1Impukane ezifileyo ziyenza amafuta amnandi anuke abile; ubudenge obuncinane bugqitisile ubulumko nodumo ngokuba bunzima.
2Intliziyo yolumkileyo ingasekunene kwake; kanti intliziyo yosidenge ingasekohlo kwake. 3Ewe, nasendleleni, nxa isidenge sihambayo, siswele intliziyo yaso, siti ke ngabo bonke, bazizidenge.
4Xa umoya wompati uvuka ngakuwe, ungashiyi indawo yako; ngokuba ululamo lupezisa izono ezikulu.
5Kuko ububi ndibubonile ngapantsi kwelanga, njengesiposo esipumayo kwa sebusweni benkosi: 6Ubudenge bubekiwe ebukulwini obuninzi, nabazityebi bahleli ebupantsini. 7Ndibonile izicaka zisemahasheni, nenkosana zihamba njengezicaka emhlabeni.
8Owumbayo umnxuma uya kweyela kuwo; nocitayo udonga, inyoka iya kumluma. 9Onqikela amatye wozibulala ngawo; ocandayo imiti woba semgcipekweni ngayo. 10Ukuba intsimbi ibutuntu, nohlangoti akaluloli, uya kwandula andise amandla; kodwa into encedayo ukulungisa bubulumko. 11Ukuba inyoka iya kuluma kungeko kunyanga, akuko luncedo kulowo unyangayo.
12Amazwi omlomo welumko abang’ ufefe; kodwa umlomo wesidenge wosibubisa: 13ukuqala kwamazwi omlomo waso bubudenge, nokupela kwomlomo waso bubugeza obubi. 14Kanjalo isidenge siyandisa amazwi, noko kungeko mntu owaziyo oko okuza kubako, nokuya kubako emveni kwake; ngubanina ongamxelelayo? 15Umzamo wosidenge uyamdinisa, ngokuba engazi ukuti nina ukuya esixekweni.
16Hai ilishwa lako, lizwe! akuba ukumkani wako engumntwana, nenkosana zako zisidla kusasa. 17Hai itamsanqa lako, lizwe! akuba ukumkani wako engunyana wamatshawe, nenkosana zako zisidla ngexesha elifanelekileyo, ngenxa yokwomelela, kungengenxa yokusela. 18Ngobuvila imiqadi iyonakala, nangokunqena kwezandla indlu iyaneta. 19Bayenza isidlo ngenxa yokuhleka, iti iveyine ivuyise ukudliwa kwobomi; kanjalo imali iyazuzisa oko konke. 20Zungamtuki ukumkani nasekucamangeni kwako; nosityebi ungamtuki enkambilini yako yokulala; ngokuba intaka yezulu iya kuhambisa ilizwi, nento enamapiko iya kuxela indawo.