1NGENXA yalendawo mna Paulusi, umbanjwa ka‐Kristu Yesu ngenxa yenu baheyideni, — 2ukuba kambe nivile ulwabo lwofefe lukatixo olwanikwa kum ngakuni; 3okokuba wati ngesityilo wandazisa imfihlakalo, njengokuba ndiba̔lile pambili ngokufutshane, 4eningati kwa ngako, nakulesesha, nikunakane ukuqonda kwam emfihlakalweni ka‐Kristu, 5ebite kwizimbi izizukulwana ayaziswa konyana babantu, njengoko ityiliweyo kaloku kubapostile bake abangcwele nabaprofite ngomoya; 6yokuba abaheyideni bazindlalifa kunye, nabomzimba okwa mnye, nababelwane bedinga lake, kuye u‐Kristu, ngayo ivangeli; 7endaba ngumkonzi wayo, njengokwesipiwo sofefe lukatixo, endanikwa sona njengokwokusebenza kwamandla ake. 8Kwa kum, endimncinane kwabancinane kubo bonke abangcwele, lwanikwa ufefe olu, lwokuba ndibushumayele pakati kwabaheyideni ubutyebi obungalandekiyo buka‐Kristu, 9nokuba ndibonise bonke abantu into buyiyo ubudlelane bemfihlakalo, ete kwa sekuqalekeni kwamaxesha akudala yafihlelwa kutixo, owadala zonke izinto ngaye u‐Yesu Kristu; 10ukuze kwaziswe kaloku kwabanobupati nakwabanegunya kwezasezulwini indawo ngayo iṙemente ubulumko obupindapindiweyo bukatixo, 11ngokwemvume yasemaxesheni akudala, leyo wayenzayo ku‐Kristu Yesu inkosi yetu; 12esiti kuye sinokukalipa kwetu nokungeniswa kwetu, ngobuganga, ngalo ukolo olukuye. 13Ngako oko ndiyanibongoza ukuba maningabohli ezimbandezelweni zam ngenxa yenu, eziti zona zibubungcwalisa benu.
14Ngenxa yalendawo ndiyagoba amadolo am kuye uyise wenkosi yetu u‐Yesu Kristu, 15ekuvela kwa kuye ukubizwa kwazo zonke izizalwane ezisezulwini nezisemhlabeni ngegama, 16ukuba ati ngokwobutyebi bobungcwalisa bake, aninike ukwomelezelwa ngamandla ngaye umoya wake kowapakati umntu, 17aze u‐Kristu ahlale ngalo ukolo ezintliziyweni zenu; nina nendele nisekelwe nokusekelwa elutandweni nje; 18ukuze ke nikolise ukuba namandla ukuqiqa, kunye nabo bonke abangcwele, ukuba buyinto nina ububanzi, nobude, nobunzulu, nobupakamo, — 19nokulwazi utando luka‐Kristu olunqabeleyo ukwazi, ukuze nizaliswe kude kube kuko konke ukuzala kukatixo.
20Kekaloku kuye onamandla ukwenza ngokupezulu kwizinto zonke, ngokupezulu kakulu ngakumbi kwezo sizicelayo nesizicamngcayo, ngokwamandla asebenzayo kuti, 21kuye lowo makubeko ubungcwalisa eṙementeni, ku‐Kristu Yesu, kuzo zonke izizukulwana kude kube ngunapakade kanapakade. Amene.