U‐Hezekile 9
1Waza wadanduluka ezindlebeni zam ngelizwi elikulu, esiti: Basondeze abapati besixeko, abanye ngabanye benezixo̔bo zabo zokutshabalalisa ezandleni zabo. 2Kekaloku bona ke, kweza amadoda amatandatu, ngendlela yesango lasentla elibeka ngasenode, amanye ngamanye enezixo̔bo zawo zokubulala ezandleni zawo, nendoda inye pakati kwawo ivete izivato zeqiya, inopondo lweyinke lwomba̔li ngasesinqeni sayo; aza angena, ema kufupi nesibingelo sexina. 3Baye ubungcwalisa botixo wo‐Sirayeli bebunyukile kuyo ikerubime, obube bupezu kwayo, baya emnyango wendlu. Waza wabiza kuyo indoda ebivete izivato zeqiya, ebinopondo lweyinke lwomba̔li ngasesinqeni sayo. 4Wati uyehova kuyo: Canda pakati kwesixeko, pakati kwe‐Yerusaleme, ubeke upau pezu kwamabunzi alomadoda agulayo nabefunyekayo pezu kwazo zonke izinto ezibuntshontsho ezenzwayo pakati kwaso. 5Nakwamanye wati ekuveni kwam: Candani esixekweni emva kwayo, nibete; iliso lenu malingabi nalusizi, ningabi nanceba kanjako: 6amaxego, namadodana, nentombi, nentsapo, nabafazi, babulaleni ngokugqibela; kodwa onke amadoda ekupeza kwawo upau, ningasondeli kuwo; nize niqale endaweni yam eyingcwele. Aza aqala ngabadala abebepambi kwendlu. 7Wayesiti kuwo: Nco̔lisani indlu, nizalise amabala ngabahlatyiweyo; pumani. Aza apuma, abulala esixekweni.
8Kwaye kute, nxa abebabulala, kusele nje mna, ndasuka ndawa ngobuso bam, ndakala, ndati: Au, Nkosi Yehova! uya kutshabalalisa na sonke isisalela so‐Sirayeli, ekutululeni kwako nbuṙalaṙume bako pezu kwe‐Yerusaleme? 9Wandula wati kum: Inkohlakalo yendlu ka‐Sirayeli no‐Juda inkulu kakulukazi; ilizwe lizalisiwe ngegazi, nesixeko sizele bubugwenxa; ngokuba besiti: Uyehova ushiyile ilizwe, uyehova akaboni. 10Kanjalo nam, iliso lam aliyi kuba nosizi, andiyi kuba nenceba kanjako; indlela yabo ndoyibuyekeza pezu kwentloko yabo.
11Kekaloku bona ke, indoda ebivete izivato zeqiya, ebinopondo lweyinke ngasesinqeni sayo, yabika indawo, isiti: Ndenzile njengokuba ubundiyalela.
Bible Society of South Africa 1902