisweni yona.