1Waza umoya wandifunqula, wandizisa esangweni lasempumalanga lendlu kayehova, elibeka ngasekupumeni kwelanga: kekaloku nanga eselucangweni lwesango amadoda angamashumi mabini anamahlanu; endabona pakati kwawo u‐Yazaniya unyana ka‐Hazure, no‐Pelatiya unyana ka‐Benaya, inkosi zabantu. 2Wayesiti kum: Nyana woluntu! ngawo la amadoda aqingayo ubumenemene, nacebayo icebo elikohlakeleyo kwesisixeko; 3ati: Akukufupi, ukwakiwa kwezindlu; sona siyimbiza, nati siyinyama. 4Ngako oko profitesha ngakuwo, profitesha, nyana woluntu! 5Waza umoya kayehova wawa pezu kwam, wati kum: Yiti: Utsho uyehova ukuti: Kungokunjalo nitshilo, ndlu ka‐Sirayeli! ngokuba izinto ezivukileyo emoyeni wenu ndizazi mna zonke. 6Nibandisile ababuleweyo benu kwesisixeko, nezitarate zaso nizizalisile ngababuleweyo. 7Ngako oko itsho inkosi e nguyehova ukuti: Ababuleweyo benu, enibabekileyo pakati kwaso, bona bayinyama, naso sona siyimbiza; kodwa nina ndonipumisa pakati kwaso. 8Iṙele niloyikile, neṙele ndiya kulizisa pezu kwenu, itsho inkosi e nguyehova. 9Ndandiya kunipumisa pakati kwaso, ndininikele esandleni sabasemzini, ndenze imigwebo pakati kwenu. 10Niya kuwa ngeṙele: pezu kwomda wakwa‐Sirayeli ndiya kunigweba; naniya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova. 11Sona asiyi kuba yimbiza kuni, nani aniyi kuba yinyama pakati kwaso; kwa semdeni wakwa‐Sirayeli ndiya kunigweba. 12Naniya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova, eningahambanga ngemimiso yam, nezigwebo zam ningazenzanga, koko nenzile ngezigwebo zabaheyideni abaningqongayo.
13Kwaza kwati, nxa ndibe ndiprofitesha, wabuba u‐Pelatiya unyana ka‐Benaya. Ndaza ndawa ngobuso bam, ndakala ngelizwi elikulu, ndati: Au, Nkosi Yehova! uya kukwenza na ukugqityelwa kwesisalela so‐Sirayeli?
14Laza ilizwi likayehova leza kum, lisiti: 15Nyana woluntu! abazalwana bako, abazalwana bako, amadoda okwalamana kwako, nayo yonke indlu ka‐Sirayeli ipela, ngabo abemi base‐Yerusaleme bate kubo: Yibani kude kuyehova; linikiwe kuti elilizwe libe lilifa. 16Yiti ke ngoko: Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Nakuba ndibafudusele kude pakati kwabaheyideni, nakuba kanjalo ndibate sa pakati kwamazwe, ndoba yindawo eyingcwele kubo ngomzuzwana noko emazweni apo bafikile kona. 17Yiti ke ngoko: Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Ndonibuta kwa sezizweni, ndonihlanganisa kwa semazweni enitiwe sa kuwo, ndandiya kuninika ilizwe lakwa‐Sirayeli. 18Babeya kuza kona, basuse zonke izinto zalo ezitiyekileyo, nazo zonke izinto zalo ezibuntshontsho, kwa kulo. 19Ndandiya kubanika intliziyo inye, nomoya omtsha ndowubeka pakati kwenu; ndandiya kususa intliziyo yelitye enyameni yabo, ndibanike intliziyo yenyama; 20ukuze bahambe emimisweni yam, nezigwebo zam bazigcine, bazenze nokuzenza: bandule babe ngabantu kum, ndibe ngutixo kubo mna. 21Kodwa abantliziyo iya emva kwentliziyo yezinto zabo ezitiyekileyo nezinto zabo ezibuntshontsho, indlela yabo ndoyibuyekeza pezu kwentloko yabo, itsho inkosi e nguyehova.
22Zandula ikerubime zapakamisa amapiko azo, nevili kunye nazo; nobungcwalisa botixo wo‐Sirayeli bebupezu kwazo ngapezulu. 23Baza ubungcwalisa bukayehova benyuka pakati kwesixeko, baya bema pezu kwentaba engecala lasempumalanga lesixeko.
24Wabuya umoya wandifunqula, wandizisa e‐Kaledine, kubatinjwa, ngesibonakaliso somoya katixo: sada senyuka kum isibonakalo endandisibonile. 25Ndaza ndateta kubatinjwa zonke izinto zikayehova, abendibonisile zona.