U‐Hosheha 12
1U‐Frayime uyawudla umoya, uyaputuma umoya wasempumalanga; imihla yonke uyandisa ubuxoki nobandezelo: ewe, bayalwenza ucebano ne‐Asiriya, neoli iyasiwa e‐Jipete. 2Kanjalo uyehova unepike no‐Juda, waeya kumohlwaya u‐Yakobi njengemikwa yake; njengezenzo zake wobuyekeza kuye. 3Esizalweni wambamba umkuluwe wake ngesitende, nangamandla ake wenza njengenkosi notixo; 4ewe, wenza njengenkosi ngakuyo ingelosi, weyisa ke; walila, wataṙuzisa kuyo: wamfumana e‐Betele, nakona apo wateta nati; 5kwa uyehova, utixo wemikosi; nguyehova isikumbuzo sake. 6Ngako wena, guqukela kutixo wako; gcina ububele nobugwebo, ulinde utixo wako futi.
7Ungumtengi, izilinganiselo zenkohliso zisesandleni sake; uyatanda ukubandezela. 8Wati noko u‐Frayime: Ndityebile, ndizizuzele ubutyebi; kuyo yonke imisebenzi yam abayi kufumana kum inkohlakalo esisono. 9Kodwa mna ndi nguyehova, utixo wako, kuselokwa selizweni le‐Jipete; ndobuya ndikuhlalise ezintenteni, njengasemihleni yomtendeleko ongcwele. 10Kanjalo nditetile kubaprofite, nemiboniso ndiyandisile; nangabo abaprofite ndizekelisile. 11Ngokwenene i‐Gileyadi ikohlakele, ngenyaniso babubuxoki; bayazibinga inkabi e‐Gilegale; nezibingelo zabo zinjengemfumba ngasemiseleni yentsimi.
12U‐Yakobi wesabela elizweni le‐Siriya; u‐Sirayeli wakonza ngenxa yomfazi; ewe, walusa ngenxa yomfazi. 13Ngomprofite uyehova wamnyusa u‐Sirayeli e‐Jipete, nangomprofite wabegcinwa. 14U‐Frayime wamqumbisa ngento ebuṙaṙa; ngako igazi lake inkosi yake yolishiya pezu kwake, nehlazo lake yolibuyisela kuye.
Bible Society of South Africa 1902