1YIVANI ilizwi likayehova, lusapo luka‐Sirayeli! ngokuba uyehova enepike nabemi belizwe; ngenxa yokuba kungeko inyaniso, nobubele, nokwaziwa kukatixo elizweni. 2Ngokuqalekisa, nangokuxoka, nangokubulala, nangokuba̔, nangokuṙexeza, batyobozile, negazi liyafikelana negazi. 3Ngako oko ilizwe liya kulila, nabo bonke abemiyo kulo bocubuka kunye nezilo zasendle, nakunye nentaka zezulu; zaziya kususwa nentlanzi zolwandle. 4Noko makangapiki namnye umntu, kanjako makangamohlwayi omnye; ngokuba abantu bako benjengabo bapikayo nomperisite. 5Ngako uya kuwa emini, nomprofite uya kuwa kunye nawe ebusuku; ndandiya kutshabalalisa unyoko wako.
6Abantu bam bayabujiswa ngokuswela ukwazi: ngokuba wena ulahlile ukwazi, nam ndiya kulahla wena, uze ungabi ngumperisite kum; ulibele umteto wotixo wako nje, nam ndolibala abantwana bako. 7Njengokwandiswa kwabo, kwaba njalo ukundona kwabo: ubungcwalisa babo ndobuguqula bube lihlazo. 8Isono sabantu bam bayasidla, nenkohlakalo yabo bayayilangazelela. 9Kwoti ke, njengokuba benjalo abantu, woba njalo umperisite; ndiya kuyohlwayela pezu kwabo imikwa yabo, nezenzo zabo ndozipindezela kubo. 10Ngokuba beya kutya, kanti abayi kuhlutiswa; bowenza umbulo, kanti abayi kwanda; ngenxa yokuba bayekile ukumbeka uyehova.
11Umbulo, neveyine, neveyine entsha, ziyayisusa intliziyo. 12Abantu bam bayabuza emtini wabo, nentonga yabo iyashumayela kubo; ngokuba umoya wemibulo ubalahlekisile; bemkile ngapantsi kwotixo wabo ngombulo. 13Bayabingelela pezu kwentloko zentaba, napezu kwenduli bayaqu̔misa; ngapantsi kweyeke, nelibene, neterebinte, ngokuba umtunzi wazo umnandi: ngako oko intombi zenu ziyawenza umbulo, nomolokazana benu bayaṙexeza. 14Andiyi kwohlwaya intombi zenu zakuwenza umbulo, nomolokazana benu bakuṙexeza; ngokuba kwa bona bepambukelana nabapinyiswa, bebingelelana nengnawokazi: kodwa abantu abangaqiqiyo baya kuwiswa pantsi.
15Nangona wena, Sirayeli! wenza umbulo, makangabi natyala u‐Juda; zeningezi e‐Gilegale, kanjako ningenyukeli e‐Betavene, zeningafungi ngokuti: Uhleli uyehova. 16Ngokuba u‐Sirayeli enenkani, njengalo itokazi elinenkani; kaloku uyehova wobadlisa, njengemvana endaweni ebanzi. 17U‐Frayime utelelwe kwizitixo: myeke. 18Bati, nxa kupelile ukusela kwabo, bahlale besenza umbulo; amakaka alo ayatanda ihlazo kakulu. 19Umoya ulibopile emapikweni awo, ukuba badanele imibingo yabo.